1. Ukusetyenziswa kootitshala nabantu abangabahlali njengabagadi babaviwa kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zango-2012
1.1 Ngokolu xwebhu Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate, olwapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 31337 yowe-21 Oktobha 2008, kufuneka amasebe emfundo amaphondo atyumbe iinqununu njengabagadi babaviwa abaziintloko kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Curriculum Statement (NCS)).
1.2 Nakuba kunjalo iinqununu zezikolo zingawudlulisela lo msebenzi kutitshala oneqhuzu (senior teacher). Yinqununu yesikolo ekugqibeleni eya kuphendula (will be ultimately accountable) ngokubhalwa kwazo zonke iimviwo.
1.3 Isebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) sele liqalisile ukumana lifaka ootitshala njengabagadi babaviwa kwiimviwo ze-NCS zango-Oktobha-Disemba 2011. Izikolo zazazisiwe oku ngeNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo 0009/2010 nangale Setyhula 0015/2011.
1.4 Amalungiselelo okugada abaviwa kwiimviwo ze-NCS zango-2012 ami ngolu hlobo lulandelayo:
1.4.1 Inqununu yesikolo mayiqinisekise ukuba, kwiseshoni yoviwo nganye, i-50% yabagadi babaviwa ngabantu abangabahlali (are members of the community).
1.4.2 Kunokuqeshwa umniki-ngcebiso (mentor) wango-2011 njengomgadi wabaviwa oneqhuzu (senior invigilator). Umgadi wabaviwa oneqhuzu ulindeleke ukuba axhase umgadi wabaviwa oyintloko kulawulo nasekubhalweni kweemviwo ze-NCS zango-2012.

Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko umgadi wabaviwa oneqhuzu athwale uxanduva olupheleleyo lwayo yonke imisebenzi yezolawulo enxulumene neemviwo ze-NCS zango-2012.

1.4.3 Umgadi wabaviwa oneqhuzu makaqeshwe njengomgadi wabaviwa oyintloko kwiimviwo zokuxabangela zangoMatshi 2013 nezangoMeyi/Juni 2013 zeSatifikethi seMatriki.
1.5 Ootitshala abatyunjwe njengabagadi babaviwa akufuneki bafakwe kwishedyuli yokugada abaviwa ithuba elipheleleyo leseshoni yoviwo.
1.6 Utitshala onomntwana obhala iimviwo ze-NSC esikolweni apho kuqeshwe loo titshala, makangatyunjwa njengomgadi wabaviwa.
1.7 Kunyanzelekile ukuba kungabikho titshala ogada abaviwa kwisifundo asifundisayo apho esikolweni, umz. xa kubhalwa ii-Physical Sciences, akukho titshala ofundisa ii-Physical Sciences makagade abaviwa kolo viwo.
1.8 Inqununu yesikolo mayityumbe bonke ootitshala abaya kusebenza njengabagadi babaviwa kwiimviwo ze-NCS ngencwadi ebhaliweyo. Uluhlu lwabo bonke ootitshala nabantu abangabahlali abaqeshwe njengabagadi babaviwa malungeniswe kwi-ofisi yesithili semfundo ungadlulanga umhla we-3 Agasti 2012.
1.9 Inqununu yesikolo mayiqinisekise ukuba bonke ootitshala nabantu abangabahlali abaqeshwe njengabagadi babaviwa baqeqeshiwe ekwenzeni imisebenzi yabo yokugada abaviwa.
1.10 Uqeqeqsho lweenqununu nomgadi wabaviwa oneqhuzu/nomgadi wabaviwa oyintloko luya kwenziwa ngoSeptemba 2012.
1.11 Iinqununu zezikolo mazenze ithayithebhile yokugada abaviwa yaye maziyingenise kumphathi weze-IMG ungadlulanga umhla we-31 Agasti 2012. Ithayithebhile yokugada abaviwa mayibandakanye abagadi babaviwa nabagadi babaviwa bokubaphumza (relief invigilators) kwiseshoni yoviwo nganye.
1.12 Ukuba baceliwe, abaphathi beze-IMG baya kuncedisa ekwenzeni ithayithebhile yokugada abaviwa.

