1. Ukuze bakwazi ukufumana iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC), kufuneka abaviwa benze izifundo eziyi-7 ezikhethwe kwilisti yezifundo ezivunyiweyo, njengoko ziqulathwe kolu xwebhu lomgaqo-nkqubo, The National Senior Certificate: A Qualification on Level 4 of the National Qualifications Framework.

2. Kufuneka kufundwe iilwimi zaseburhulumenteni ezimbini, phantsi komqathango wokuba olunye lwezo lwimi zimbini lwenziwa kwinqanaba loLwimi lweeNkobe luze olunye lwenziwe kwinqanaba loLwimi lweeNkobe okanye loLwimi oLongezelelweyo lokuQala. Kufuneka olunye lwezi lwimi zimbini lube lulwimi lokufunda nokufundisa.

3. Ukunikwa koxolelo ekufundeni iilwimi kubafundi abavela kwamanye amazwe kuyasebenza (is also applicable) kwakhona kwiSigaba seMfundo noQeqesho ngokubanzi (General Education and Training Band).

4. Ingcaciso-gama yomntu ovela kwelinye ilizwe (immigrant) ukulungiselela iinjongo zeemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke

UMgaqo-nkqubo kaZwelonke omalunga neProgram neeMfuno ezinguMmiselo zokuPasa zeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yamaBakala R-12 (The National Policy pertaining to the Programme and Promotion Requirements of the National Curriculum Statement for Grades R-12), njengoko upapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. 34600, yomhla we-12 Septemba 2011, umchaza umfundi ovela kwelinye ilizwe ngolu hlobo lulandelayo:

  1. Umntwana okanye umondliwa (dependant) wegosa elingunozakuzaku welinye ilizwe (diplomatic representative of a foreign government) elivunyiweyo eMzantsi Afrika, okanye

  2. Nabani na owathi

    1. wabhalisa kuqala waza wangena isikolo saseMzantsi Afrika kwiBakala 7 okanye kwibakala elingaphezu koku, okanye

    2. akuba eqale ukufunda kwisikolo saseMzantsi Afrika, waya kufunda kwisikolo esingaphandle kwemida yoMzantsi Afrika iminyaka emibini okanye engaphezu koko elandelelanayo emva kweBakala 3 okanye ibakala elilingana neli, nangaphambi kweBakala 9 okanye ibakala elilingana neli, waze emva koko waphinda wabuyela eMzantsi Afrika.
5. Ukuxolelwa ekufundeni ulwimi (language exemptions) kwabafundi abavela kwamanye amazwe
5.1 Umfundi ovela kwelinye ilizwe, njengoko kuchaziwe apha ngasentla, unokufunda ulwimi lwaseburhulumenteni olunye (1) kuphela ubuncinane kwinqanaba loLwimi oLongezelelweyo lokuQala kwaye kufuneka afumane amanqaku okupasa ubuncinane ayi-30% kolo lwimi, ngokuxhomekeka ekubeni wenza esinye isifundo esikwiQela B, njengoko kucacisiwe kulo mgaqo-nkqubo, The National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework, opapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. 27819, yomhla we-20 Julayi 2005.
5.2 Endaweni yokufunda esinye isifundo esikwiQela B, njengoko kukhankanyiwe kumhlathi 5,1 apha ngentla, endaweni yolwimi lwaseburhulumenteni olungafundwayo njengesifundo, umfundi ovela kwelinye ilizwe unokwenza ulwimi lweenkobe lwakhe, phantsi kwale miqathango ilandelayo:
5.2.1 Ukuba olo lwimi lweenkobe luyavela kwinqanaba loLwimi lweeNkobe kuluhlu lukwiThebhile B4.
5.2.2 Xa kungekho lulwimi lweenkobe lomfundi ovela kwelinye ilizwe kwiQela B, loomfundi unokufunda ulwimi lweenkobe lwakhe kwinqanaba A le-General Certificate of Education (GCE) yase-United Kingdom okanye ngokungenela uviwo oluvunyiweyo lisebe lemfundo ukulungiselela njongo olulingana nolwenqanaba loLwimi lweeNkobe.

