1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lenze incwadana Tips for Success booklet yomviwa ngamnye we-NSC waseNtshona Koloni ngo-2013 ukubanceda kumalungiselelo abo eemviwo. Le ncwadana inika iingcebiso ngokufunda, iingcebiso ngeemviwo, ithayimthebhili yoviwo, ingcaciso ngeebhasari, iingcebiso ngokuphumelela kunye nenye ingcaciso eluncedo.

2. Injongo kukuba le ncwadana mayinikwe umfundi ngamnye weBakala 12 ngoJanuwari 2013.

3. Ukongeza kwezi ncwadana zabaviwa, kufakwe iincwadi ezongezelelweyo ngesikolo ngasinye, ukwenzela utitshala ngamnye wezifundo zeBakala12. Ezi ncwadana ziya kusiwa ngamagosa ezithili zemfundo kuzo zonke izikolo eziphakamileyo ungadlulanga owe-20 Januwari 2013.

4. Inqununu, okanye utitshala owenza loo msebenzi, uya kucelwa ukuba achaze ukuba bazifumene iincwadana emva kokuqinisekisa ukuba inani leencwadana ezisiweyo liyangqinelana nelisti yeCEMIS ehamba nazo. Kucelwa uqaphele ukuba amanani ayeqikelelwe ngokususela kumanani abafundi beBakala 11 ngo-2012. Umntu owamkela ezi ncwadana makanike le ngcaciso ilandelayo kwifom ehamba nazo:

  • Igama lakhe nesignitsha yakhe
  • Igama lakhe nedilesi yesikolo
  • Isitampu sesikolo
  • Umhla wokusiwa
  • Inani leencwadana ezifunyenweyo ngesiNgesi kunye/okanye isi-Afrikansi
  • Inani leencwadana ezifunyenweyo zootitshala beBakala 12

Ikopi yefom mayigcinwe sisikolo yaye ikopi eyintsusa mayibuyiselwe kwi-ofisi yesithili semfundo ukwenzela ukuba iqwalaselwe ngumcebisi ngezekharityhulam oyintloko.

5. Ukuba kuthe kanti inani leencwadana ezisiwe esikolweni alichanekanga, kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi yesithili sakho semfundo. Iincwadana ezingaphezu kwemfuneko mazibuyiselwe kwi-ofisi yesithili.

6. Ukwenzela ukuba ezi ncwadana zibe nezo ziphumo zinqwenelekayo zokuncedisa abaviwa xa belungiselela iimviwo zabo, kucetyiswa ngokumandla ukuba ootitshala baxoxe ngokuqulethwe zizo neeklasi zabo zeBakala 12 nokuba babakhuthaze abaviwa ukuba bazifunde yaye bazisebenzise.

7. Amaphepha emibuzo eNSC eminyaka edlulileyo neemomorandam zokumakisha zinokufunyanwa apha: http://wced.school.za.

8. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke ootitshala ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:12:07

"Delivery of Grade 12 Tips for Success Booklets in 2013"  (ubukhulu: 24 KB)