1. Ngenxa yesithintelo senkundla (court interdict), iincwadi zesifundo (textbooks) ze-Akhawuntingi zeBakala 11 zesiNgesi azibanga nakuvela kwiKhathalogu kaZwelonke ka-2013.
2. Ngako oko ke, kungenzeka ukuba ezi ncwadi zesifundo zingabi nakuthengwa kwangethuba ukwenzela ukuba zifike ezikolweni phambi kokuba zivulwe izikolo ngoJanuwari 2013.
3. Oku kulibaziseka ekuthengweni kweencwadi zesifundo se-Akhawuntingi zesiNgesi makungavunyelwa kuchaphazele ukufundisa kwiiklasi ze-Akhawuntingi.
4. Ukuba izikolo zivule ngoJanuwari 2013 zingekho iincwadi zesifundo se-Akhawuntingi zeBakala 11 zesiNgesi, maziqhubeke zisebenzise incwadi yesifundo se-Akhawuntingi yeBakala 11 yesiNgesi esetyenziswayo ngoku. Nakuba le ncwadi yesifundo esetyenziswayo ngoku ingangqinelaniswanga (not aligned) ne-CAPS, inayo ikhontenti eninzi ye-CAPS yaye mncinane umahluko phakathi kwekharityhulam esetyenziswayo ngoku kunye ne-CAPS. Nakuba kunjalo, ootitshala kufuneka baqaphele ukuba imodyuli enge-reconciliation, efundiswa kwiiveki ezintathu zokuqala zekota yokuqala, ibandakanya icandelo elincinane, ekuleli Creditors' Reconciliation, elingenziwayo njengangoku kwiBakala 11.
5. ISebe leMfundo esiSiseko liye ke ngoko lavuma ukunika amaphondo incwadana enge-Creditors' Reconciliation, yaye iSebe iWCED liya kuyiprinta lize liyithumele ezikolweni phambi kokuba zivale ngoDisemba 2012. Ingasetyenziswa ke le ncwadana ukuba izikolo zivule ngoJanuwari 2013 ingekho incwadi ye-Akhawuntingi yeBakala 11 ye-CAPS yesiNgesi.
6. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala be-Akhawuntingi kwaye ziqinisekise ukuba ukufundiswa kwe-Akhawuntingi kwiBakala 11 akuchatshazelwa kuko nakuphi na ukulibaziseka ekuzisweni kweencwadi zesifundo se-Akhawuntingi.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:09:06