1. UMthetho oFakela iziLungiso kwiMithetho yeMfundo esiSiseko, 2011 (uMthetho 15 ka-2011), (The Basic Education Laws Amendment Act, 2011 (Act 15 of 2011)), njengoko upapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. 34620 yowe-19 Septemba 2011, wafakela izilungiso kwiziqendu ezithile zoMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 ka-1996), (South African Schools Act, 1996 (Act 84 of 1996)), emva koku obizwa ngokuba "nguMthetho".
2. Okubandakanyiweyo kwezi zilungiso kukufakwa kwale ngcaciso-gama ilandelayo ethi "imali-mboleko", ukwenzela ukusingatha iimvumelwano zemali ekungenwe kuzo zizikolo:

  "'imali-mboleko' kuthetha nayiphi imbopheleleko yezemali esusela kwimvumelwano, mbopheleleko leyo eyenza isikolo simelwe bubutyala bokwenza intlawulo, ngesavenge esinye okanye ezingaphezu koko, kuye nabani na, kodwa akungabandakanyi intlawulo yabasebenzi abaqeshwe libhunga lolawulo ngokwesiqendu 20 (4) okanye u-(5)."
3. Oku eneneni kuthetha ukuba zonke iimvumelwano zemali izikolo ezingena kuzo nezibeka iimbopheleleko zezemali kwisikolo ukuba sihlawule ngezavenge, zithathwa ngokuba ziimali-mboleko yaye zifuna imvume yoMphathiswa wePhondo ophathiswe ezemfundo kwiphondo, ngokungqinelana neSiqendu 36(2) salo Mthetho.
4. Olu fakelo lwezilungiso kulo Mthetho lukhankanywe apha ngasentla lwaqalisa ukusebenza nge-19 Septemba 2011. Ngako oko ke, zonke iimvumelwano zemali izikolo ezangena kuzo emva kwalo mhla, nezibeka imbopheleleko yezemali esikolweni yokuhlawula ngezavenge, zifuna imvume yoMphathiswa wePhondo. Zonke iimvumelwano ezilolu hlobo ekwangenwa kuzo phambi kwaloo mhla azifuni mvume yoMphathiswa wePhondo.
5. Zonke izikolo kufuneka kwakhona zigcine irejista yazo zonke iimali-mboleko, ii-ovadrafti nazo naziphi na iimvumelwano zemali izikolo ezangena kuzo nezibeka imbopheleleko yezemali esikolweni yokuhlawula ngezavenge. Irejista yeemali-mboleko, ngokwefomathi enikwe apha ngasezantsi, kufuneka ingeniswe qho ngonyaka kuSekela Mlawuli weCandelo leeNkonzo zeZiko (Deputy Director: Corporate Services) le-ofisi yesithili semfundo esichaphazelekayo ungadlulanga owe-15 Apreli, yaye kufuneka zibonise ubume bemeko yemali njengoko injalo nge-31 Matshi ngokumalunga nemali-mboleko nganye, i-ovadrafti nganye okanye imvumelwano nganye.

IREJISTA YEEMALI-MBOLEKO

Igama lekhreditha/
lomboneleli-nkonzo
Injongo yemali-mboleko Isixa semali-mboleko sentsusa Umhla wokwenziwa kwemali-mboleko Ixesha elishiyekileyo libalwe ngee-nyanga Isixa esihla-wulweyo ukuza kuthi ga ngoku Isixa esingekahlawulwa njengoko sinjalo nge-31 Matshi.....
             
             
      -+      
             
             
6. Inkqubo eya kulandelwa zizikolo xa zisenza isicelo semvume yoMphathiswa wePhondo sazo naziphi na iimali-mboleko, ii-ovadrafti okanye nazo naziphi iimvumelwano zemali isikolo esinenjongo yokungena kuzo nezinokubeka imbopheleleko yezemali esikolweni yokuhlawula ngezavenge, yakhutshwa kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweBhajethi: 0002/2005 nesahleli ingatshintshwanga.
7. Izicelo zokuvunywa kweemali-mboleko, kwee-ovadrafti okanye kwazo naziphi na ezinye iimvumelwano zemali nguMphathiswa wePhondo, mazingeniswe kuSekela Mlawuli weCandelo leeNkonzo zeSebe (Deputy Director: Corporate Services) le-ofisi yesithili semfundo esichaphazelekayo. Izicelo ezilolu hlobo mazenziwe kwifom yesicelo echanekileyo (eqhotyoshelwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweBhajethi: 0002/2005), zize zisayinwe yinqununu nangusihlalo webhunga lolawulo lesikolo, kwaye mazihambe kunye namaxwebhu akhankanywe kwifom yesicelo.
8. Ukuba unayo eminye imibuzo emalunga noku, kucelwa uqhagamshelane noNks N Davids kule nombolo yefoni 021 467 2180 okanye kule nombolo yefeksi 086 565 2713.


ISAYINWE: NGU-L J ELY
UMLAWULI OYINTLOKO WOLAWULO LWEZEMALI
UMHLA: 2012:08:30

"Government Gazette No. 34620"  (ubukhulu: 333 KB)
"South African Schools Act, 1996"  (ubukhulu: 86 KB)