1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke, libambisene kunye neSouth African History Online, limema zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwiNational Schools’ Oral History Competition for the Nkosi Albert Luthuli Young Historians' Award eyayiqalwe ngo-2005. Olu khuphiswano luya kuba yinxalenye yegalelo leSebe leMfundo ekomelezeni ukufunda nokufundiswa kwezeMbali ezikolweni. ISebe leMfundo likazwelonke liceba ukubamba umnyhadala kazwelonke. Lo umnyhadala kazwelonke uya kwandulelwa lukhuphiswano lwephondo ngezihloko ezithile.

2. Kukwayinxalenye yenyathelo leli Sebe eliqhubeka okokoko lokukhuthaza bonke abafundi kuba bayiqonde imbali yaseMzantsi Afrika, kungabi lulwazi nje ngokubanzi lwembali, koko kwakhona bazi ukuqhama kweembali zeendawo abahlala kuzo. Lithuba labafundi abatsha lokuba bafumane amava ekufundeni izakhono zophando ezibalulekileyo.

3. Olu khuphiswano luvuleleke kubo bonke abafundi ukuqalela kwiBakala 8 ukuya kwiBakala 11 nakubo bonke ootitshala beeSayensi zezeNtlalo nakootitshala bezeMbali abakwizikolo eziziisekondari.

4. Bayacetyiswa abafundi nootitshala ukuba baye kweli ziko lewebhu le-South African History Online www.sahistory.org.za ukufumana ingcaciso ngophando lwembali yomlomo kunye nakweli ziko lewebhu le-South African History Archives www.saha.org.za

5. UKHUPHISWANO LWABAFUNDI

Kuya kufuneka abafundi benze uphando balungiselele inkcazo-ntetho okanye ifilim ebalisa ngokwenzekileyo (documentary film) okanye ividiyo ngesinye sezi zihloko zilandelayo:

5.1 Amaqhawe namaqhawekazi adlel’ ebumnyameni/ Ubomi babo bokukhalipha: Inxaxheba yamadoda nabafazi emzabalazweni wenkululeko nedemokhrasi okanye abantu abenza umahluko ekuziseni inguqu besebenzisa iiprojekthi zokuphucula okanye zokuphuhlisa uluntu. Abafundi mabajolise ngakumbi kuloo madoda okanye kwabo bafazi kungazange kwathethwa nto ngemisebenzi yabo esidlangalaleni. Umfundi makakhethe abantu ababethatha inxaxheba nokuba kuphambi okanye kusemva ko-1994.
5.2 Imbali yomzabalazo wenkululeko eMzantsi Afrika: Abafundi banokubalisa iziganeko ngokulandelelana kwazo zembali elufundo-nzulu (historiography) ngomzabalazo wenkululeko, bayilande ukususela kwimbali yamandulo yeemfazwe zokuthinjwa kwelizwe ngabantu bamanye amazwe amakoloniyali (early colonial conquests), ukusekwa kwe-South African Native National Congress nemibutho yezopolitiko eyalandelayo eyaye yadlala indima ebalulekileyo kumzabalazo wenkululeko. Abafundi banokukhetha ukujolisa ngakumbi kwindima yemibutho yeemanyano zabasebenzi kumzabalazo wenkululeko okanye kwindima edlawe ngabafazi kunye nolutsha kumzabalazo wenkululeko.
5.3 Abafundi bangenza uphando ngembali yoluntu lwendawo yabo, enokubandakanya imbali ngeendawo ezibalulekileyo, izakhiwo, amaziko (institutions). Oku kungabandakanya izikolo, amaziko ezenkolo, amadlaka (burial sites), iindawo zezikhumbuzo nezitatyhu.
5.4 Imbali yesikolo sam: Umfundi ulindeleke ukuba enze udliwano-ndlebe nabantu abangabahlali nabathatha inxaxheba ekusekweni kwesikolo eso. Banokwenza udliwano-ndlebe kwakhona nababesakuba ngabafundi besikolo eso baze bafumanise ukuba ngaba isikolo eso sinxulumana njani nezembali yaloo ndawo.

