1. Kucelwa izicelo kootitshala, kubacebisi ngezekharityhulam nakubacwangcisi bezekharityhulam abakhulu abazanelisayo iikhrayitheriya zicaciswe kwisiHlomelo A, ukuba benze izicelo kwizithuba zokuba yimodareyitha yangaphakathi, ummakishi oyintloko, usekela-mmakishi oyintloko nommakishi kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zangoNovemba 2012 nangoNovemba 2013, neemviwo zokuxabangela (supplementary examinations) zango-2013 nango-2014 (apho kufanelekileyo).

2. Ngo-2011, kwabhalwa iimvavanyo zobuchule (competency tests) kwi-Accounting, Business Studies, Geography, History, Life Sciences, Mathematics nakwi-Physical Sciences.

3. Ngo-2012, iSebe iWCED longeze ezi zifundo zintathu zilandelayo kuluhlu lwezifundo ekuya kubhalwa kuzo iimvavanyo zobuchule ngabo bonke abenzi-sicelo: Consumer Studies, Economics ne-Mathematical Literacy.

4. Kuphela ngabenzi-sicelo ababhala uvavanyo lobuchule nabafumana amanqaku ubuncinane ayi-60% nangaphezulu, abaya kuqwalaselelwa ukuqeshwa njengabamakishi kwelo thuba lokumakisha lisisusela ngoNovemba 2012, November 2013 kwakunye neeMviwo zoXabangelo zikaMatshi 2013 noMatshi 2014 (apho kufanelekileyo).

5. Bonke abantu abalubhalayo uvavanyo lobuchule kwi-Accounting, Business Studies, Geography, History, Life Sciences, Mathematics ne-Physical Sciences ngo-2011 nabafumana amanqaku angu-60% ubuncinane nangaphezulu, bangangalubhali uvavanyo lobuchule kwezi zifundo ngo-2012. Nakuba kunjalo, eli qela labantu malingenise ifom yesicelo ne-declaration form zombini kwiSebe iWCED ungadlulanga owe-19 Matshi 2012 ukwenzela ukuba baqwalaselelwe ukuqeshwa kwithuba lika Novemba 2012, November 2013, kwakunye neeMviwo zoXabangelo zikaMatshi 2013 noMatshi 2014 (apho kufanelekileyo).

6. Bonke abantu abalubhalayo uvavanyo lobuchule ngo-2011 nabafumana amanqaku angaphantsi ko-60%, kwakunye nabo bonke abenzi-sicelo abatsha abazanelisayo iikhrayitheriya zokuqeshwa ezidweliswe kwisiHlomelo A mabangenise ifom yokwenza isicelo (isiHlomelo B), i-declaration form (isiHlomelo C) nefom yokubhalisela ukubhala uvavanyo lobuchule (isiHlomelo D) kwiSebe iWCED ungadlulanga owe-19 Matshi 2012.

7. Kwimeko yeMathematical Literacy, Economics neConsumer Studies, bonke abenzi-sicelo abazanelisayo iikhrayitheriya zokuqeshwa ezidweliswe kwisiHlomelo A, kucelwa babhale iimvavanyo zobuchule ukwenzela ukuba bakufanele ukuqeshwa ngethuba langoNovemba 2012, Novemba 2013 kwakunye nangethuba leemviwo zoXabangelo zikaMatshi 2013 noMatshi 2014 (apho kufanelekileyo). Ncedani ningenise iifom zezicelo (isiHlomelo B), i-declaration form (isiHlomelo C) nefom yokubhalisela ukubhala uvavanyo lobuchule (isiHlomelo D) kwiSebe iWCED ungadlulanga umhla we-19 Matshi 2012.

8. IThayimthebhile yokubhala iimvavanyo zobuchule
8.1 Ukulungiselela ukubhala iimvavanyo zobuchule, kuya kwenziwa zonke iinzame zokuba kulungiselelwe abenzi-sicelo kwindawo ekwisithili semfundo sabo. Iinkcukacha ngezi ndawo ziya kwaziswa umenzi-sicelo ngamnye ethubeni. Uvavanyo lobuchule luya kuthathelwa kwisilabhasi yephepha okanye yesifundo seNSC ekwenzelwa lona isicelo yaye kuya kuvavanywa ubuchule bokumakisha obufanelekileyo (appropriate marking skills). Nakuba kunjalo, kwimeko yeGeography, abenzi-sicelo baya kuvavanywa kwisilabhasi evavanya omabini amaPhepha 1 no-2.

