1. Ngokwenjenje kucelwa nithathele ingqalelo le Ngcaciso iMfutshane yoLawulo lweeMviwo 0002/2012, ebhalwe umhla we-14 Matshi 2012, ekwakucelwa kuyo izicelo kootitshala, kubacebisi ngezekharityhulam nakubacwangcisi bezekharityhulam abakhulu ukuba benze izicelo kwizithuba zokuba ziModareyitha yaNgaphakathi, abaMmakishi abaziNtloko, amaSekela-mmakishi abaziNtloko nabaMmakishi kwiiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zikaNovemba 2012, nangoMatshi 2014.
2. Kucelwa niqaphele ukuba umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwezicelo utshintshiwe wangumhla we-2 Meyi 2012.
3. Kucelwa ukuba iinqununu zezikolo zincede ziqinisekise ukuba okukule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:04:23