6. KUCELWA NIQAPHELE OKU KULANDELAYO:
6.1 Le projekthi mayisekelwe kuphando lwezembali yomlomo.
6.2 Abafundi mabancediswe ekukhetheni abantu abaya kwenza udliwano-ndlebe nabo bakhuthazwe kakhulu ekukhetheni abantu abakwindawo abahlala kuyo.
6.3 Abafundi mabacetyiswe ukuba baqhube udliwano-ndlebe nabantu ubuncinane aba-2 ukuya
kwaba-3.
6.4 Inkqubo yokugweba iya kulinganiselwa ngokomgangatho wophando.
6.5 Abafundi bangenza inkcazo-ntetho ngeprojekthi yabo ngalo naluphi na ulwimi kwezaseburhulumenteni.
6.6 Abafundi mabangenise iphothifoliyo ebonisa lonke uphando lwabo.

7. IIKHRAYITHERIYA

Kuya kulindeleka ukuba abafundi benze izinto zibe MBINI:

7.1 Mabenze inkcazo-ntetho yomlomo okanye bangenise ividiyo ebalisa ngokwenzekileyo (video documentary) yophando lwezembali yomlomo kwiphaneli yabagwebi (akujongwanga ukuba ibe ngumdlalo weqonga okanye isihobe).
7.2 Mabalungise iphothifoliyo ebhaliweyo ekufuneka ibe nezi zinto zilandelayo:
7.2.1 Iiphothifoliyo mazibonise ubungqina bophando. Abafundi bafanele ukwenza udliwano-dlebe nabahlali baloo ndawo kwaye bafanele ukuba bakwazi ukubonisa ubungqina bodliwano-ndlebe, umzekelo, iileta eziya kwabo benze nabo udliwano-ndlebe, iitranskripthi zodliwano-ndlebe okanye okurekhodwe ngetheyiphu, kunye noluhlu lwemibuzo ebuzwe umntu ebekusenziwa udliwano-ndlebe naye kunye neempendulo – nokuba zibhaliwe okanye zirekhodwe ngetheyiphu.
7.2.2 Udliwano-ndlebe lungaqhutywa yaye lurekhodwe ngalo naluphi na ulwimi kwezaseburhulumenteni.
7.2.3 Iiphothifoliyo mazibonise kwakhona ubungqina bokucingisisa kwaye zithathele ingqalelo oku kulandelayo:
7.2.3.1 Abafundi mabacacise ukuba kungani na bekhethe abo bantu benze udliwano-ndlebe nabo, babonise ulwazi olucace gca lwemeko yezembali yalapho loo mntu wayesebenza khona nokuba ingcaciso yodliwano-ndlebe inxulumana njani nemeko yezembali okanye isinceda njani ukuqonda iziganeko ezichazwayo ngokwendlela esibona ngayo.
7.2.3.2 Abafundi mababandakanye izinto ezibonisa ukucingisisa kwabo (reflection) ngabakufundileyo malunga nokuba nako kwabantu ngabantu ukuzisa inguqu eluntwini, noko bakufundileyo bona ngokwabo ngethuba lophando, nangexabiso lomsebenzi wophando lwezembali yomlomo ekusincedeni ukuba siqonde imbali yethu.
7.2.3.3 Kufuneka abafundi babhale yonke imithombo yolwazi abayisebenzisileyo kwiiphothifoliyo zabo. Mazifakwe neebhibliyografi. Baya kohlwaywa qatha ngesenzo sokunyiba umsebenzi womnye umntu uwenze owakho (plagiarism).

8. IIKHRAYITHERIYA ZOVAVANYO LWEEPROJEKTHI ZOPHANDO NGEZEMBALI YOMLOMO (ZILUNGISWE APHA NAPHAYA ZAKUBA ZITHATHWE KWI-NCS FET HISTORY SUBJECT ASSESSMENT GUIDELINES)

Umhlaba ekuza kufikelelwa kuwo kwiprojekthi yezembali yomlomo

Iiprojekthi zezembali yomlomo kwi-FET zinamacandelwana aliqela:

  • Owona mbuzo uphambili nongundoqo oluza kujoliswa kuwo uphando
  • Uphando lokwandlalela ukulungiselela udliwano-ndlebe oluza kuqhutywa.
  • Udliwano-ndlebe nokubhalwa kodliwano-ndlebe
  • Ingxoxo ebhaliweyo engokuba ingcaciso ekudliwano-ndlebe inxulumana njani na nelo thuba
  • Uvavanyo lodliwano-ndlebe njengemithombo yolwazi yexesha elidlulileyo.
  • Ukucingisisa okwenzekileyo ekugqibeleni: Ngaba ibe yintoni inzuzo kum mna (mfundi) ngokwenza le projekthi malunga nophuhliso lwam buqu, nolwazi lwam nokuqonda okwakusenzeka ngelo thuba.

