1. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukukukhumbuza ngegalelo ekufuneka ulenzile ukulungiselela ukwenziwa kweengxelo-mali liSebe leMfundo leNtshona Koloni zonyaka-mali ka-2011-2012. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neNgcaciso eMfutshane yoLawulo lweMicimbi yezeMali 0001/2012 (Financial Accounting Minute 0001/2012) emalunga neenkqubo zokuvalwa kwe-BAS zonyaka-mali ka-2011-2012.2.
2. NgokweSiqendu (40)(1)(c) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, uMthetho 1 ka-1999, (Public Finance Management Act (PFMA), 1999, (Act 1 of 1999), njengoko ufakelwe izilungiso nguMthetho 29 ka-1999, iGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso lweMali (Accounting Officer) kufuneka lilungise iingxelo-mali zonyaka-mali ngamnye lize lizingenise ukuba ziphicothwe zingaphelanga iinyanga ezimbini zokuphela konyaka-mali, kuMphicothi-zincwadi Jikelele (Auditor-General) nakuNondyebo wePhondo (Provincial Treasury), oya kulungisa iingxelo-mali ezidityanisiweyo (consolidated financial statements). Oku kuthetha ukuba iingxelo-mali zeSebe i-WCED ezigqityiweyo zasayinwa mazingeniswe ungadlulanga owe-31 Meyi 2012.
3. Ukwenzela ukuba iCandelo lezeMicimbi yeMali libe nokungqinelana neemfuno ezingummiselo ze-PFMA, kubaluleke gqitha ukuba abantu abathweswe lo msebenzi nabakuluhlu oluqhotyoshelweyo bangenise amagalelo abo kweli candelo ngokukhawuleza, emva kokuvalwa kwalo nyaka-mali, okanye ungadlulanga owe-20 Apreli 2012 ukuba azixhomekekanga ekuvalweni konyaka-mali. Kucelwa niqaphele ukuba amagalelo enu makahanjiswe kunye namaxwebhu axhasayo, namakangeniswe ngokuthunyelwa ngekhompyutha, ngendlela nangexesha ekufunwa ngalo yi-Ofisi yoMphicothi-zincwadi Jikelele. Onke amagalelo/amaxwebhu axhasayo makangeniswe engamaphepha (hard copy versions), makangqinisiswe njengachanekileyo (certified as correct) aze asayinwe (signed off) ngabalawuli/ziisuphavayiza ezifanelekileyo.
4. Ukwenza kube lula ukujonga izalathiso (reference), kuza kuthunyelwa kwicandelo ngalinye nge-imeyili iikopi ezisekhompyutheni zeethempleyithi zokusetyenziswa xa kuqulunqwa iingxelo-mali ezifanele icandelo elo, kwakunye nesikhokelo esifanelekileyo sokunceda xa kulungiswa ezi ngxelo-mali kubantu abakuluhlu oluqhotyoshelweyo.
5. Nayiphi na imibuzo emalunga noku inokubhekiswa kuMnu MJ Comer kule nombolo yefoni 021 467 2736 okanye kuMnu H Mouton kule nombolo yefoni 021 467 2263.
6. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
UMLAWULI OYINTLOKO WOLAWULO LWEZEMALI
UMHLA: 2012:04:05

"Public Finance Management Act (PFMA), 1999"  (ubukhulu: 487 KB)
"List of persons responsible for providing input for Annual Financial Statements (AFS)"  (ubukhulu: 67 KB)