1. Imvelaphi
1.1 Le ngcaciso emfutshane ibonelela ngenkqubo esebenzayo yeminyinyiva ekubhaleni iimviwo (examination concessions) yokulungiselela abafundi abanezithintelo ekufundeni.

2. concessions)>
2.1 Iminyinyiva (concessions) engokumalunga neeLwimi neMathematika

Le minyinyiva ilandelayo engokumalunga neeLwimi neMathematika inokusetyenziswa kubafundi abanezithintelo ezimalunga nokungeva (deafness), ukungakwazi kuthetha okanye kuqonda intetho (aphasia) nengxaki yokungakwazi kufunda bacacise amagama (dyslexia) nengxaki yokungakwazi kubala (dyscalculla).

  1. Abaviwa abangevayo banokwenza ulwimi lwaseburhulumenteni olunye qwaba (1) kwinqanaba loLwimi lokuQala oLongezelelweyo, ngokuxhomekeka ekubeni kwenziwa esinye isifundo esikwiQela B endaweni yolunye ulwimi lwaseburhulumenteni olungenziwayo. (Luqhotyoshelwe apha uluhlu lwezifundo ekubhekiswa kulo njengesiHlomelo A).

  2. Abaviwa abangakwazi kuthetha (aphasic candidates) nabanengxaki yokungakwazi kufunda bacacise amagama (dyslectic candidates) banokwenza ulwimi lwaseburhulumenteni olunye qwaba (1) kwinqanaba loLwimi lokuQala oLongezelelweyo, ngokuxhomekeka ekubeni kwenziwa esinye isifundo esikwiQela B endaweni yolwimi lwaseburhulumenteni olunye olungenziwayo.

  3. Abaviwa abanengxaki yokufunda imathematika (mathematical disorder), enjengokungakwazi kubala (dyscalculla), banokuxolelwa ekwenzeni uLwazi lweMathematika (Mathematical Literacy) okanye iMathematika, ngokuxhomekeka ekubeni kwenziwa esinye isifundo kumaQela A okanye B endaweni yoLwazi lweMathematika okanye yeMathematika.

Izicelo ezingokumalunga noku kulapha ngentla mazikucacise gca oko kwisicelo eso.

2.2 Ukutshintshwa apha naphaya (adaptations) kwamaPhepha eMibuzo

ISebe iWCED liya kubonelela ngotshintsho apha naphaya lwamaphepha emibuzo kubafundi abangaboniyo, ababona luzizi nakubafundi abangevayo:

  1. Abafundi abangaboniyo baya kufumana amaphepha emibuzo atshintshelwe kwiBreyili (Braille). Kwimeko apho umbuzo usekelwe kwimizobo, kwimifanekiso okanye kwiifoto, kuya kufakwa omnye umbuzo ofanelekileyo endaweni yalowo.

  2. Abafundi ababona luzizi/abanorhatyazo lwamehlo baya kufumana iphepha lemibuzo elandiswe isayizi yefonti (font size) ukuba ibe ngu-Arial 16 kwiphepha elingu-A4, lo gama imizobo iya kwandiswa ize ifakwe njengesihlomelo (addendum). Nangona kunjalo, ngamnye umzobo uya kuvela kwiphepha lemibuzo umkhulu ngokuqhelekileyo yaye ukwindawo yawo ephepheni ukwenzela ukuncedisa umfundi.

  3. Kwimeko apho umfundi ongaboniyo okanye onorhatyazo lwamehlo angakwaziyo kubhala uviwo ngenxa yokunye ukukhubazeka, kungatyunjwa kwakhona umntu obhalela umfundi ongaboniyo (an amanuensis).

  4. Bangabonelelwa kwakhona ngee-audio tapes okanye ngee-CD abafundi abangaboniyo okanye abanorhatyazo lwamehlo abanokufuna uncedo olungaphezulu.

  5. Abafundi abangeva kakuhle baya kufumana iphepha lemibuzo elitshintshwe apha naphaya.

Makuzaliswe le fom iqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) ize ingeniswe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo, ibhalwe oku "For attention Ms B Calvert" ungadlulanga owe-31 Julayi 2012.