(oku kungagxininisa kwakhona kweminye imibuzo engqale ngqo, ngokukodwa kwiBakala 10, enjengale: Yeyiphi eyona nto ibaluleke kakhulu oyifundileyo kwiimbali zomlomo? Wakuba uyenzile iprojekthi, yintoni obungathanda ukwazi ngayo nangakumbi?


Qaphela: Iikhrayitheriya zokuvavanya ezingundoqo ezilungiselelwe icandelo lophando: Sebenzisa iikhrayitheriya kwibakala ngalinye njengoko kuchaziweyo kwi-asayinimenti yophando. (Kungongezwa ezinye iikhrayitheriya ukwenzela ukuba iikhrayitheriya ezingundoqo zifanele ngakumbi imisebenzi ethile.)
Ikhrayitheriya 1
Qulunqa imibuzo yeprojekthi
Ikhrayitheriya 2
Khetha uze ufumane imithombo ngemithombo yengcaciso
Ikhrayitheriya 3
Ulwazi nokuqonda ithuba elichaphazelekayo
Ikhrayitheriya 4
Uphando ngezembali kunye nonxibelelwano
Ikhrayitheriya 5
Inkcazo-ntetho

Iikhrayitheriya zokuvavanya iprojekthi yezembali yomlomo
Ikhrayitheriya 1
Imibuzo yodliwano-ndlebe

  • Imibuzo ibiyileyo efuna iimpendulo ezigabalala ezingajonge siphumo sithile (open-ended)
  • Imibuzo ibifanelekile yaye ize nengcaciso efanelekileyo kowona mbuzo ophambili nongundoqo.
  • Bekukho imibuzo eyaneleyo.
Ikhrayitheriya 2
Abo kwenziwa udliwano-ndlebe nabo

  • Ebefanelekile umntu ekwenziwe udliwano-ndlebe naye/Bebefanelekile abantu ekwenziwe udliwano-ndlebe nabo

Zinikiwe iinkcukacha zabantu ekwenziwe udliwano-ndlebe nabo/zinikiwe iinkcukacha zabantu ekwenziwe udliwano-ndlebe nabo.

Ikhrayitheriya 3
Amalungiselelo nokucwangcisa

  • Kukho ubungqina bokulungiselela udliwano-ndlebe ngenyameko
  • Kukho ubungqina bokucwangciswa kweprojekthi.

Zonke iinowuthsi zamalungiselelo nokucwangcisa zifakiwe kwiprojekthi

Ikhrayitheriya 4
Ukunikwa kwengcaciso evela kudliwano-ndlebe

  • Umntu ekwenziwa udliwano-ndlebe naye wacaciselwa/Abantu ekwenziwa udliwano-ndlebe nabo bacaciselwa ngeemeko zezembali ezingqongileyo.
  • Zanikwa iimeko ezingqongileyo zokuqonda udliwano-ndlebe.
  • Ingcaciso yodliwano-ndlebe yaye yanikwa ngokweemeko zezembali ezingqongileyo.
  • Ingcaciso yodliwano-ndlebe yaye yakhutshelwa (transcribed) ngokuchanekileyo (ukuba kwakusetyenziswe itheyiphu rekhoda).
  • Ingcaciso yodliwano-ndlebe yaye yacazululwa yaza yacwangciswa ngokuyondeleleneyo (coherently), yabonisa izimvo ezahlukeneyo apho kufanelekileyo oku.

Inkcazo-ntetho ngeprojekthi eyenziwa eklasini yayicacile kwaye yenziwa ngempumelelo.

Ikhrayitheriya 5
Ukucingisisa obekusenziwa

Iikhomenti zibonisa ubunzulu bengcinga malunga nenkqubo kunye nesiphumo sokwenziweyo.