Kufuneka abafundi bapase ulwimi lweenkobe lwabo lingaphelanga ithuba eliqala kwiinyanga ezi-6 phambi kokuba babhale uviwo lweNSC neliphela kwiinyanga ezi-6 emva kokuba bebhale iimviwo zabo zeNSC. Iziphumo zolu viwo lolwimi lweenkobe mazithunyelwe kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ngaphandle kokulibazisa ngenjongo yokuba kukhutshwe isatifikethi.

Uxanduva lusemagxeni omfundi lokwenza amalungiselelo ayimfuneko oviwo lwenkqubo ye-A level yeBritish Council kule dilesi ilandelayo:

The British Council
Examinations Services
33 Hoofdt Street
Braampark,
Forum 1, Ground Floor
BRAAMFONTEIN
2001

Inombolo yefoni: 086 001 2233


6. Isicelo sokuxolelwa ekufundeni ulwimi
6.1 Makuzaliswe le fom iqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) xa kusenziwa isicelo sokuxolelwa ekufundeni ulwimi, kwaye mayihambe kunye nala maxwebhu alandelayo.

  1. Uxwebhu lwaseburhulumenteni olusetyenziswayo olukhutshwa liSebe leMicimbi yezeKhaya

  2. Uxwebhu lwaseburhulumenteni olukhutshwa sisikolo apho umfundi waqala wangena khona kwinkqubo yemfundo yaseMzantsi Afrika
6.2 Zonke izicelo zokuxolelwa ekufundeni ulwimi mazingeniswe kwiSebe iWCED ngokuthi zingeniswe yinqununu.
6.3 Ileta yeWCED yokunika uxolelo (exemption) iya kuthunyelwa ngqo kwisikolo eso.
6.4 Umhla wokuvunywa kwesicelo sokuxolelwa ekufundeni ulwimi kufuneka, kwimeko yomfundi osisigxina, ufakwe kwikhadi lerekhodi yomfundi. Ileta yokunika imvume mayiqhotyoshelwe kwikhadi lerekhodi ukuba umfundi ochaphazelekayo utshintshela kwesinye isikolo.
6.5 Isicelo sokuxolelwa ekufundeni ulwimi masingeniswe ngoko nangoko emva kokuba umfundi amkelwe okokuqala esikolweni saseMzantsi Afrika nekungafunekanga ukuba siyekwe ade abe ubhalisela uviwo.
6.6 Abafundi abahlala ngokungesosigxina eMzantsi Afrika kufuneka bafune imvume yokufunda ekhutshwa liSebe leMicimbi yezeKhaya. Iikopi zepasipothi yomfundi nemvume yokuhlala okwethutyana mazihambe kunye nesicelo sokuxolelwa ekufundeni ulwimi.

QAPHELA: Zonke izicelo zokuxolelwa ekufundeni ulwimi mazingeniswe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo leSebe iWCED phambi komhla we-22 Juni 2012 zalo nyaka oqhubekayo njengangoku zabafundi abakwiqela labafundi beBakala 12 kuze emva koko zingeniswe phambi komhla we-15 Matshi qho ngonyaka


7. Kunyanzelekile ukuba iinqununu zezikolo zaseprayimari nazo ziziqaphele iikhrayitheriya ezisebenzayo kuxolelo ekufundeni ulwimi.

8. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu ngokumalunga nayo nayiphi na imimiselo ekule setyhula, kucelwa uqhagamshelane nalo: Ms V du Plessis kule nombolo yefoni 021 467 2162.

9. Ziyacelwa iinqununu namagosa ezithili ukuba zincede zazise oku kule ngcaciso imfutshane abazali nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:07:05

"Goverment Gazette No 34600"  (ubukhulu: 115 KB)
isiHlomelo A: "Application form for language exemption for Immigrant learners"  (ubukhulu: 88 KB)