1. Ingcaciso eyandlalelayo

ISetyhula 0012/2012 ye-22 Matshi 2012 yakhupha isaziso sesicwangciso sokuqalisa i-Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS) kumaBakala R-12 kwiSigabaesiPhakathi
AmaBakala 4 - 6).

Le ngcaciso imfutshane iyimbalelwano yesibini (second communiqué) yokwazisa izikolo nee-ofisi zezithili zemfundo ngamalungiselelo eSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) oqeqesho lootitshala, kwakunye nangeeseshoni zoqhelwaniso (orientation sessions)zeenqununu zezikolo namasekela-nqununu achaphazelekayo.


2. Uqeqesho lootitshala
2.1 Imihla namaxesha

Uqeqesho lwabo bonke ootitshala beSigaba esiPhakathi luqala ngoMvulo we-9 Julayi luze luphele ngoLwesithathu we-11 Julayi 2012. Uqeqesho luya kuqala ngo-08:30 luze luphele ngo-16:00 yonke imihla.

Ubhaliso luya kuqhubeka phakathi ko-07:30 no-08 :30 ngosuku lokuqala. Bayacelwa abathathi-nxaxheba ukuba baye kuzo zonke iiseshoni zoqeqesho kwisithuba seentsuku ezi-3 ukuqinisekisa ukuba okuqulethwe yikhontenti yolu qeqesho kuqondwa kakuhle. Izatifikethi zokubakho kuqeqesho ziya kunikwa kuphela abathe bakho ngokupheleleyo.

2.2 Ubhaliso

Zaziceliwe izikolo ukuba zibhalisele ukubakho kuqeqesho kootitshala beSigaba esiPhakathi ungadlulanga owe-16 Apreli 2012. Sele zenziwe izicwangciso zenkqubo (logistics) ngokwengcaciso efunyenweyo ukuza kuthi ga ngoku.

2.3 Iindawo zoqeqesho

I-ofisi yesitili semfundo nganye yenze amalungiselelo eendawo zoqeqesho ngokwesekethe nganye. (Makufundwe ilisti yeendawo kwisiHlomelo A.) Ii-ofisi zezithili zemfundo ziya kwazisa isikolo ngasinye ngendawo yoqeqesho lwaso.

Iziphungo zakusasa nesidlwana esilula sesemini siya kubonelelwa kolu qeqesho.

2.4 Amalungiselelo ohambo (le ngcaciso iphindiwe kwiSetyhula 0012/2012)

Isibonelelo sohambo siya kuhlawulwa ngokuxhomekeka kwezi meko zilandelayo:

  • Kuqinisekisiwe ukubakho kumasifundisane ngokupheleleyo.
  • Kuhanjwa uhambo olumalunga ne-20 km ubuncinane lokuya nokuphinda ubuye ngosuku (izithuthi zikawonke-wonke nezabucala).
  • Ibango malingadluli kwi-180 km ngohambo lokuya uphinde ubuye ngosuku. Ootitshala ekufuneka behambe ngaphezu kwe-140 km ngohambo lokuya uphinde ubuye ngosuku banokukhetha ukubhalisela indawo yokulala. (Funda iSetyhula 0012/2012 ye-22 Matshi 2012.)

Amabango aya kuvavanywa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

Ukusebenzisa imoto yakho Kuphela ngumqhubi okanye umnini wesithuthi onokwenza ibango leekhilomitha ezihanjiweyo.
Nawuphi na umkhweli makabalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo eyi-R2,00 ngekhilomitha nganye.
Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
Ukusetyenziswa kwesithuthi sabucala ekukhweliswanayo kuso Kuphela ngumqhubi okanye umnini wesithuthi onokwenza ibango leekhilomitha ezihanjiweyo. Nawuphi na umkhweli makabalwe kuluhlu. Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo eyi-R2,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
Ukusetyenziswa kwezithuthi eziyibhasi okanye iminibhasi ebonelelwe sisikolo Isikolo sinokusebenzisa ibhasi yaso size senze ibango leekhilomitha ezihanjiweyo okanye senze amalungiselelo okuqesha isithuthi ngokwekowuteshini eyeyona ibiza kancinane size sihlawule ikontraki. Iikowuteshini mazingeniswe kumququzeleli wesithili weGET yaye zivunywe phambi kokuba kungenwe kwimvumelwano. Kwimeko yokuqesha isithuthi, iSebe iWCED liya kubuyisela isikolo intlawulo xa lifumene amaxwebhu asayiniweyo. Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa kwabo kwindawo enye.
Ukusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke umz. iminibhasi eyiteksi, ibhasi, uloliwe, kodwa ingabi ziiteksi ezihlawulwa ngokwee-khilomitha ezihanjiweyo Amabango makacacise indawo ekusukwe kuyo nendawo ekuphelwa kuyo kumjikelo ngamnye wohambo. Intlawulo eyimbuyiselo iya kwenziwa ngokwereyithi emiselweyo. Ubungqina (obungamatikiti) bunokucelwa ligosa lamabangp ukwenzela ukuba kungqinisiswe ibango.
2.5 Indlela yokwenza ibango

