1. |
Iinjongo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) (i) kukuphucula inani labafundi abenza iMathematika, (ii) kukugcina abafundi abenza iMathematika beqhubeka nezifundo zabo de bagqibe kunye (iii) nokuphucula indlela abapasa ngayo kwiMathematika. Kwenziwe izicwangciso ezahluka-hlukeneyo zokuphumeza ezi njongo zintathu. Esinye sezi zicwangciso kukunika amabhaso enkuthazo izikolo ezibe negalelo ekuphumezeni ezi njongo zi-3 kwisigaba seFET. |
2. |
Izikolo ze-Dinaledi Main and Incentive Schools ezibonisa ukuphucuka kwamanani abafundi, ukugcina abafundi abenza iMathematika beqhubeka nezifundo zabo nokuphucula indlela abapasa ngayo iMathematika kwisigaba seFET ziya kufumana amabhaso. Oku kulandelayo zizixa-mali eziboniswayo eziya kukhutshwa, ngokuxhomekeka kwinani lezikolo nabafundi abafanelekileyo. Ibhajethi elungiselelwe oku iya kukhutshwa ekugqibeleni xa sele zisaziwa izikolo nabafundi abafanelekileyo. Kuza kujongwa le khrayithiriya ilandelayo xa kukhutshwa amabhaso:
(i) |
Ukwanda kwenani labafundi abenza iMathematika Ukwanda ngabafundi abangaphezulu kwabahlanu kwinani labafundi abangena kwisigaba seFET nabenza iMathematika, xa kuthelekiswa nobhaliso lwabafundi beBakala 10 lonyaka ongaphambili, kuya kukhutshwa amabhaso ngolu hlobo:
abafundi abayi- 0 - 5 abafundi abayi- 6 - 10 abafundi abayi- 11 -20 abafundi abayi- 21 - 30 abafundi abangaphezulu ko- 30 |
Akukho bhaso R5 000 R7 000 R9 000 R10 000 |
|
(ii) |
Ukugcinwa kwabafundi abenza iMathematika beqhubeka nezifundo zabo Ngokumalunga nokugcinwa kwabafundi abenza iMathematika beqhubeka nezifundo zabo kwicandelo leFET kwithuba leminyaka emithathu ezayo, amabhaso enkuthazo aya kususela kwinani labafundi ababhala iMathematika kuviwo lokuphela konyaka lweBakala 12 ngo-2012, xa kuthelekiswa nenani elalenze iMathematika kwiBakala 10 ngo-2010. Kuya kusetyenziswa lo mlinganiselo ulapha ngasezantsi ukwenza isigqibo ngamabhaso akhutshwayo.
50% - 60% 61% -70% 71% - 80% 81% - 90% 91% - 99% U-100% okanye ngaphezulu |
R3 000 R4 000 R10 000 R13 000 R18 000 yibhonasi ye-R20 000 |
|
(iii) |
Ukuphucula indlela yokupasa kwiMathematika Ukwanda ngabafundi abangaphezu kwabahlanu kwinani labafundi abapase ngo-50%+ kwiMathematika kuviwo lweBakala 12 lokuphela konyaka ngo-2012. Kuya kukhutshwa amabhaso ngolu hlobo lulandelayo:
Ukwanda ngo-0% kwinani labafundi abapase ngo-50%+ Ukwanda ngo-1% kwinani labafundi abapase ngo-50%+ Ukwanda ngo-2% kwinani labafundi abapase ngo-50%+ Ukwanda ngo-3% kwinani labafundi abapase ngo-50%+ Ukwanda ngaphezu ko-3% kwinani labafundi abapase ngo-50%+ |
Akukho bhaso R3 000 R6 000 R9 000 R10 000 |
|
|
3. |
Ziyakhuthazwa izikolo ze-Dinaledi Main and Incentive Schools ukuba zenze konke okusemandleni azo ukuncedisa iSebe iWCED ekuphumezeni ezi njongo zikhankanywe apha ngasentla. |
4. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:09:06
|
![](images/shim.gif) |