1. Njengoko usazi, isikolo sakho njengangoku sithatha inxaxheba kwiphulo longenelelo ngoncedo lephondo iPhase 2 of the Literacy and Numeracy intervention. Esi sigaba siza kuqhutywa ngemijikelo emi-2:

  • U-Cycle 1 waqala ngoJuni-Julayi 2011, ngokwenziwa kweseshoni yoqeqesho lootitshala lweentsuku ezi-5, kuLwazi lokuFunda nokuBhala okanye kuLwazi lokuBala. Oku kwalandelwa yinkxaso eyenzelwa ootitshala ziingcali neyaqhutyelwa ezikolweni (on-site specialist support) ukubanceda ekuphumezeni ezi ndlela zokufundisa zintsha (new methodologies).
  • U-Cycle 2 uya kuqhutywa ngeholide kaJuni-Julayi 2012. Makuqatshelwe ukuba izikolo ezikhe zafumana inkxaso i-Literacy support kwi-Cycle 1, ziya kufumana ngoku i-Numeracy support kwi-Cycle 2, ngokutshintshanayo (vice versa).
2. Le ngcaciso imfutshane mayithathwe njengesaziso esisemthethweni esithunyelwa kuzo zonke izikolo ze-Phase 2 sokuba uqeqesho lweCycle 2 luya kuqhubeka ngoJuni-Julayi 2012 yaye ootitshala neeHoDs bafanele ukuyigcina le mihla ichaphazelekayo ilapha ngezantsi:

25 Juni 29 ukuya kwi-29 kaJuni 02 Julayi ukuya kwi-06 Julayi Uqeqesho luya kuthatha iintsuku
ezi-5. Amaxesha ngala alandelayo:

  • NgoMvulo: Ubhaliso ngo-8:00. Uqeqesho luqala ngo-8:30 luze luphele ngo-15:30
  • NgoLwesibini ukuya kuLwesine 09:00 ukuya ku-15:30
  • NgoLwesihlanu: 08:30 ukuya ku-13:00

Kucelwa ufunde isiHlomelo A ngokumalunga neendawo.

ISithili seMfundo iCentral Education District ISithili seMfundo iMetro South
ISithili seMfundo iMetro North ISithili seMfundo iMetro East
ISithili seMfundo iWest Coast Education District ISithili seMfundo iCape Winelands Education District
ISithili seMfundo i-Eden & Central Karoo ISithili seMfundo iOverberg Education District
3. Aba titshala balandelayo mababhalisele ukuya kuqeqesho:

  • Izikolo eziya kufumana i-Language training and support in Cycle 2 (makufundwe isiHlomelo A) mazibhalise bonke ootitshala beSigaba seSiseko (IBakala 1 ukuya ku-3) nabo bonke ootitshala beSigaba esiPhakathi (Intermediate Phase) abafundisa iiLwimi (AmaBakala 4 - 6).
  • Izikolo eziya kufumana i-Mathematics training and support in Cycle 2 (makufundwe isiHlomelo A) mazibhalise bonke ootitshala beSigaba seSiseko (IBakala 1 ukuya ku-3) kodwa kwiSigaba esiPhakathi (Intermediate Phase) kuphela ibe ngootitshala, abafundisa iMathematika (IBakala 4 - 6).
4. Ubhaliso

Ubhaliso kwangoko lootitshala lubalulekile ukulungiselela ucwangciso nolawulo loqeqesho. Ziyacelwa iinqununu ke ngoko ukuba zizalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) zize ziyibuyisele kumququzeleli weGET wesithili semfundo ochaphazelekayo engadlulanga uMvulo, we-16 ka Apreli 2012.


5. Amalungiselelo ohambo

Isibonelelo esiyintlawulo yohambo siya kuhlawulwa ngokwale miqathango ilandelayo:

  • Ukuqinisekiswa kobukho kukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Umgama owahanjiweyo uwonke ngethuba leentsuku ezi-5 mawube ngaphezu kwe-100 km, o.k.t. ubuncinane mawube yi-20 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
  • Uwonke umgama owenzelwa ibango ngethuba leentsuku ezi-5 mawungabi ngaphezu kwe-700 km o.k.t. mawungabi ngaphezu kwe-140 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abayi kubuyiselwa iindleko zabo ngomgama abawuhambileyo ongaphezu kwe-700 km yaye bacetyiswa ukuba endaweni yoko mababhalisele indawo yokulala.

Amabango aya kuphicothwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

Ukusebenzisa imoto yakho Ootitshala mabakhwelisane kangangoko oku kunokwenzeka. Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo.

Nabani na ongumkhweli makabhalwe kuluhlu.

Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo (standard rates) eyi-R2,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.

Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana okuhlawulelwayo kwimoto yabucala Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo.

Ibango malixhaswe yingxelo efungelweyo enika amagama abo bonke abakhweli.

Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo eyi-R2,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.

Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana eyibhasi okanye ikhombi Isikolo masenze amalungiselelo okuqesha isithuthi sikhethe elona xabiso libiza kancinane kwaye masimhlawule umntu esenze naye imvumelwano. ISebe iWCED liya kusibuyisela isikolo loo ntlawulo lakuba lifumene amaxwebhu asayiniweyo. Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa beliqela elinye kuloo ndawo banokudibanela kuyo bonke.
Ukusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke umz. iteksi, ibhasi, uloliwe Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo. Ukuhlawulwa kwazo kuya kwenziwa ngokweereyithi ezimiselweyo. Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba kungqinisiswe amabango.

