1. Kucelwa izicelo kootitshala, kubacebisi ngezekharityhulam nakubacwangcisi bezekharityhulam abakhulu abazanelisayo iikhrayitheriya ezicaciswe kwisiHlomelo A, ukuba benze izicelo kwizithuba zokuba yimodareyitha yangaphakathi, ummakishi oyintloko, isekela-mmakishi oyintloko nommakishi kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zangoNovemba 2012, kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zangoNovemba 2013 nakwiimviwo zokuxabangela (supplementary examinations) zangoMatshi 2013 no-2014 kwezi zifundo zilandelayo:

Afrikaans Home Language
Afrikaans Second Additional Language
Agricultural Science
Computer Applications Technology
Dance Studies
Dramatic Arts
English First Additional Language
Electrical Technology
IsiXhosa First Additional Language
Mathematics Paper 3
Music
Sesotho Home Language
Tourism
Hospitality Studies
Afrikaans First Additional Language
Agricultural Management Practices
Agricultural Technology
Civil Technology
Design (Theory)
English Home Language
Engineering Graphics and Design
IsiXhosa Home Language
IsiXhosa Second Additional Language
Mechanical Technology
Religion Studies
Setswana Home Language
Visual Arts
Design (Practical)

2. Amagosa azanelisayo iikhrayitheriya zokuqeshwa (isiHlomelo A), nawafumana ireyithi yokupasa engu-70% ubuncinane kwiimviwo zeNSC ngo-2011 kwiklasi zezikolo zawo, ayacelwa ukuba enze izicelo kwezi zithuba zikhankanywe apha ngasentla. Kucelwa angenise ifom yesicelo (isiHlomelo B) ezaliswe zonke iinkcukacha ne-declaration form (isiHlomelo C) kwiSebe iWCED ungadlulanga owe-28 Matshi 2012.

3. Ukungeniswa kwezicelo
3.1 Zonke izicelo mazenziwe kwifom yesicelo eqhotyoshelweyo (isiHlomelo B) yaye mazihanjiswe kunye nala maxwebhu alandelayo:

  • Ileta ehamba kunye nesicelo apho umenzi-sicelo anika kuyo izizathu zakhe zokwenza isicelo kweso sithuba.
  • Ifom ezaliswe ngokupheleleyo iDeclaration form, ikopi yayo iqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane njengesiHlomelo C.
3.2 Bonke Abenzi-zicelo abatsha mabaqhoboshele la maxwebhu alandelayo kwiifom zokwenza isicelo:

  • Isivi (curriculum vitae)
  • Ikopi yesazisi (ID) sakhe eqinisekisiweyo
  • Iikopi/iikopi eziqinisekisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo zakhe
  • Ikopi eqinisekisiweyo yesatifikethi/Iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo
3.3 Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Mr M Cameron
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
4th Floor Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN, 8001

Izicelo mazifike kwiSebe iWCED ungadlulanga owe-28 Matshi 2012.


4. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa yaye kuya kufuneka basayine imvumelwano neSebe iWCED. Enye imbalelwano malunga nenkqubo yokumakisha iya kulandela kamva.

5. Le fom iqhotyoshelweyo yokuvuma ukuba uyifumene le ngcaciso imfutshane (IsiHlomelo D) mayizaliswe yinqununu yesikolo ize ibuyiselwe kwiSebe iWCED.

6. Ukumakishwa kweencwadi zeempendulo zoviwo lweNSC ngomnye wemisebenzi ebaluleke ngeyona ndlela kwinkqubo yoviwo. ISebe iWCED liyazingca ngokuqesha kwalo abamakishi abanobuchule nabanamabanga emfundo afanelekileyo. Ngako oko ke, iinqununu namanye amagosa amakhulu anika iingcebiso ngabamakishi mazikwenze oku ngokunyanisekileyo nangentembeko (must act in good faith). Kucelwa uqaphele ukuba ukunika ingcaciso engachanekanga kwifom yesicelo kuya kuthathwa njengobuqhophololo yaye kuya kusingathwa ngokungqinelana noMthetho weNgqesho yooTitshala.

7. Kunyanzelekile ukuba iinqununu, abalawuli bezithili zemfundo, abaphathi beze-IMG nabacebisi ngezekharityhulam bazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukwenzela ukuba babenolwazi ngeekhrayitheriya zokuqeshwa phambi kokungenisa izicelo. ICandelo loLawulo lweeMviwo aliyi kwamkela zigxeko ukuba ootitshala abaziswanga ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane.

8. ISebe iWCED lithembele kwintsebenziswano nenkxaso yenu kulo mbandela ubaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:03:14

isiHlomelo A: "Criteria for the appointment"  (ubukhulu: 68 KB)
isiHlomelo B: "Application Form"  (ubukhulu: 48 KB)
isiHlomelo C: "Declaration Form"  (ubukhulu: 56 KB)
isiHlomelo D: "Acknowledgement of receipt"  (ubukhulu: 37 KB)