1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liyaqhubeka nokusebenzisana kwalo neYunivesithi yaseStellenbosch ukusasaza ngqo izifundo ngomabonakude kwizikolo ezikhethiweyo eziyi-146.
2. Ngasinye kwezi zikolo ziyi-146 siya kufumana izinto zokuxhasa abafundi ekufundeni. (Funda ilisti yezikolo kwisiHlomelo A esiqhotyoshelwe apha.)
3. Asiyonjongo yokufundisa nge-Telematics ukuthatha indawo yokufundisa kwesiqhelo. Endaweni yoko, eyona njongo yako kukudala imeko enika indawo yokufundela exhasa yaye ikhuthaze ukufunda kumaBakala 11 no-12.
4. Ezi zifundo zilandelayo ziya kusasazwa ngamaxesha athile: iMathematika, iFizikhali Sayensi, iiSayensi zoBomi, i-Akhawuntingi, isiNgesi uLwimi lokuQala oLongezelelweyo, isi-Afrikansi uLwimi lokuQala oLongezelelweyo noLwimi lwaseKhaya kunye neJografi. (Funda ithayimthebhile yokusasaza kwisiHlomelo B esiqhotyoshelwe apha.)
5. Abafundi nootitshala bamaBakala 11 no-12 kwezi zikolo ziyi-146 baya kuthi, ngexesha losasazo, babe nako ukuqhagamshelana nomqhubi-nkqubo (presenter) estudiyo kusetyenziswa i-Intanethi okanye iselula. Abafundi baya kuba nako kubuza imibuzo kumqhubi-nkqubo emva kosasazo. Bonke abathathi-nxaxheba baya kuba nako ukuva imibuzo neempendulo.
6. Abaqhubi-nkqubo ngootitshala abaphambili beSebe iWCED abakhethwe ngenxa yobungcali babo kwizifundo zabo.
7. Kuya kulindeleka ukuba ootitshala bezifundo kwisikolo ngasinye balawule, babeke esweni yaye baququzelele ukufunda ngamaxesha apho izifundo zibukelwa kumabonakude ngabafundi emva kwesikolo.
8. Ngenxa yokuba izifundo zisenziwa emva kweeyure zesikolo apha evekini nangeeCawa, kubalulekile ukuba iinqununu zixoxe ngamalungiselelo nabazali babafundi bamaBakala 11 no-12, kunye namabhunga olawulo ezikolo zazo.
9. Akuyi kuba ngabafundi kuphela abaya kuzuza lukhulu kule program. Ukuba le program ilawulwa kakuhle, isikolo nabahlali baya kuzuza nabo kuyo.
10. Le program iya kubekwa esweni qho nguNdlunkulu nangamagosa ee-ofisi zezithili zemfundo.
11. Kuya kulindeleka ukuba Iinqununu zinike ingxelo qho ngeveki ngokuza kwabafundi, kwakunye nempumelelo okanye ubunzima ababufumanayo malunga nale nkqubo.
12. li-DVD zokusasaza ziya kuthunyelwa ezikolweni ukuhlaziya ulwazi phambi kweemviwo.
13. Ukuba ninayo nayiphi na imibuzo ngeli phulo, kucelwa ukuba niqhagamshelane ngokukhululekileyo noWalter Mercuur, kule nombolo yefoni 021 467 2630 okanye ngale dilesi ye-imeyili Walter.Mercuur@pgwc.gov.za
14. Sijonge ngethemba lokuqhuba le projekthi enika umdla kunye nani.
15. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala abachaphazelekayo, abafundi bamaBakala 11 no-12 nabazali babo okanye nabagcini babo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
OBAMBELEYO USEKELA MLAWULI JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:04:02

"IsiHlomelo A: Schools presenting lessons on Telematics Platform"  (ubukhulu: 56 KB)
"IsiHlomelo B: Telematics schedule for 2012"  (ubukhulu: 57 KB)