Bonke ootitshala abaqeshwe yi-SGB, okanye abaqeshwe ngokwemvumelwano, mabazalise ifom yeeNkcukacha zeBhanki eqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B). Kucelwa uqaphele ukuba le fom mayifakwe istampu yibhanki kuze kuziwe nayo kumasifundisane ngoSuku 1.

Onke amabango makangeniswe kwigosa lamabango (claims officer) kwindawo yoqeqesho, kunye nawo onke amaxwebhu ayintsusa axhasa ibango. Kuphela ngamaxwebhu ayintsusa amakangeniswe. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa.

Abenza amabango baya kubuyiselwa kuphela emva kokuba begqibe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwangaphambili. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zincedise ootitshala bazo kulo mbandela. Mabugcinwe ubungqina bentlawulo buze bungeniswe.

Ukubuyiswa kwentlawulo kuya kwenziwa kuphela xa sele liphicothwe ngenyameko ibango ngalinye yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela xa kukho ukungangqinelani kumaxwebhu.


3. Ukuqhelaniswa kweeNqununu namaSekela-nqununu
3.1 Imihla namaxesha

Ziyacelwa iinqununu zezikolo ezinamaBakala eSigaba esiPhakathi ukuba zibekho kulo masifundisane woqhelaniso neCAPS wosuku olunye. Ayacelwa nawo onke loo masekela-nqununu athweswe uxanduva lwamaBakala eSigaba esiPhakathi ukuba nawo abekho kunye neenqununu zawo. Lo masifundisane uya kuqhubeka nge-12 Julayi 2012 yaye uya kuqala ngo-08:30 ngqo aze aphele ngo-16:00.

Ubhaliso luya kuqhubeka phakathi ko-08:00 no-08:30. Ziyacelwa iinqununu namasekela-nqununu azo achaphazelekayo ukuba babekho usuku olupheleleyo ukuqinisekisa ukuba yonke imihlaba efikelelweyo yekhontenti iqondwa kakuhle.

3.2 Ubhaliso

Zaziceliwe iinqununu namasekela-nqununu ukuba zikubhalisele ukubakho kumasifundisane. Amalungiselelo enkqubo acwangciswe ngokwengcaciso efunyenweyo ukuza kufikelela kulo ngoku.

3.3 Iindawo

I-ofisi yesithili semfundo nganye yenze amalungiselelo eendawo zikamasifundisane, yaye ilisti yezi ndawo iqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo C.

Iziphungo zakusasa nesidlwana esilula sesemini ziya kubonelelwa kulo masifundisane.

3.4 Amalungiselelo ohambo

Kuya kusetyenziswa imimiselo nemiqathango ecaciswe kumhlathi 2.4 apha ngentla.

3.5 Indlela yokwenza ibango

Kuya kusetyenziswa imimiselo nemiqathango ecaciswe kumhlathi 2.5 apha ngentla.

Bayakhunjuzwa bonke ootitshala beSigaba esiPhakathi, iikomiti zolawulo lwezikolo namagosa achaphazelekayo, ukuba mababenako ukuqalisa kunye/okanye ukunika inkxaso ukuphunyezwa kweCAPS kwiSigaba esiPhakathi ukususela ngo-2013. Aba masifundisane benzelwe ukulungiselela ukuphunyezwa nokuqinisekisa ukuba ukucwangcisela u-2013 kwenziwa kungqinelane neCAPS.


4. Ziyacelwa iinqununu zezikolo nabalawuli bezithili ukuba bazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabasebenzi ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:06:14

IsiHlomelo A: "List of training venues for the CAPS training of Intermediate Phase Teachers"  (ubukhulu: 56 KB)
IsiHlomelo B: "BAS Entity Maintenance Bank Details Form"  (ubukhulu: 28 KB)
IsiHlomelo C: "List of training venues for the Intermediate Phase CAPS training of Principals / Deputies"  (ubukhulu: 42 KB)