1. Ngokungqinelana neCandelo III C1 no-C2 leMimiselo yeNkonzo kaRhulumente, 2001 (Public Service Regulations, 2001, iNtloko yezeMfundo mayiseke iprogram yokuphuculwa kokwenziwa kweenkonzo kwaye iyigcine iqhubeka ize ipapashe ingxelo yokuzibophelela kwinkonzo karhulumente ecacisa imigangatho yenkonzo enokulindelwa ngabenzelwa iinkonzo.

2. Le Tshatha yeeNkonzo iqhotyoshelweyo iqulethe oku kulandelayo:

  • Imigangatho yeeNkonzo zeSebe iWCED
  • Iinkonzo ezenziwa liSebe iWCED
  • Amalungelo abo benzelwa iinkonzo
  • Ifasilithi yokufaka izikhalazo nokwenza izincomo
  • Uluhlu lweendawo ekwenzelwa kuzo iinkonzo
3. Kucelwa uyibeke le Tshatha yeeNkonzo endaweni esemboniselweni apho iya kubonakala ngokulula ukulungiselela abo ubenzela iinkonzo kwaye uxoxe ngoko ikuquletheyo nabo usebenza nabo.

4. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:06:15

ITshatha yoKwenziwa kweeNkonzo  (ubukhulu: 146 KB)