1. Ekuqaleni konyaka wokufunda ka-2012, iSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (DBE), lasa kuzo zonke izikolo zikarhulumente iincwadi zomsebenzi zamaBakala R - 9, iincwadi zezifundo zeMathematika nezeFizikhali Sayensi zamaBakala 10 -12 kunye namaxwebhu e-CAPS.

2. Ileta yaseburhulumenteni, yomhla we-14 Disemba 2011, eyabhalelwa zonke iinqununu zezikolo zikarhulumente, yayicacisa ukuba iincwadi zomsebenzi neencwadi zezifundo zizibonelelo ezingundoqo yaye mazisetyenziswe yonke imihla eklasini ukwenzela ukugqiba ukwenza imisebenzi esekelwe kwizifundo ezifundiswayo. Nakuba kunjalo, kwiingxelo ezifunyenweyo zokubeka esweni umsebenzi (monitoring), kukho ubungqina bokuba ezinye izikolo azikhange ziyiqonde injongo okanye ixabiso lezi zibonelelo zizinikiweyo.

3. Zonke izithili zemfundo nezikolo zifanele ukuqaphela oku kulandelayo:

  • Kungaba luncedo kuzo zonke izikolo zikarhulumente ukusebenzisa iincwadi zomsebenzi, iincwadi zezifundo namaxwebhu eCAPS, ezibonelelwe liSebe iDBE;
  • Kungaba luncedo ukugqiba yonke imisebenzi ekwiincwadi zomsebenzi (Books 1 no- 2) phambi kokubhala iimviwo zokuphela konyaka;
  • Iincwadi zomsebenzi zinikwa bonke abafundi mahala kuzo zonke izikolo zikarhulumente zamaBakala R – 9;
  • Iincwadi zezifundo zeFizikhali Sayensi nezeMathematika zamaBakala 10 - 12 zinikwe zonke izikolo yaye zinemisebenzi emininzi ekufuneka yenziwe kuzo zonke iiklasi;
  • Iincwadi zomsebenzi neencwadi zezifundo zamaBakala 10 - 12 zeFizikhali Sayensi neMathematika zingakotshwa (downloaded) yaye zifundwe kwikhompyutha nakwiiselula.
4. Abacebisi bezekharityhulam baya kubakhokela yaye bababeke esweni ootitshala xa besebenzisa ezi zibonelelo zeDBE.

5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:06:19