1. Ukuzaliswa kweemakhishithi
1.1 Apha kufakwe iimakhishithi ezisekhompyutheni zovavanyo oluqhubekela esikolweni (school-based assessment (SBA)) zazo zonke izifundo, kwakunye nee-control lists ezifanelekileyo. Iinqununu maziqinisekise ukuba zizifumene zonke iimakhishithi ezifunekayo.
1.2 Kucelwa uqaphele ukuba unikwa ikopi enye kuphela yemakhishithi nganye ukuba izaliswe. Kubaluleke gqitha ke ngoko ukuba izikolo mazenze iikopi zemakhishithi ezimodareyithiweyo zizigcine ukulungiselela iinjongo zeerekhodi.
1.3 Kucelwa uqinisekise ukuba iishedyuli zokumodareyitha zizalisiwe yaye ziya kufumaneka xa zifunwa ngabacebisi ngezekharityhulam (curriculum advisors (CAs) ngosuku lokumodareyitha. Ootitshala bezifundo mabazalise kuphela amanqaku angekamodareyithwa kwikholam ebhalwe "Mark".
1.4 Kuphela kusemva kokumodareyithwa kokugqibela kwesifundo ngasinye, apho kuya kukhutshelwa amanqaku amodareyithiweyo kwikholam ebhalwe "Mod" yeemakhishithi ze-SBA ngumcebisi ngezekharityhulam.
1.5 Ukuba isikolo sakho sifumana iimakhishithi ze-SBA ezisekhompyutheni (computerised SBA mark sheets) kuphela emva kokumodareyithwa kwazo, makwenziwe amalungiselelo afunekayo okuzaliswa kweemakhishithi nomcebisi ngezekharityhulam.

2. Ukwabiwa kwamanqaku e-SBA

Makwabelwe amanqaku umviwa ngamnye onombolo yakhe yoviwo ivelayo kwimakhishithi.

Oku makwenziwe nakubaviwa:

  • ababegxothiwe okanye abebenqunyanyiswe okwethutyana esikolweni;
  • abafake izicelo zokutshintsha iziko lokubhalela uviwo;
  • ababengekho esikolweni ithuba elide apha enyakeni;
  • ababengekho ngosuku lokumodareyitha; okanye;
  • ababebhalise isifundo kwesinye isikolo okanye kwelinye iziko umz., iziko lobugcisa (art centre); yaye
  • ababhaliswe njengabaphindayo/bethutyana ababhalwe ekugqibeleni kwiimakhishithi.

3. Amanqaku angafakwanga (abaviwa ababengekho nabo bangenawo amanqaku e-SBA)
3.1 Makufundwe iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loVavanyo 0014/2009 yomhla we-24 Julayi 2009, ukufumana ingcaciso ngabaviwa abangazanelisiyo ncam iimfuno ze-SBA.
3.2 Apho kunikwe isizathu esibambekayo, umviwa makalinikwe elinye ithuba lokuwenza awugqibe umsebenzi we-SBA. Ukuba umviwa akakwazi ukubakho ukwenzela ukuba enze icandelo elithile le-SBA nesizathu soko samkelekile, amanqaku e-SBA omviwa aya kuthi ke ngoko abalwe, kususelwa kumacandelo enziweyo. Kubalwa awona manqaku aphezulu, lingafakwa icandelo elo umviwa afumene ukuxolelwa ekwenzeni umsebenzi walo.

Umzekelo 1: Isizathu esibambekayo

  ICandelo 1 ICandelo 2 ICandelo 3 ICandelo 4 ICandelo 5 Ewonke
Amanqaku aphezulu 25 10 20 30 15 100
Amanqaku omfundi 12 Axolelweyo kuwo 8 23 Axolelweyo kuwo 43
Awona manqaku aphezulu omfundi 25   20 30   75

Amanqaku e-SBA = (12 + 8 + 23)/75
= 43/75

Le pesenti yokuphela konyaka mayitshintshelwe kumanqaku apho itotali yamanqaku ewonke ingu-100 ngolu hlobo lulandelayo:

Amanqaku e-SBA = 43/75 x 100
= 57

La manqaku (57/100) aya kurekhodwa kwishedyuli ye-SBA.

