1. I-South African Institute of Chartered Accountants (SAICA) esebenzisana neYunivesithi yaseStellenbosch (US) neSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), icela ootitshala be-Accounting ukuba beze kwiprogram yophuhliso lootitshala.
2. Abahlohli beYunivesithi yaseStellenbosch baya kuyiqhuba le program ngeprojekthi yokufundisa iWCED Telematics Teaching project kwizikolo ezidweliswe isiHlomelo C.
3. Kuya kubakho iiseshoni ezintadathu zoqeqesho zeyure enye, yaye iseshoni nganye iya kuqala ngo-15:00 okanye ngo-16:00 ngooLwezibini emva kwemini. Ezi seshoni ziya kufikelela kwiinkalo ngeenkalo zekharityhulam ye-Accounting, nakwi English ne-Afrikaans, njengoko kubonisiwe isiHlomelo B.
4. Kucelwa bonke ootitshala be-Accounting ukuba babhalise kule program yaye kuya kufuneka ukuba baye kuzo zonke iiseshoni kwezo ndawo zikufutshane nezikolo abafundisa kuzo.
5. Ootitshala be-Accounting abanqwenela ukubhalisa kule khosi, kufuneka bazalise isiliphu sempendulo esiqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) baze basithumele nge-imeyili kumququzeleli weprogram, uNks Betty Abrahams, apha bettya@saica.co.za okanye basithumele kuye ngefeksi apha 011 621 6782 ungadlulanga owe-5 Matshi 2012.
6. Bakuzigqiba iiseshoni ezintandathu, bonke abathathi-nxaxheba, baya kufumana isatifikethi sokuthatha inxaxheba kule program yophuhliso lootitshala.
7. Nayiphi na imibuzo emalunga neprogram inokubhekiswa ku-Ellane van Wyk kule dilesi ye-imeyili erau@sun.ac.za, okanye kule nombolo yefoni 021 808 3438 okanye kuGlynis Schreuder kule dilesi ye-imeyili Glynis.Schreuder@pgwc.gov.za, okanye kule nombolo yefoni 021 467 2576. Ootitshala banako ukufumana iinkcukacha ezizezinye kumcebisi ngezekharityhulam wesithili semfundo sabo.
8. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala be-Accounting ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2012:02:21

isiHlomelo A: "Teacher Enrichment Programme Registration form"  (ubukhulu: 21 KB)
isiHlomelo B: IPROGRAM YOPHUHLISO LOOTITSHALA  (ubukhulu: 29 KB)
isiHlomelo C: IPROGRAM YOPHUHLISO LOOTITSHALA BE-ACCOUNTING - IINDAWO  (ubukhulu: 37 KB)