1. Ootitshala beSigaba saBadala baza kwaziswa ngeeNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) ngo-2013. Ikhosi yootitshala beBakala 7 - 9 iya kwenza bazi ngeCAPS njengoko isebenza kwizifundo ezilithoba zeSigaba saBadala.
2. Isebe lemfundo liyaqonda ukuba ootitshala abasezikolweni eziphakamileyo badla ikakhulu ngokugxigxinisa kwisifundo esinye okanye kwezibini kunokuba kunjalo kootitshala beBakala 7, abadla ngokufundisa iqela elikhulu lezifundo.
3. Ukwenzela ukuncedisana nathi ekucwangciseni kwethu, kufunwa isaveyi yenani lootitshala kwisifundo ngasinye.
4. Le Ngcaciso iMfutshane yeKharityhulam icela izikolo zibonise kwiCEMIS okanye kwi-i-SAMS, inani lootitshala kwisifundo ngasinye abafundisa iSigaba saBadala. Ukulungiselela le njongo sele ifumaneka ifom yesaveyi kwiCEMIS/i-SAMS. Landela la manyathelo alapha ngezantsi:
5. KwiCEMIS

Inyathelo 1: Loga kwiCEMIS, usebenzisa i-user name ne-password yesikolo sakho
Inyathelo 2: Khetha u-"Administration" kwi-menu bar
Inyathelo 3: Khetha u-"CAPS orientation"
Inyathelo 4: Zalisa ifom yesaveyi
Inyathelo 5: Xa sele ungqinisisile ukuba isaveyi yakho igqityiwe, klikha u-SAVE.

Kwi-i-SAMS

Inyathelo 1: Loga kwi- i-SAMS, usebenzisa i-user name ne-password yesikolo sakho
Inyathelo 2: Kuya kufumaneka ilinki kwi-home page
Inyathelo 3: Klikha kwilinki, oku kuya kukusa kwi-survey page
Inyathelo 4: Zalisa ifom yesaveyi
Inyathelo 5: Xa sele ungqinisisile ukuba isaveyi yakho igqityiwe, klikha u-SAVE.
6. Kufuneka ifom yesaveyi isayinwe engadlulanga u-12:00 nge-31 Oktobha 2012.
7. Kucelwa iinqununu zezikolo nabalawuli bee-ofisi zezithili zemfundo bazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2012:10:22