1. ISebe iWCED livelise i-electronic Departmental Corporate Telephone Directory eya kwenza ukuba abasebenzisi babenako ukukhangela iinkcukacha zoqhagamshelwano zabaqeshwa ngokusebenzisa ikhompyutha. Iyafumaneka Ie dayirekhtri kweli ziko le-Intranethi http://wcedapps.pgwc.gov.za
2. Nakuba kunjalo, enye yengcaciso efumanekayo njengangoku kweli ziko lewebhu inokungabi yechanekileyo. Ngako oko ke kucelwa onke amagosa ukuba angqinisise iinkcukacha zawo zoqhagomshelwano ezichanekileyo ungadlulanga owe-31 Januwari 2012. Zonke izilungiso mazithunyelwe kumncedisi womlawuli ochaphazelekayo (relevant personal assistant) okanye kunobhala wecandelo. linkcukacha ezichanekileyo mazibuyiswe ngumncedisi womlawuli okanye ngunobhala lowo ukwenzela ukuba kufakwe iinkcukacha ezintsha kwidayirekhtri emva kokuba kwenziwe uqeqesho oluyimfuneko. Kujongwe ukuba uqeqesho iwenziwe kwiveki yokuqala kaFebruwari 2012, Imbalelwano malunga noku iya kulandela kornva.
3. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:01:25