2. Ukugaywa nokuqeshwa kwabagadi babaviwa beqeshelwa iimviwo zeMatriki neze-AET

Ziyacelwa iinqununu zezikolo nabaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba zigaye abantu abafanelekileyo kubahlali njengabagadi babaviwa abaziintloko nanjengabagadi babaviwa abancedisayo bezi mviwo zikhankanywe apha ngasentla.

Amagama abo bonke abo bagadi babaviwa batyunjiweyo, makabhalwe kwisiHlomelo A nekufuneka singeniswe phambi kowe-21 Julayi 2012 kumphathi weze-IMG. Umphathi weze-IMG makawavume loo magama atyunjiweyo aze angenise uluhlu lokugqibela lwamagama kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ungadlulanga owe-27 Julayi 2012.

Uluhlu lwabantu abatyunjiweyo maluhanjiswe kunye nekopi engqiniweyo yesazisi nerekhodi yezifundo ezipasiweyo yakutshanje (most recent academic record) (iBakala 12 ubuncinane) yomntu ngamnye otyunjiweyo.

Xa kutyunjwa abagadi babaviwa abaziintloko nomgadi wabaviwa oneqhuzu, makuthathelwe ingqalelo le miba ilandelayo:

2.1 Umphathi weze-IMG makaqhube udliwano-ndlebe buqu kunye naloo mntu utyunjwe njengomgadi wabaviwa oyintloko / njengomgadi wabaviwa oneqhuzu.
2.2 Umphathi weze-IMG makaqinisekise ngezakhono zomtyunjwa ngamnye zokwazi ukufunda, ukubhala, ukuva ncam nokubona kakuhle kwakunye nemeko yempilo yakhe.
2.3 Umphathi weze-IMG makaqinisekise ukuba abantu abatyunjwe njengabagadi babaviwa abaneqhuzu bazimisele ukusebenza njengabagadi babaviwa abaziintloko kwiimviwo ze-NSC zokuxabangela zangoMatshi 2013, nakwiimviwo zeMatriki zangoMeyi-Juni 2013.
2.4 Nakuba kunjalo, mayigxininiswe kubagadi babaviwa abaneqhuzu into yokuba, xa bezibophelela ukusebenza njengabagadi babaviwa abaziintloko ngoMatshi 2013, nangoMeyi/Juni 2013, mabasibambe eso sigqibo.
2.5 Kukhethwa ukuba abenzi-sicelo okanye abatyunjwa abafake izicelo kwizithuba zengqesho ezisisigxina kwezinye iindawo, bangaqwalaselwa ngenjongo yokuba baqeshwe.

3. Ukutyunjwa kwabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abaneqhuzu
3.1 IsiHlomela B (UkuTyunjwa kwaBagadi baBaviwa abaziiNtloko naBagadi baBaviwa abaneQhuzu) masizaliswe size sisayinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko ize ikopi igqithiswe ngokukhawuleza kuloo mntu utyunjwe njengomgadi wabaviwa oyintloko. Le leta yokutyunjwa inemiyalelo ebaluleke gqitha. Ikopi engqiniweyo yesazisi somtyunjwa nerekhodi yezifundo ezipasiweyo yakutshanje (ubuncinane iBakala 12) maziqhotyoshelwe kwisiHlomelo B.
3.2 Ngexesha lodliwano-ndlebe nomgadi wabaviwa oyintloko okanye nomgadi wabaviwa oneqhuzu, umphathi weze-IMG, emva kokuzanelisa ngokuba umntu otyunijweyo ngonako ukwenza imisebenzi eyimfuneko, makamnike isiHlomelo C lowo utyunjiweyo ukuba asizalise, emva koko kufuneka ifom leyo isayinwe kwakhona ngumphathi weze-IMG.

4. Ukutyunjwa kwabagadi babaviwa abancedisayo

Inqununu okanye umphathi weziko makavakalise ukuba umtyunjwa ngofanelekileyo (abatyunjwa ngabafanelekileyo) ukwenza imisebenzi yomgadi wabaviwa oncedisayo (yabagadi babaviwa abancedisayo), ekuya kuthi emva koko umphathi weze-IMG abonise ukuba ngaba ukuqeshwa komtyunjwa (kwabatyunjwa) kuya kwamkeleka na. Kufuneka emva koko kuzaliswe isiHlomelo D size sisayinwe ngumgadi wabaviwa oncedisayo (ngabagadi babaviwa abancedisayo).