6. Indawo yokulala nokutya (apho kufanelekileyo)

Indawo yokulala nokutya (okwangokuhlwa nakusasa) ziya kufumaneka ngokwale miqathango:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawube ngaphezu kwe-60 km ngohambo lokuya ngosuku.
  • Ukuqinisekiswa kobukho kotitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Ukususela ngosuku lokuqala ukuya kolokugqibela lwekhosi yoqeqesho, kukho amalungiselelo okukhetha ukuba ube sele ungaphakathi kwindawo yokuhlala (checking in) phakathi kwentsimbi ye-16:00 no-17:00 ngeCawa ephambi kokuqala kukamasifundisane.
  • Iindidi zendawo yokulala;
Indawo yasehostele Kwenziwe amalungiselelo endawo yokuhlala kwikholeji yeFET, ekungekho ntlawulo kootitshala. Ootitshala mabayibhukishe le ndawo yokuhlala kwisiliphu sobhaliso esiqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) ngomhla obekiweyo. Indawo yokuhlala ehostele iya kuba kumagumbi ekulala ngaphezu komntu omnye yaye bayacelwa ootitshala ukuba beze neezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba.
Iindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, guest house, ihotele Ootitshala abakhetha ukungahlali ehostele banokuhlala kwiindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:
  • Ootitshala mabazalise isiliphu esiqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) baze basibuyise ngomhla obekiweyo
  • Kunokwenziwa ibango lesixa-mali esingaya kutsho kwi- R250 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • I-invoyisi yentsusa (original invoice) yendawo yokuhlala mayisayinwe nangulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
Ukuhlala kwisizalwane Le miqathango ilandelayo isebenza kootitshala abakhetha ukuhlala kwisizalwane:
  • Ootitshala mabazalise isiliphu esiqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) baze basibuyise ngomhla obekiweyo
  • Kunokwenziwa ibango lesixa-mali esingaya kutsho kwi- R130 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo yalowo usisizalwane esichaphazelekayo, nesayinwe nanguye lowo wenza ibango, lize lingeniswe kwikhosi yoqeqesho.

7. Indlela yokwenza ibango

Makuzaliswe le fom eneeNkcukacha zeBhanki iqhotyoshelweyo ize igximfizwe ngestampu yibhanki. Le fom mayingeniswe kwigosa lamabango kwindawo yoqeqesho kwakunye nawo onke amaxwebhu entsusa (original) axhasa ibango. Ngamaxwebhu entsusa kuphela amakangeniswe. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa.

Abenzi-mabango baya kubuyiselwa iintlawulo kuphela emva kokuba igqityiwe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwasekuqaleni kwekhosi. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zibancede ootitshala bazo ngokumalunga noku. Uxwebhu olububungqina bentlawulo malugcinwe luze lungeniswe.

Ukubuyiselwa iintlawulo kuya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwamabango ngenyameko yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho nakuphi na ukungangqinelani kwengcaciso.

Onke amabango mawangeniswe kwindawo yoqeqesho. Akukho mabango afike emva kwexesha nangazaliswanga ngokupheleleyo aya kwamkelwa.


8. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi na eminye imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili semfundo ochaphazelekayo nonkcukacha zakhe zidweliswe apha ngezantsi:


ISithili seMfundo UMququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 amorgend@pgwc.gov.za 021 514 6953
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 mmakena@pgwc.gov.za 021 938 3183
Metro South Fadli Wagiet 021 370 2041 fwagiet@pgwc.gov.za 021 372 1856
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 uesau@pgwc.gov.za 086 556 9519
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 epeck@pgwc.gov.za 021 872 5394
Overberg Jenny Bridgeman 028 214 7369 julster@pgwc.gov.za 028 214 7400
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 4604 eajohann@pgwc.gov.za 086 531 0476
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8320 mbeuke@pgwc.gov.za 086 242 1854

9. Maziqinisekise iinqununu ukuba ingcaciso ekule ngcaciso imfutshane yaziswa bonkeootitshala yaye zonke iinkcukacha zobhaliso ezichaphazelekayo zingeniswa kumququzeleli weGET wesithili semfundo engadlulanga uMvulo, we-16 ka Apreli 2012.

10. ISebe i-WCED lijonge ngethemba ekuthatheni inxaxheba okuqhubekekayo kwesikolo sakho ku-Cycle 2 weli Phulo njengendlela enika ithemba kumngeni esijongene nawo wokuphucula amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala nokuqinisekisa ukuba bonke abafundi bayakwazi ukufunda, ukubhala nokubala ngokwamanqanaba alindelekileyo amazwe jikelele.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:03:20

IsiHlomelo A: IINDAWO NEZIKOLO EZIYA KUQEQESHO KWIILWIMI  (ubukhulu: 32 KB)
IsiHlomelo A: IZIKOLO NEENDAWO ZOQEQESHO KWIMATHEMATIKA  (ubukhulu: 32 KB)
IsiHlomelo B: UKUBHALISELA UQEQESHO KULWAZI LOKUBHALA NOKUFUNDA/LOLWIMI  (ubukhulu: 23 KB)
IsiHlomelo C: "BAS Entity Maintenance - Bank Details"  (ubukhulu: 28 KB)