1. NgokweSiqendu 44(1) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, 1999 (uMthetho 1 ka-1999) (Public Finance Management Act, 1999 (Act 1 of 1999)(PFMA)), igosa elimele ukuphendula ngosetyenziso lwemali (accounting officer) lesebe linokuthi

  1. ngencwadi ebhaliweyo, lidlulisele kwigosa elikwelo sebe nawaphi na amagunya elithweswe wona okanye adluliselwe kwigosa elimele ukuphendula ngosetyenziso lwemali ngokomthetho we-PFMA (kubandakanywa neMimiselo ye-Ofisi kaNondyebo kaZwelonke neMimiselo ye-Ofisi kaNondyebo wePhondo); okanye

  2. liyalele naliphi na igosa elikwelo sebe ukuba lenze nayiphi na imisebenzi eyabelwe igosa elimele ukuphendula ngosetyenziso lwemali ngokwe-PFMA (kubandakanywa neMimiselo ye-Ofisi kaNondyebo kaZwelonke neMimiselo ye-Ofisi kaNondyebo wePhondo).
2. Ngenxa yoku kulapha ngentla, la maxwebhu alandelayo, naqhotyoshelwe apha, aqala ukusebenza ngoko nangoko:

  1. Delegations of Powers

  2. Assignment of Responsibilities
3. Ngokwenjenje kutshitshiswa ukusebenza kwe-Education Finance Instruction 6/2005, yowe-29 Septemba 2005.


ISAYINWE: NGU-L J ELY
UMLAWULI OYINTLOKO WECANDELO LOLAWULO LWEZEMALI
UMHLA: 2012:11:22

"Public Finance Management Act, 1999"  (ubukhulu: 487 KB)
"Delegation of Powers"  (ubukhulu: 102 KB)
"Assignment of Responsibilities"  (ubukhulu: 214 KB)