Imihla yokubhala iimvavanyo zobuchule

IZIFUNDO Umhla IXESHA
Accounting and Mathematics 17 Apreli 2012 15:00 – 17:00
Physical Sciences and Life Sciences 18 Apreli 2012 15:00 – 17:00
Business Studies, History and Geography 19 Apreli 2012 15:00 – 17:30
Mathematical Literacy 24 Apreli 2012 15:00 – 17:00
Consumer Studies and Economics 25 Apreli 2012 15:00 – 17:00

9. Ukungeniswa kwezicelo
9.1 Zonke izicelo mazenziwe kwifom yesicelo eqhotyoshelweyo (isiHlomelo B) yaye mazihanjiswe kunye nala maxwebhu alandelayo:

  • Ileta ehamba kunye nesicelo apho umenzi-sicelo anika kuyo izizathu zakhe zokwenza isicelo kweso sithuba.
  • Ifom ezaliswe ngokupheleleyo iDeclaration form, ikopi yayo iqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane njengesiHlomelo C.
9.2 Bonke abenzi-zicelo abatsha mabaqhoboshele la maxwebhu alandelayo kwiifom zokwenza isicelo:

  • Isivi (curriculum vitae)
  • Ikopi yesazisi (ID) sakhe eqinisekisiweyo
  • Iikopi/iikopi eziqinisekisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo zakhe
  • Ikopi eqinisekisiweyo yesatifikethi/Iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo
9.3 Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Mr M Cameron
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
4th Floor Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001

Izicelo mazifike kwiSebe iWCED ungadlulanga owe-19 Matshi 2012.


10. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa yaye kuya kufuneka basayine imvumelwano neSebe iWCED. Enye imbalelwano malunga nenkqubo yokumakisha iya kulandela kamva.

11. Ukumakishwa kweencwadi zeempendulo zoviwo lweNSC ngomnye wemisebenzi ebaluleke ngeyona ndlela kwinkqubo yoviwo. ISebe iWCED liyazingca ngokuqesha kwalo abamakishi abanobuchule nabanamabanga emfundo afanelekileyo. Ngako oko ke, iinqununu namanye amagosa amakhulu anika iingcebiso ngabamakishi mazikwenze oku ngokunyanisekileyo nangentembeko (must act in good faith). Kucelwa uqaphele ukuba ukunika ingcaciso engachanekanga kwifom yesicelo kuya kuthathwa njengobuqhophololo yaye kuya kusingathwa ngokungqinelana noMthetho weNgqesho yooTitshala.

12. Kunyanzelekile ukuba iinqununu, abalawuli bezithili zemfundo, abaphathi beze-IMG nabacebisi ngezekharityhulam bazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukwenzela ukuba babenolwazi ngeekhrayitheriya zokuqeshwa phambi kokungenisa izicelo. ICandelo loLawulo lweeMviwo aliyi kwamkela zigxeko ukuba ootitshala abaziswanga ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane.

13. Le fom iqhotyoshelweyo yokuvuma ukuba uyifumene le ngcaciso imfutshane (isiHlomelo E) mayizaliswe yinqununu yesikolo ize ibuyiselwa kwiSebe iWCED.

14. ISebe iWCED lithembele kwintsebenziswano nenkxaso yenu kulo mbandela ubaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:03:09

"Employment of Educators Act"  (ubukhulu: 71 KB)
IsiHlomelo A: Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabamakishi abaziintloko  (ubukhulu: 68 KB)
IsiHlomelo B: "Application for appointment"  (ubukhulu: 49 KB)
IsiHlomelo C: "Declaration form"  (ubukhulu: 70 KB)
IsiHlomelo D: "Registration form for the writing of the 2012 Competency Test"  (ubukhulu: 64 KB)
IsiHlomelo E: "Acknowledgement of receipt by principal"  (ubukhulu: 36 KB)