1. INgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lwaBasebenzi 0013/2011 ye-12 Disemba 2011 yacacisa ukuba izicelo zemvume yokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ongaphandle kwenkonzo karhulumente ngo-2012 bekufuneka zingeniswe kwakhona kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ungadlulanga owe-20 Januwari 2012.
2. ISebe lazisiwe ukuba iisayikholojisti neetherapisti ezithile eziqeshwe liSebe iWCED, zazingenisa izicelo ezilolu hlobo emva kokuphela kuka-2011, kodwa zange ziyinikwe imvume ezaziyicela.
3. ISebe iWCED licela ukuba zonke ezi sayikholojisti neetherapisti zizingenise izicelo zazo kwakhona ungadlulanga owe-11 Meyi 2012.
4. Abaqeshwa mabalandele iimfuno ezingummiselo xa bengenisa izicelo ezicela imvume yokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ongaphandle kwenkonzo karhulumente.
5. Iifom zezicelo ziyafumaneka kwiziko lewebhu leWCED. Akukho fom zezicelo ezizezinye ziya kwamkelwa.
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo abaphantsi kweliso lakho.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:05:03