1. Kwiinzame zokuncedisa abafundi beBakala 12 abalungiselela iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate examinations), iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kusebenzisa izikhululo zeradiyo zasekuhlaleni (community radio stations) ukusasaza iiprogram ezijolise ekulungiseleleni iimviwo zokuphela konyaka.
2. Ootitshala nabacebisi ngezekharityhulam bezi zifundo baya kunika uthotho lweentetho kwiradiyo, bagxile kwikhontenti yesifundo, kumacebo okubhala iimviwo neengcebiso zokufunda (study methods).
3. Ezi program ziya kusasazwa zezi zikhululo zeradiyo zilandelayo phakathi kwentsimbi ye-20:00 neye-21:00 ngeentsuku zeveki; naphakathi kwentsimbi ye-15:00 neye-16:00 ngeMigqibelo:

Isikhululo seradiyo Amaza omoya Iintsuku
Bush Radio 89.5 FM uMvulo, uLwesibini, uLwesithathu
Radio Zibonele 98.2 FM uLwesithathu, uLwesine, uMgqibelo
West Coast Radio 92.3 FM uLwesithathu, uLwesine, uMgqibelo
Radio Eden FM 93.8 FM (George)
87.8 FM (Hessequa)
103.6 FM (Karoo)
uLwesithathu, uLwesine, uMgqibelo
Radio KC 107.7 FM uLwesithathu, uLwesine, uMgqibelo
Valley FM 88.8 FM uLwesithathu, uLwesine, uMgqibelo
4. Usasazo luya kuqala nge-20 Agasti 2012.
5. Iprogram yesikhululo sosasazo ngasinye iqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane.
6. Abafundi, ootitshala nabazali banako kwakhona ukungenisa imibuzo ephathelele kwiimviwo zeBakala 12 ngokuyithumela nge-imeyili apha matricassist@westerncape.gov.za. Imibuzo yabo iya kuphendulwa ngabacwangcisi bezekharityhulam abakhulu nabacebisi bezifundo abachaphazelekayo.
7. ISebe leMfundo leNtshona Koloni libanqwenelela okuhle kodwa bonke abafundi beBakala 12 kumalungiselelo abo eemviwo zokuphela konyaka.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabafundi beBakala 12 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:08:10

"Grade 12 Radio Programmes"  (ubukhulu: 55 KB)