9. UKHUPHISWANO LOOTITSHALA
9.1 Ootitshala bezikolo eziziisekondari ezingenela ukhuphiswano kuya kufuneka benze isicwangciso somsebenzi esibonisa indlela ababecwangcise ngayo nabalungiselela ngayo iProjekthi yezeMbali yoMlomo eklasini.
9.2 Kuya kufuneka ukuba utitshala ngamnye enze inkcazo-ntetho ngephothifoliyo yakhe kwiphaneli yabagwebi kwaye azilungiselele ukubizelwa kwingxoxo yephaneli ngephothifoliyo leyo yakhe.
9.3 KUFUNEKA OOTITSHALA BABANDAKANYE OKU KULANDELAYO KWIPHOTHIFOLIYO YOKHUPHISWANO:
9.3.1 Yaziswa njani iklasi ngokwenziwa kweprojekthi yezembali yomlomo.
9.3.2 Iprojekthi yezenkcubeko elilifa lethu (heritage) ingadityaniswa nabahlali baloo ndawo kwaye isikolo sinokuyithathela kuso siyifake phantsi kwephiko laso (adopt) size siqhagamshelane neSouth African Heritage Research Agency ngenjongo yokukhuselwa nokulondolozwa kwayo.
9.3.3 Abafundi bangavelisa iiphowusita zeziko lezenkcubeko elilifa lethu.
9.3.4 Yeyiphi inkcazo eyanikwa abafundi malunga nokukhetha kunye nokuthetha nabo babeza kubuzwa imibuzo yodliwano-ndlebe, nokulungiselela kunye nokuqhuba udliwano-ndlebe kunye nokusebenzisa udliwano-ndlebe njengobungqina bokufikelela kwizigqibo ngegalelo laloo mntu.
9.3.5 Loluphi ungenelelo ngoncedo olwenziwa ngootitshala ukuncedisa abafundi ukuba bayigqibe le projekthi.
9.3.6 Yintoni utitshala acinga ukuba abafundi bayizuza ekwenzeni kwabo uphando ngezembali yomlomo.
9.3.7 Kungafakwa iintlobo ezahlukeneyo zemizekelo yomsebenzi wabafundi.

10. INKQUBO YOKUGWEBA YEPHONDO
10.1 Ootitshala mabakhethe abafundi baze babalungiselele imijikelo yokukhiqa abangaphumelelanga (elimination rounds) kwizithili nakwiphondo, baqinisekise ukuba bonke abafundi abangenele ukhuphiswano bakhona kwaye balulungele ukhuphiswano lwephondo yaye baqinisekise ukuba kukho izithuthi eziyimfuneko zokuya nokubuya kukhuphiswano ezilungisiweyo.
10.2 Kufuneka abafundi bagqibe ukwenza uphando lwabo, iikhweshine zabo, udliwano-ndlebe neetranskripthi zabo kuselithuba elide ngaphambi kokhuphiswano, baqinisekise ukuba bazenzile iiphothifoliyo zabo ezibubungqina, bazigqibile iinkcazo-ntetho zabo, bayakwazi ukuphendula nayiphi na imibuzo emalunga neeprojekthi zabo nophando lwabo kwaye bayakwazi ukucingisisa nokwabelana ngamava abo.
10.3 Inkqubo yokugweba yephondo ukukhetha abafundi abahlanu nootitshala aba-2 ukuba bangenele ukhuphiswano lukazwelonke iya kuqhubeka nge-31 Agasti 2012. Indawo yendibano iya kudluliswa kubacebisi ngezekharityhulam beeSayensi zezeNtlalo nezeMbali (Social Sciences and History) kwakuba kuqinisekisiwe ngayo.
10.4 ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke liya kuzihlawula iindleko zohambo nezokulala zabafundi nootitshala abathatha inxaxheba ngethuba lokhuphiswano lukazwelonke ePitoli ukuqala nge-28 Septemba ukuya kowe-1 Oktobha 2012.

11. Ukufumana ingcaciso engaphezulu kucelwa uqhagamshelane noNks N Dodgen kule nombolo yefoni 021 467 9333 okanye kule dilesi ye-imeyili noleen.dodgen@pgwc.gov.za

12. Ziyacelwa Iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo lwesikolo nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEZEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:05:003