1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) njengangoku lineqela lootitshala abaseziofisini nabasebenzi benkonzo karhulumente abangaphezu kwemfuneko kwisebe eli.
2. Oku kunokubangelwa, phakathi kwezinye izinto, yimimiselo nemigangatho emitsha yabaqeshwa benkonzo karhulumente.
3. ISebe likhuphe esi satifikethi siqhotyoshelweyo (HDM2) emasizaliswe ngabaphathi bamacandelo. Makungeniswe isatifikethi negama ngalinye lomntu otyunjelwe isithuba kwiSebe iWCED (osisigxina, oqeshwe phantsi kwemvumelwano nobambeleyo) ukususela nge-1 Disemba 2012.
4. Amagama abatyujiweyo akayi kuqwalaselwa ngenjongo yokuvunywa singekho esi satifikethi sihamba kunye nolu xwebhu.
5. Kucelwa niqaphele ukuba akukho menzi-sicelo utyunjiweyo makangene kwisithuba sengqesho kungekho mvume kuqala yeNtloko yeSebe.
6. Le nkqubo isebenza kuphela kubaqeshwa abangootitshala abasezi-ofisini (office based educators) nabasebenzi benkonzo karhulumente, ayisebenzi kootitshala abasezikolweni.
7. Luya kuthakazelelwa uncedo lwabo bonke abaphathi bamacandelo malunga noku.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:11:20

IZIQINISEKISO ZOKUNGQINA ABASEBENZI ABANGAPHEZU KWEMFUNEKO BONKE OOTITSHALA NABASEBENZI BENKONZO KARHULUMENTE ABASEZIOFISINI  (ubukhulu: 61 KB)