3. ISatifikethi seMatriki sikaZwelonke esi-Endosiweyo

ISatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) esi-endosiweyo sinokukhutshelwa abafundi abaneemfuno ezizodwa zemfundo abangenako ukuzanelisa iimfuno ezimiselweyo zeprogram nezokupasa ze-NSC ngenxa yokubanaso nasiphi na sezi zithintelo ekufundeni zilandelayo:

  1. Abafundi abanezithintelo ekufundeni ezichaphazela imizwa yomzimba (neurological barriers) ezenza bangakwazi ukufunda, ukupela, abane-dysgraphia, echaphazela ukwazi ukubala imathematika nezakhono zolwazi lokubala (numeracy skills) kunye nokwazi ukuqonda amagama abhaliweyo.

  2. Abafundi (abangevayo nabangeva kakuhle (hard of hearing) okuthi ukungeva kwabo kakuhle kube zizithintelo kakhulu ekufundeni nabaya kuzuza ngokuthi bamkelwe kwizikolo zabafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa.

  3. Abafundi abanezithintelo kakhulu ekufundeni ngenxa yokungaboni (abangaboniyo nabangaboni kakuhle) abamfuno zabo zingenako ukuhlangatyezwa kwizikolo eziqhelekileyo, ngakumbi iimfuno zabo ezizodwa ezimalunga neendlela zokufundisa ezizodwa (ukusetyenziswa kweBreyili namagama amakhulu kunye nokusetyenziswa kwezixhobo ezizodwa [izixhobo zeBreyili], iikhamera zokwandisa amagama nee-CCTV eziklasini, i-screen reading software, i-magification software, njl. njl.).

  4. Abafundi abanezithintelo kakhulu ekufundeni ngenxa yokukhubazeka emzimbeni ukuba abafundi abalolu hlobo abakwazi kuzuza nto kwizikolo eziqhelekileyo. Oku kungabangelwa zizinto ezininzi ezinjengokungakwazi kakhulu ukuhamba-hamba (extremely limited physical movements), ukuxhomekeka kwizixhobo ezithile (umz. izitulo ezinamavili) iimeko zempilo kunye nezakhiwo zesikolo ezingakwazi kufikeleleka (Igama elithi "ukukhubazeka emzimbeni" lidibanisa iimeko ezininzi kakhulu ukususela kwii-congenital disabilities kuye kwii-abnormalities acquired ezibangelwe kukugula, ezona zixhaphake kakhulu kuzo izezi spinal bifida, cerebral palsy, muscular dystrophy, haemophilia, cardiovascular ne-pulmonary conditions).

  5. Abafundi abanezithintelo ekufundeni ngokwasengqondweni eziqalela kwezingengako kuye kwezikhulu (mild to severe intellectual barriers to learning) abamfuno zabo zemfundo ezizodwa zingenako ukuhlangatyezwa kwizikolo eziqhelekileyo, kodwa abanako ukuthathwa kuphela kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa.

  6. Abafundi abanezithintelo ekufundeni ezininzi (multiple barriers to learning).

  7. Abafundi abanezithintelo ekufundeni ezikhulu ezibangelwa kukungakwazi kuziphatha nakuphazamiseka ngokwasemoyeni (severe behavioural and emotional barriers to learning).

  8. Abafundi abanayo nayiphi na imfuno eyodwa evavanywe ngugqirha (medically assessed special need) enokungabikho kwezi ndidi zilapha ngentla.

Abafundi abaneemfuno ezizodwa zemfundo mabanelise iimfuno ezingummiselo zovavanyo lwangaphakathi nolwangaphandle kwizifundo ezingekho ngaphantsi kwezi-5. Izicelo zokubhalisela iNSC e-endosiweyo mazingeniswe nazo ngokuzalisa isiHlomelo C.


