1. Okufakwe apha zizatifikethi zenu oo-IRP 5 kunye/okanye IT 3(a) boNyaka weRhafu 2011-2012.

2. Ezi zatifikethi mazinikwe abasebenzi abaqeshiweyo njengangoku kwelo ziko. Kucelwa uncede uqinisekisa ukuba izatifikethi zabasebenzi ababesenkonzweni kwelo ziko ngonyaka werhafu 2011-2012, kodwa ngoku abasele bengasekho apho kwiziko lakho, zithunyelwa kwiipheyipoyinti zabo ezintsha okanye kwiidilesi zabo zasekhaya ngokukhawuleza, okanye zibuyiselwa kule ofisi.

3. Uxwebhu oluneenkcukacha (control sheet) oluqhotyeshelweyo malungqinwe ukubonisa ukuba zifunyenwe yaye malubuyiselwe ngokukhawuleza kule dilesi ilandelayo ngeenjongo zokulungiselela uphicotho-zincwadi okanye ukugcinwa kweerekhodi:

  Head: Education
Tax Section (7th Floor)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000

4. Kucacile ukuba abanye abaqeshwa abakunanze nganto ukubaluleka kweezatifikethi oo-IRP 5 yaye iCandelo leRhafu leli Sebe iWCED lidla ngokuxinwa zizicelo zokunikwa izatifikethi oo-IRP 5 eziyidyuplikheyithi. Oku kubangela umthwalo onzima womsebenzi ongeyomfuneko kule ofisi. Ngako oko ke kucelwa ukuba uyigxininise kubo bonke abaqeshwa into yokuba
4.1 mabazigcine izatifikethi oo-IRP 5 babo kwindawo ekhuselekileyo.
4.2 Kuphela sisicelo esibhaliweyo esicela isatifikethi IRP5 esiyidyuplikheyithi esiya kwamkelwa.
4.3 Kuza kubakho intlawulo eyi-R40.00 ngesatifikethi esiyidyuplikheyithi ngasinye esicelwayo.

5. Kucelwa ukuba bonke abaqeshwa bangqinisise inombolo yerhafu (tax number) ekwisatifikethi sabo ukuba ngaba yechanekile kusini na. Ukuba ayikho inombolo yerhafu kwaye umqeshwa ungumrhafi obhalisiweyo (registered tax- payer), kufuneka ke ngoko angenise inombolo yerhafu yakhe kule ofisi (Tax Section) ukwenzela ukuba kuhlaziywe irekhodi yePesalI yakhe. (Makungeniswe ikopi yengxelo yerhafu (tax return) okanye ileta evela kwabeNkonzo yeNgeniso yeRhafu yaseMzantsi Afrika (South African Revenue Service (SARS)) ekukho kuyo inombolo yerhafu njengoxwebhu lokungqinisisa.

6. Ngoku kunyanzelekile ukuba bonke abaqeshwa babhalise njengabarhafi, kungakhathaliseki mvuzo ofunyanwayo. Ngako oko ke bayacelwa bonke abaqeshwa ukuba babhalise ngokukhawuleza baze emva koko bangenise inombolo yerhafu yabo kwiSebe iWCED.

7. Kulo nyaka usuku lokugqibela ekufuneka kuthi ngalo kungeniswe iingxelo zerhafu (tax returns) zika-2012 kwabo bazingenisa zingamaphepha (hard copies) yi- 28 Septemba 2012 kuze kwabo bazingenisa ngekhompyutha ube yi-23 Novemba 2012. Kwiimeko apho umntu afuna ukwandiselwa ixesha, luxanduva lomqeshwa ukucela oko kwandiselwa ixesha kwa-SARS.

8. Kucelwa uqinisekise ukuba okukule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke abasebenzi abalapho ukuze bakuthathele ingqalalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ Ely
UMLAWULI OYINTLOKO: WOLAWULO LWEMICIMBI YEZEMALI
UMHLA: 2012:07:03