5. Imvumelwano yokwenza inkonzo

Bonke abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa abancedisayo mabazilungiselele ukuba baza kungena kwimvumelwano yokwenza inkonzo neSebe iWCED ngokumalunga nemisebenzi yabo neemfanelo zabo (responsibilities) ngethuba lokuqhutywa kweemviwo. Imvumelwano iya kusebenza ngokusemthethweni (will be valid) ngethuba leemviwo zikaNovemba 2012, Matshi 2013 nezikaMeyi/Juni 2013.


6. Ukungeniswa kweefom zokutyumba amagama
6.1 Emva kokuzaliswa, umphathi weze-IMG makangenise ngokukhawuleza iziHlomelo A, B, C, D, E no-F kwiCandelo loLawulo lweeMviwo "For attention: Ms E du Toit" ungadlulanga owe-27 Julayi 2012.
6.2 Makuqatshelwe: Ukwenzela ukuthintela ukulibaziseka okungeyomfuneko kwinkqubo yokuqesha, mabancede abaphathi beze-IMG baqinisekise ukuba zonke iifom zithunyelwa kunye kwiSebe yaye mazingahlukaniswa.
6.3 Makuqatshelwe: Akukho mntu okuqeshwa kwakhe kungekavunywa ngumphathi weze-IMG makenze imisebenzi njengomgadi wabaviwa. Abagadi babaviwa mabangaze, naphantsi kwazo naziphi na iimeko, baqeshe abagadi babaviwa ababambeleyo nakweyiphi na inxenye yomsebenzi wabo. Ukuba iimeko azimvumeli umgadi wabaviwa oyintloko okanye umgadi wabaviwa oncedisayo ukuba asuphavayize uviwo, inqununu okanye umphathi weziko, ngokucebisana nomphathi weze-IMG, makenze amalungiselelo okuqeshwa kwebambela kwaye malaziswe iSebe leMfundo ngoko nangoko ngolo tshintsho. Abagadi babaviwa ababambeleyo nabo mabangenise ngokunjalo iinkcukacha zeebhanki zabo kwifom yesiHlomelo E.

7. Iikhrayitheriya zokutyunjwa kwabagadi babaviwa abangamalungu angabahlali
7.1 Kwiimeko eziqhelekileyo, akukho mntu makaqeshwe njengomgadi wabaviwa oyintloko, oneqhuzu okanye njengomgadi wabaviwa oncedisayo ukuba:
7.1.1 ungaphantsi kweminyaka eyi-25 ubudala;
7.1.2 usisizalwane:

  • somfundi obhala iimviwo;
  • sotitshala ofundisa esikolweni okanye sotitshala olungiselela abaviwa nokuba zeziphi na zezi mviwo;
7.1.3 wenza nantoni na enxulumene nootitshala nabasebenzi besikolo okanye behostele ekuhlala kuyo abafundi besikolo esithile; okanye;
7.1.4 uyindoda okanye ungumfazi okanye usisizalwane somgadi wabaviwa oyintloko.
7.2 Ukuba kukho ngaphezu kwabaviwa abayi-30 kwiseshoni yoviwo, iSebe iWCED lizilungiselele ukuqesha umgadi wabaviwa omnye kubaviwa abayi-30 okanye inxalenye yeli nani kuloo seshoni, okanye umgadi wabaviwa oncedisayo omnye kwigumbi ngalinye ekubhalela kulo abafundi, ngokuxhomekeka ekubeni onke amagumbi asetyenziswe ngokupheleleyo azala phambi kokuba kusetyenziswe igumbi elongezelelweyo.
7.3 Kwiiseshoni apho kukho kuphela inani elincinane labaviwa (ababini lelona nani lisezantsi) kuya kufuneka iinkonzo zomgadi wabaviwa omnye oncedisayo. Kwimeko enje ngale, umgadi wabaviwa oyintloko/oneqhuzu akayi kwenza imisebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa, ngaphandle nje kokubambela umgadi wabaviwa oncedisayo xa kufuneka ekhaphe umviwa onikwe imvume yokuba aphume kwigumbi lokubhalela uviwo ngenxa yesizathu esingxamisekileyo.
7.4 Apho kwenziwa iimviwo zethiyori nezeprakthikhali (theory and practical examinations) ngeseshoni enye, makusetyenziswe iinkonzo zomgadi wabaviwa oncedisayo.
7.5 Xa kufuneka iinkonzo zabagadi babaviwa ababini nangaphezulu ngeeseshoni apho kusetyenziswa amagumbi amabini nangaphezulu ngaxeshanye, umgadi wabaviwa oyintloko akayi kwenza misebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa.
7.6 Abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa abancedisayo kufuneka babe namabanga emfundo ubuncinane yeBakala 12. Ukuba akunjalo, makungeniswe ileta ebhaliweyo echaza isizathu sokutyunjwa kwalowo mntu.
7.7 Ukuba bonke abaviwa bangabantu abangamadoda, umgadi wabaviwa oyintloko nabagadi babaviwa abancedisayo, mababe ngabantu abangamadoda. Ukuba bonke abaviwa ngabantu ababhinqileyo, umgadi wabaviwa oyintloko nabagadi babaviwa abancedisayo mababe ngabantu ababhinqileyo. Ukuba abaviwa bangabantu abangamadoda nabantu ababhinqileyo yaye umgadi wabaviwa oyintloko ngumntu oyindoda, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa abancedisayo makabe ngumntu obhinqileyo, okanye, ukuba umgadi wabaviwa oyintloko ngumntu obhinqileyo, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa abancedisayo makabe ngumntu oyindoda.
7.8 Le mizekelo ilandelayo ibonisa inani labagadi babaviwa abanokuqeshwa liboniswe:

Inani labaviwa Inani labagadi babaviwa abaziintloko Inani labagadi babaviwa abancedisayo
2 30 31
1 1 1
1 1 2

Ukuba kuye kwasetyenziswa abagadi babaviwa abongezelelweyo, makwaziswe iCandelo loLawulo lweeMviwo (jonga itheyibhile elapha ngentla).


8. Imisebenzi yomgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo
8.1 Imisebenzi yomgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo ikwisiHlomelo A semvumelwano yokwenza inkonzo yabagadi babaviwa nabagadi babaviwa abancedisayo. Le misebenzi mayenziwe ngokwanelisayo ngalo lonke ithuba lokubhalwa kweemviwo.
8.2 Abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa abaziintloko mabeze kuqeqesho lokugada abaviwa lweSebe iWCED.
8.3 Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abagadi babaviwa baqeqeshwe ngokufanelekileyo phambi kokuba bavunyelwe ukuba bangene kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo. Bonke abagadi babaviwa abancedisayo mabasayine irejista yokuza kuqeqesho, engqina ukuba balufumene uqeqesho.
8.4 Abagadi babaviwa mabangabashiyi abaviwa bengagadwanga (unsupervised) ngethuba lokuqhutywa kweseshoni yoviwo.
8.5 Abagadi babaviwa mabangabancedisi abaviwa kuzo naziphi na izinto ezizitenxo ngethuba lokubhalwa koviwo. ISebe iWCED aliyi kuthandabuza ukubeka izityholo zolwaphulo-mthetho ngakuye nawuphi na umgadi wabaviwa ofunyenwe enetyala lokuthatha inxaxheba ancedise kwisitenxo.
8.6 Umgadi wabaviwa oneqhuzu/oyintloko makancedise inqununu ekutshekisheni yonke imithwalo yamaphepha emibuzo yeemviwo efikileyo. Uya kuhlawulelwa kuphela iseshoni eyongezelelweyo enye ngalo msebenzi, kungakhathaliseki nani lamithwalo okanye mgama ohanjiweyo ukuze abekho xa kufika naxa kutshekishwa amaphepha emibuzo yeemviwo.
8.7 Umgadi wabaviwa oneqhuzu/oyintloko makancedise kwakhona inqununu ekugcineni irejista ekufuneka isayinwe yinqununu, ngutitshala oyintloko yesifundo nangumgadi wabaviwa oyintloko xa kukhutshwa isethi yamaphepha emibuzo yeemviwo kwigumbi elinqatyisiweyo.
8.8 Abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa abancedisayo mabasoloko benezazisi zabo neemvumelwano zengqesho zabo apho kubo ngethuba lokubhalwa kweemviwo.
8.9 Phambi kokuqala kweemviwo, ngamnye umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba indawo ekubhalelwa kuyo uviwo ilungiselelwe ngokufanelekileyo ukubhalwa kweemviwo.

