1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuba linika iikhithi ze-maths izikolo ezikhethiweyo ezikumaNqanaba 1 - 4 eNtlupheko eziku-Phase 2 we-Literacy and Numeracy Intervention. Iikhithi ziya kusiwa ukuqalela kwi-14 Januwari kuye kwi-15 Februwari 2013.

2. Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lwezikolo eziza kufumana ezi khithi.

3. Kwezi zikolo, utitshala ngamnye okanye iklasi nganye ukususela kwiBakala 1 - 6, iya kunikwa ikhithi yemaths enezixhobo eziziintlobo ngeentlobo (manipulatives) zokusetyenziswa ekufundiseni iMathematics.

4. Umthwalo ngamnye ozisiweyo mawutshekishwe ngoko nangoko yinqununu nootitshala ngolu hlobo lulandelayo:
4.1 Tshekishani ukuba izixa zempahla ezizisiweyo ngesigaba ngasinye nangebakala ngalinye zingqinelana nezixa ezibhalwe kwiphetshana lokuziswa kwempahla nakwiinventri ehamba kunye nekhithi. Ukuba kukho naziphi na izinto ezishotayo okanye ezaphukileyo, mazixelwe kumboneleli-nkonzo ngencwadi ebhaliweyo zingadlulanga iiyure eziyi-48. Ikopi yaloo ngxelo mayigcinwe efayilini.
4.2 Ukungaphumeleli kwesikolo ukwazisa umboneleli-nkonzo ngencwadi ebhaliweyo lingekapheli ithuba elicacisiweyo kuya kwenza ukuba isikolo simelwe bubutyala bokuyilungisa le meko. Umboneleli-nkonzo uzibophelele ukuba uza kulungisa naziphi na iimpazamo zezinto ezishiyekileyo okanye ezaphukileyo kwithuba leeveki ezimbini zokwaziswa ngazo.
4.3 Iinkcukacha zoqhagamshelwano zomboneleli-nkonzo, uSupedi, zezi zilandelayo:

  Inombolo yefeksi: 086 551 0719
Idilesi ye-imeyili: lesleykekane@intekom.co.za

5. Ezi ziHlomelo A no-B ziqhotyoshelwe apha zinika uluhlu lwezinto ezikwikhithi nganye eza kubonelelwa kwiSigaba seSiseko nakwiSigaba esiPhakathi.

6. Maziqinisekise iinqununu neentloko zezifundo ukuba kugcinwa i-inventri yazo zonke izibonelelo ezikhushwa liSebe iWCED yaye uyasebenza ngokungqongqo umgaqo-nkqubo wokubuyiswa kwezibonelelo (strict retrieval policy).

7. Kukwafakwe nesikhokelo sikatitshala kwikhithi nganye ukuncedisa utitshala ukuba azisebenzise ngempumelelo izixhobo ezincedisa ukufunda nokufundisa eklasini. Amagosa ezithili zemfundo aya kunika inkxaso nawo yaye akhokele ootitshala ekusetyenzisweni kwezi zixhobo zokufunda nokufundisa. Kulindeleke ukuba iikhithi zibe kwimeko entle nelungele ukusetyenziswa xa kunikwa uncedo.

8. Bayakhuthazwa ootitshala nabafundi ukuba baziqhelanise nokukwikhithi nganye enikwe iSigaba seSiseko neSigaba esiPhakathi.

9. Ziyacelwa izikolo ukuba ziqinisekise ukuba iikhithi zemaths ziyasetyenziswa yaye zilawulwa ngenkathalo njengoko zingazi kutshintshwa kufakwe ezinye kwithuba leminyaka emi-5 ezayo. Ukulungiswa nokutshintshwa kweekhomponenti ezonakeleyo okanye ezilahlekileyo kuya kuba luxandva lwesikolo.

10. Ukusetyenziswa kwekhithi kuya kubekwa esweni yiNtloko yeSigaba yeSebe nangamagosa ezithili zemfundo.

11. Ziyacelwa iinqununu ukuba zikwazise okukule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo yesikolo nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:12:07

IsiHlomelo A: IZINTO EZIKWIKHITHI YEMATHS YESIGABA SESISEKO  (ubukhulu: 28 KB)
IsiHlomelo B: IZINTO EZIKWIKHITHI YEMATHS YESIGABA ESIPHAKATHI  (ubukhulu: 28 KB)