3.3 Apho kunganikwanga sizathu sibambekayo, umviwa akanikwa manqaku ngelo candelo le-SBA.

Umzekelo 2: Akukho sizathu sibambekayo

  ICandelo 1 ICandelo 2 ICandelo 3 ICandelo 4 ICandelo 5 Ewonke
Amanqaku aphezulu 25 10 20 30 15 100
Amanqaku omfundi 12 Abangaxole-lwanga ngokungenzi umsebenzi 8 23 Abangaxole-lwanga ngokungenzi umseben 43
Amanqaku e-SBA = (12 + 0 + 8 + 23 + 0)/100
= 43/100

La manqaku (43/100) aya kurekhodwa kwishedyuli ye-SBA.

3.4 Kufuneka kugxininiswe ezi nkqubo zilandelayo zokuzaliswa kweemakhishithi (IsiHlomelo A):
3.4.1 Kwimeko apho umviwa angakhange awenze amacandelo e-SBA kwaphela, kodwa kube kunikwe isizathu esivakalayo soku, faka “999” kwimakhishithi. Makunikwe ubungqina besizathu (bezizathu) esibambekayo kumcebisi ngezekharityhulam ngethuba leseshoni yokumodareyitha size sithunyelwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo.

Okuthethwa ngu-'999':

  • Umviwa uya kufumana iziphumo ezingaphelelanga (incomplete result) nkqu nokuba amanye amaphepha oviwo ayebhaliwe.
  • Abaviwa abano-'999' baya kunikwa iinyanga ezi-3 zekhalenda emva kokukhutshwa kweziphumo ukuba bangenise amanqaku e-SBA. Ukungaphumeleli ukwenza oku kuya kubangela ukuba umviwa asiphinde isifundo siphela.
3.4.2 Apho umviwa angakhange awenze amacandelo e-SBA yaye kungekho sizathu sivakalayo sinikiweyo, faka u-“444” kwimakhishithi. Umviwa ololu hlobo uya kufumana iziphumo ezingaphelelanga (incomplete result) yaye kufuneka asiphinde isifundo siphela. 3.4.3 3.4.4
3.4.3 Apho ukutshintsha isifundo okuvunyiweyo kungaboniswanga kwimakhishithi, faka u-"888" kwikholam yamanqaku ("Mark" column). Zalisa isiHlomelo B ngokumalunga necandelo le-SBA ngalinye lesifundo esitsha.
3.4.4 Ngenxa yoku kungasentla, amanqaku aphakathi kuka-"000" no-"005" akasayi kwamkeleka.

4. Abafundi abanezithintelo zokuthetha kunye/okanye zokuva

Abaviwa abanezithintelo zokuthetha kunye/okanye zokuva (candidates with speech and/or hearing barriers) kufuneka, endaweni yamanqaku e-orali, bafumane amanqaku ngokomlinganiselo (pro rata) osusela kumanqaku abawafumeneyo kumsebenzi wabo obhalwayo weemviwo zikaJuni nezikaSeptemba zango-2012.


5. Umsebenzi oluxanduva lweenqununu ngokumalunga nokuzaliswa kweemakhishithi

Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abaviwa ababhala uviwo lweSatifikethi seMatriki kuZwelonke kwizikolo zabo bawanikiwe amanqaku eSBA afunekayo.


6. Umhla wokubuyiswa kweemakhishithi

Abaququzeleli bovavanyo mabaqinisekise ukuba iimakhishithi ezizaliswe ngokupheleleyo zifika kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ungadlulanga owe-5 Novemba 2012.


7. Amanqaku e-SBA angafakwanga (SBA marks outstanding)

Kucelwa iinqununu ukuba zingathumeli abaviwa abangenawo amanqaku e-SBA ngqo kwiSebe leMfundo emva kokuba zikhutshiwe iziphumo. Inkqubo echanekileyo yokuqhagamshelana neSebe leMfundo ngokumalunga namanqaku e-SBA angafakwanga (SBA marks outstanding) kukuqala kumcebisi ngezekharityhulam kwi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo.



ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:09:18

IsiHlomelo A: "Mark Sheet"  (ubukhulu: 25 KB)
IsiHlomelo B: "Subject changes or new entries"  (ubukhulu: 18 KB)