9. Ukuqeqeshwa kwabagadi babaviwa
9.1 Umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oneqhuzu mabaxelelwe ukuba banyanzelekile ukuba baye kwiiseshoni zoqeqesho lwabagadi babaviwa.
9.2 Abagadi babaviwa abaziintloko abahlala kumgama owela ngaphakathi kwama-75km ukusuka esikolweni okanye kwiziko ekuya kuqhubekela kulo uqeqesho, baya kuhlawulwa imali yeseshoni enye eyongezelelweyo ngenxa yokuya kuqeqesho.
9.3 Abagadi babaviwa abaneqhuzu abahlala kumgama ongaphezulu kwama-75 km ukusuka kwiziko loqeqesho, baya kuhlawulwa imali yeeseshoni ezimbini ezongezelelweyo.

10. Ukuhlawulwa kwabagadi babaviwa
10.1 ISebe iWCED liya kutyumba lize lihlawule abagadi babaviwa ngokungqinelana ne-Personnel Administration Measures.
10.2 Izikolo ezizimeleyo, iikholeji kwakunye neentolongo luxanduva lwazo ukuhlawula abagadi babaviwa bazo. Nangona abagadi babaviwa bala maziko bengahlawulwa liSebe iWCED, iinqununu zezikolo ezizimeleyo, iintloko zeekholeji nezeentolongo maziqaphele ukuba kunyanzelekile ukuzalisa iifom zokuvuma ukutyunjwa (IziHlomelo C no-D) zize zizibuyisele kwiSebe iWCED.
10.3 Abagadi babaviwa abaziintloko bezikolo ezizimeleyo, beekholeji nabeentolongo mabafake iifom zabo zamabango okugada abaviwa kwinqununu okanye kumphathi weziko, noya kwenza amalungiselelo entlawulo yabo. Ukuba abagadi babaviwa ezintolongweni abaqeshwanga kwinkonzo yentolongo leyo, malaziswe iSebe iWCED malunga noku ngokubhalelwa ileta.
10.4 Abasebenzi abangoomabhalane nootitshala abafumana umvuzo kwiSebe nabasebenza njengabagadi babaviwa, abayi kuhlawulwa liSebe ngenxa yemisebenzi yabo yokugada abaviwa.
10.5 Ireyithi yentlawulo yokugada abaviwa njengangoku yi-R149,05 ngeshoni kumgadi wabaviwa oyintloko/oneqhuzu ize ibe yi-R99,35 ngeseshoni kumgadi wabaviwa oncedisayo.
10.6 Abagadi babaviwa abayi kuhlawulwa naphantsi kwazo naziphi na iimeko ngeendleko zehambo. (Iinqununu nabaphathi bamaziko, ngoko ke mabaqeshe abagadi babaviwa kubahlali abakufutshane abafumana iinkonzo kweso sikolo okanye kwelo ziko).
10.7 Makuqatshelwe: Imimiselo (IRP 10) emalunga nokuhlawulwa kwerhafu yomqeshwa imisela ukuba yonke imivuzo yabantu kwizithuba zengqesho ezingesosigxina, ifanele ukuxhuzulwa irhafu eyi-25%. ISebe liya kuthi ke ngoko lixhuzule i-25% kwizixa zentlawulo yabagadi babaviwa ngeenkonzo abazenzileyo. Ngako oko ke, ukungeniswa komyalelo wokutsalwa kwerhafu kubaqeshwa (tax deduction directive) (IRP 3) awusasebenzi. Abagadi babaviwa abafanele ukuxolelwa ngokupheleleyo okanye ukuxolelwa ngokuyinxenye kwintlawulo yerhafu yabaqeshwa, mabathi bakufumana izatifikethi ze-IRP 5 zabo (iinkcukacha zentlawulo yokutsalwa kwerhafu yengeniso kwiSebe), bazingenise kwi-ofisi yabo ye-Receiver of Revenue yendawo yabo kwakunye nefom emiselweyo u-IT 12 S.

