1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuba linika zonke izikolo ezikumaNqanaba 1 no-2 eNtlupheko iikhaphethi ezinokwandlalwa ziphinde zirolwe (loose-lay carpets) ukwenzela ukuzincedisa ekuphuculeni ukufunda nokufundisa kwiiklasi zeSigaba seSiseko.
2. Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lwezikolo eziya kuba zifumana ezi khaphethi.
3. Utitshala ngamnye kwiklasi nganye yamaBakala 1 - 3 uya kufumana ikhaphethi, nemayisetyenziswe yonke imihla xa kufundiswa amaqela abafundi. Oku kuya kubekwa esweni ngokungqongqo ngamagosa ezithili zemfundo.
4. Ziya kusiwa ukuqalela kwi-14 kuye kutsho kwi-31 Januwari 2013.
5. Wakufika umthwalo, makutshekishwe okungaphakathi kuwo ngocoselelo, iphetshana lokuziswa komthwalo malifakwe istampu zize iikhaphethi zirekhodwe kwi-inventri yesikolo. Ikhaphethi nganye mayibhalwe ngento engacimiyo kwicala elingaphantsi igama lesikolo.
6. Kulindeleke ukuba izikolo ziqinisekise ukuba ziyacocwa qho iikhaphethi yaye zizinyamekele, njengoko kungalindelekanga ukuba zingatshintshwa ezi kule minyaka izayo mithandathu (6) ukuya kwelishumi (10). Ukungcitywa nokutshintshwa kweekhaphethi ezonakeleyo kuya kuba luxandva lwesikolo.
7. Amagosa akwaNdlunkulu nawee-ofisi zezithili zemfundo aya kukubeka esweni ukusiwa kwazo, usetyenziso lwazo, ulondolozo lwazo kunye nokugcinwa kweerekhodi ze-inventri.
8. Ziyacelwa iinqununu ukuba zikwazise okukule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo yesikolo nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:12:07

"List of schools"  (ubukhulu: 220 KB)