4. Iinkqubo

  1. Ingxelo yengcali enika iinkcukacha ezibanzi (engagqithanga kwiminyaka emi- 3 ubudala) evela kumntu oqeqeshelwe ezonyango okanye kwisayikholojisti, kwakunye nobunye ubungqina obuxhasayo (iziphumo zovavanyo, iziphumo zoviwo, njl. njl.) mazihambe kunye nefom yesicelo efanelekileyo (IsiHlomelo C).

  2. Ifotokopi yesazisi somviwa eqinisekisiweyo mayihambe kwakhona kunye nazo zonke izicelo.

  3. Kwiimeko apho isicelo senzelwe umviwa onengxaki yokungakwazi kupela amagama okanye onengxaki yokubhala (handwriting problem) emayaziswe igosa elimakishayo, kufuneka kungeniswe kwakhona imizekelo yomsebenzi obhaliweyo womfundi, ecacisa gca ingxaki.

  4. Makunikwe ingcaciso ecace gca yengxaki yomviwa, njengoko iqatshelwe eklasini. Ukuba ingxaki inkulu, makuboniswe neminyinyiva eyanikwa kwixesha langaphambili ngethuba lokufunda komviwa esikolweni (umz. ixesha elongeziweyo awalinikwayo, umnyinyiva wokungakwazi kupela amagama (spelling concessions). Kwiimeko ezinjalo, makunikwe ingcaciso echaneke ncam ecacisa malunga nobungakanani bomnyinyiva owanikwayo kwixesha langaphambili, umz, inani lemizuzu eyongeziweyo ngeyure nganye elavunywayo.

  5. Izicelo zamaxesha okubhala uviwo ongeziweyo ngenxa yeemeko ezingakhange zilindeleke, ezinjengokophuka engalweni okanye emnweni okwenzeka emva komhla wokuvala okhankanywe apha ngasentla, kufuneka kwakhona zingeniswe kwifom emiselweyo. Kwimeko enjengale, kungathunyelwa ifom yesicelo, amaphepha kagqirha namanye amaxwebhu axhasayo, kwiSebe ngefeksi kusetyenziswe le nombolo yefeksi 021 461 5637 okanye 086 696 8927. Amaxwebhu entsusa (original documents) makathunyelwe ngeposi emva koko.

  6. Isigqibo seSebe ngokumalunga nesicelo sexesha elongeziweyo, kwakunye nolunye utshintsho apha naphaya, siya kuthunyelwa kwintloko yeziko yaye, ngaphandle kokuba kucaciswe ngandlela yimbi, siya kusebenza ngokusemthethweni kuzo zombini iimviwo zeNSC zangoNovemba 2012 nakwiimviwo zokuxabangela zeNSC zangoFebruwari-Matshi 2013. Intloko yeziko mayazise umgadi wabaviwa (invigilator) nomfundi ngencwadi ebhaliweyo ngesigqibo eso ngokuthi ibanike ikopi yeleta yemvume.

  7. Kucelwa uqaphele ukuba ixesha elongeziweyo lazo zonke iimviwo zangaphakathi, ukuya kutsho yaye kubandakanywa neemviwo zikaSeptemba zeBakala 12, linokunikwa kuphela ngumphathi wekomiti yesekethe ochaphazelekayo. Amaziko makagcine irekhodi yeminyinyiva elolu hlobo.

  8. Kuzo zonke izicelo intloko yeziko mayinike uluvo lwayo oluxhasayo (be recommended by the head of the intitution) ize izisayine.
5. Zonke izicelo zokuxolelwa ekufundeni ulwimi kwabafundi beBakala 12 Zabafundi bonyaka omiyo mazingeniswe phambi komhla we -31 Julayi 2012 ukuze emva koko qho ngonyaka phambi komhla we-15 Matshi kwiCandelo llLawulo lweeMviwo zeSebe iWCED.

6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVANYO
UMHLA: 2012:07:04

isiHlomelo A: "Nationally approved subjects"  (ubukhulu: 47 KB)
isiHlomelo B: "Statistics per centre for visually impaired learners"  (ubukhulu: 10 KB)
isiHlomelo C: "Application for alternative method of examining"  (ubukhulu: 49 KB)