Izatifikethi zerhafu ii-IRP 5 certificates zidla ngokuposelwa kumakhaya abagadi babaviwa okanye kwiidilesi zeposi ngethuba likaMeyi-Juni kunyaka olandela lowo bebengabagadi babaviwa ngawo.

Imizekelo:

  Inani leeseshoni Intlawulo Intlawulo engeka-xhuzulwa rhafu Irhafu Intlawulo exhuzulwe irhafu
Umgadi wabaviwa oneqhuzu/ oyiNtloko 12 R149,05 R1 788,60 R447,15 R1 341,45
Umgadi wabaviwa oncedisayo 12 R99,35 R1 192,20 R298,05 R894,15
10.8 Ukwenzela ukuba kukhawuleziswe intlawulo yamabango abagadi babaviwa, kufuneka ngamnye umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo abhale inombolo yakhe yesazisi (identity number) kwifom yokwamkela ukuqeshwa aze aqhoboshele ikopi yesazisi sakhe.
10.9 IsiHlomelo E masizaliswe kuphela ngabatyunjwa bezikolo ezingayi kubanako ukuncedisa kwintlawulo yabagadi babaviwa bawo. Makuzaliswe ifom ize ingqinwe njengechanekileyo kwaye i-akhawunti yebhanki ingqinwe njengesebenzayo yibhanki echaphazelekayo.

11. Izibonelelo zokubhalela iimviwo
11.1 Ubuncinane kwithuba lenyanga enye phambi kokuqala koviwo, umgadi wabaviwa oyintloko, ngokubhungisana nenqununu okanye nomphathi weziko, makaqinisekise ukuba kukho indawo yokubhalela uviwo efanelekileyo neyaneleyo yabo bonke abaviwa abaza kubhala uviwo.
11.2 Abaviwa mabahlaliswe kwindawo enesithuba esaneleyo phakathi kwabo ukuthintela naziphi na izenzo ezitenxileyo ezinokwenzeka. Iholo yesikolo kunye/okanye amagumbi asetyenziswayo, makabekwe iidesika okanye iitafile ekuya kuhlala kuzo abaviwa ngohlobo lokuba kubekho:

  • Isithuba esiyi-150 cm kumacala omabini edesika okanye etafile nganye

  • Isithuba esiyi-120 cm ngaphambi nangemva kwedesika okanye kwetafile nganye
11.3 Umphathi weze-IMG makatyelele amaziko okubhalela uviwo kwisekethe yakhe ukuqinisekisa ukuba ngaba uyenziwa na lo myalelo.

12. Imisebenzi yenqununu okanye yomphathi weziko lokubhalela uviwo
12.1 Lusemagxeni enqununu yesikolo okanye omphathi weziko lokubhalela uviwo, uxanduva lokuphendula ngolawulo olufanelekileyo lokubhalwa kweemviwo kuloo ndawo zibhalelwa kuyo.
12.2 Inqununu yesikolo okanye umphathi weziko makaqinisekise ukuba amaphepha emibuzo eemviwo agcinwa ngokukhuselekileyo nangendlela ecwangciswe kakuhle ngokulandelelana kwigumbi elinqatyisiweyo, nokuba iindawo zokubhalela iimviwo zifanelekile nokuba abagadi babaviwa abaneqhuzu/abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo baqeqeshwe ngokufanelekileyo.
12.3 Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba zithi, ngokubhungisana nomphathi weze-IMG, ziqinisekise ukuba kwenziwe amalungiselelo anelisayo okuqinisekisa ukuba abafundi abaphazamiseki ngexesha leeseshoni zokubhalwa kweemviwo

13. Kucelwa uqinisekise ukuba ikopi yale Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo inikwa umgadi wabaviwa oneqhuzu/oyintloko kunye nomgadi wabaviwa ngamnye.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:07:04

"Government Gazette No. 31337"  (ubukhulu: 6 241 KB)
"Addendum A, B, C & D"  (ubukhulu: 20 KB)
"Addendum E: BAS Entity Maintenance"  (ubukhulu: 18 KB)
Addendum F: INGQINISEKISO YOKUFUMANA  (ubukhulu: 11 KB)
ISIHLOMELO A & B  (ubukhulu: 41 KB)
IMVUMELWANO YENGQESHO YETHUTYANA  (ubukhulu: 55 KB)