1. |
I-Olympiad yiprojekthi kazwelonke ejolise ekunikeni inkxaso ootitshala be-Natural Sciences nasekuphuculeni ukufundisa eziklasini. Le projekthi ixhaswa ngemali ngu-Edcon ekwenza oko nge-South African Agency for Science and Technology Advancement. Ukulandela iprojekthi esalingwayo ebeyimpumelelo ngo-2011, i-Olympiad ngoku iya kuvulelwa zonke izikolo ezinomdla ngo-2012. |
2. |
Ngo-2011, umfundi ogqwesileyo weBakala 7 eNtshona Koloni yaba nguThamsanqa Kema waseTyholora Primary School eI, owaphumelela i-iPod.
|
3. |
Inani labafundi ababhalisela izifundo zesayensi kwicandelo le-FET lehlile. I-Natural Sciences Olympiad ngoko ke ijolise ekudaleni umdla nasekuvuseleleni umnqweno wokwenza izifundo zeesayensi. KwiNkulungwane ye-21, iisayensi zendalo zifuna ukuba abafundi babonise izakhono ezinjengokucingisisa nzulu, ukusombulula iingxaki nobuchule bokusebenzisa ingqondo yemveli. |
4. |
Iziphumo zeemviwo ze-FET kwiisayensi (iiSayensi zoBomi, iiFizikhali Sayensi, iiSayensi zezoLimo neJografi) aziphucuki ngokwaneleyo ezikolweni zethu, ngakumbi kwizikolo zoluntu oluhlelelekileyo.Kufuneka abafundi balungiselelwe ngcono izifundo ze-FET. |
5. |
Kukho amabhaso atsala umdla kakhulu kwabo baphume emagqabini kwi-Olympiad. |
6. |
Ngako oko ke sikhuthaza zonke izikolo ukuba abafundi bazo bangenele iSigaba esiPhakathi neSigaba esiPhakamileyo njengabathathi-nxaxheba kweli thuba linika umdla. |
7. |
Esi sisiganeko ekuthatha inxaxheba kuso abafundi abaninzi yaye kungabhalisakwisikolo ngasinye abafundi abaya kutsho kwi-75.I-Olympiad iya kubhalwa ngoLwesithathu, we-2 Meyi 2012. |
8. |
I-Olympiad yahlulwe yangamacandelo amabini; iSigaba esiPhakathi neSigaba esiPhakamileyo. Kuya kubhalwa amaphepha emibuzo ahlukeneyo kula macandelo mabini. Okwakalokunje, uviwo lwe-Olympiad lubhalwa ngesiNgesi. Nakuba kunjalo, iVergenoeg Primary School eseWest Coast, eyenza i-Afrikansi njengolwimi lwayo lokuqala, yaphuma kwindawo yesibini kwiphondo ngo-2011. Abaququzeleli bakazwelonke batshilo ukuba amaphepha emibuzo e-Olympiad aya kuguqulelwa kwi-Afrikansi ngo-2013.
|
9. |
Kucelwa zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kule Olympiad. Ziyacelwa iinqununuukuba zizalise ezi fom ziqhotyoshelweyo apha (isiHlomelo A nesiHlomelo B) zize zizibuyisele kwigosa lekharityhulam elichaphazelekayo kwi-ofisi yesithili semfundo sazo (funda uluhlu olulapha ngezantsi)engadlulanga u-14:00 ngoLwesihlanu, we-24 Februwari 2012:
I-ofisi yesithili semfundo |
Igosa lekharityhulam |
Ifoni |
Ifeksi |
I-imeyili: |
Cape Winelands |
Edgar Johannes GET co-ordinator |
023 348 4604 |
086 531 0476 |
Eajohann@pgwc.gov.za |
Eden & Central Karoo |
Alta Raath Head: CCA |
044 803 8326 |
086 511 0504 |
Asraath@pgwc.gov.za |
Overberg |
Jenny Bridgeman Head: CCA |
028 214 7359 |
028 214 7400 |
Julster@pgwc.gov.za |
West Coast |
Ebrahim Peck GET co-ordinator |
021 860 1569 |
021 872 5394 |
Epeck@pgwc.gov.za |
Metro North |
Malefo Makena GET co-ordinator |
021 938 3104 |
021 938 3183 |
Mmakena@pgwc.gov.za |
Metro East |
Ursula Esau GET co-ordinator |
021 900 7051 |
021 903 9484 |
Uesau@pgwc.gov.za |
Metro South |
Fadli Wagiet GET co-ordinator |
021 370 2041 |
086 556 9519 |
Fwagiet@pgwc.gov.za |
Metro Central |
Avrille Morgendal GET co-ordinator |
021 514 6770 |
021 514 6953 |
Amorgend@pgwc.gov.za |
|
10. |
Iinzame zesikolo sakho zokwenza ukuba isayensi eklasini inike umdla nangaphezulu siya kuzithakazelela kakhulu. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:02:13
|
![](images/shim.gif) |