1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ngokwenjenje lazisa ngopapasho oluya kuphuma nge-30 Januwari 2013 loLuhlu lweZithuba eziZodwa 1/2013, ekululuhlu lwezithuba ezivalekileyo zootitshala (a closed vacany list for educators).
2. Zonke iiSGB, iinqununu, abaphathi beze-IMG nabaphathi beekomiti zeesekethe mabaqinisekise ukuba izithuba zeNqanaba 1 zifakiwe kwikhompyutha ngenjongo yokuzazisa (for advertising) ngowe-24 Januwari 2013.
3. Ootitshala abangaphezulu kwemfuneko (in excess) nabaqeshwe ngemvumelwano (on contract), kwakunye nabo babefumene iibhasari (abasafundela ubutitshala nabafumene ibhasari yeFunza Lushaka), bayakhuthazwa ukuba benze izicelo kwizithuba ezipapashiweyo kuluhlu lwezithuba ezivalekileyo.
4. Olu luhlu lwezithuba luya kuthunyelwa yiRejistri yeSebe iWCED, yaye lungafundwa kwiZiko leWebhu apha http://wced.school.za Klikha ku-"vacancies" kwi-home page yeziko lewebhu xa ufuna ukungena kwi-e-Recruitment System for Educators.
5. Abantu abakhankanywe kumhlathi 3 apha ngasentla abanomdla wokufaka izicelo zezithuba ezipapashiweyo mabaqinisekise ukuba bayazibhalisa baze bazifake iiCV zabo kwi-e-Recruitment System esandula ukuqaliswa.
6. Intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo iya kuqinisekisa ukulawulwa ngempumelelo kwale nkqubo yokuqesha kwaye iya kuthakazelelwa kakhulu.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:13:05