1. UMphathiswa weMfundo wePhondo ubhengeze ukuba zonke iinqununu zezikolo eNtshona Koloni ziza kufumana ikhompyutha i-personal computer (PC) tablet ngo-2012. Ii-PC tablets zenzelwe ukuphucula unxibelelwano nendlela iSebe leMfundo leNtshona Koloni elinika ngayo inkxaso kwiinqununu zethu.
2. Ii-PC tablets zithengwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) yaye ukusiwa kwazo kuqale ngoLwesihlanu we-16 Novemba 2012. Umthengisi uya kuhlawulwa liSebe iWCED yaye akukho ntlawulo iya kwenziwa sisikolo kumthengisi.
3. Kucelwa uqaphele ukuba, ngokoMhlathi 17.2 weMimiselo kaNondyebo kaZwelonke (National Treasury Regulations), kufuneka iinqununu zigcine kwindawo ekhuselekileyo amaphetshana okusiwa kwempahla (delivery notes) entsusa eziwasayinileyo namaxwebhu axhasayo kangangeminyaka emi-5 ukulungiselela iinjongo zokuphicothwa kweencwadi (auditing purposes).
4. Ii-PC tablets zizibonelelo ezikhutshwa kube kanye qwaba ngenjongo yokuba zisetyenziswe ziinqununu zezikolo. I-PC tablet nganye ihlala iyi-asethi yesikolo kwaye mayirekhodwe kwirejista yee-asethi zesikolo.
5. I-PC tablet ikhutshwa kunye ne-inshorensi yethuba eliyiminyaka emibini. Kucetyiswa ukuba emva kweli thuba i-PC tablet mayifakwe kwi-inshorensi sisikolo. Iinkcukacha ze-inshorensi ziyafumaneka kubathengisi kule nombolo: 087 8130 304. Xa ithe yabiwa, makuxelwe oko emapoliseni, ukuze kufunyanwe inombolo yetyala (case number) yaye makwaziswe namagosa achaphazelekayo kwi-ofisi yesithili semfundo.
6. I-SIM card iza kunye ne-PC tablet yaye ihlala iyipropathi yeSebe iWCED. Umthengisi ufake iiMegabhayithi (MB) eziyi-500 zedatha kwi-SIM card. Nayiphi na idatha eyongezwayo okanye ethengwe emva koku iya kuthengwa kwi-akhawunti yesikolo. Kucelwa ufunde iGazethi kaRhulumente No. 29179 ukufumana ingcaciso ngeentengo ezilolu hlobo. Iziqendu 94 – 99 zibhekiselele kanye ngqo kulo mba.
7. I-PC tablet nganye inewaranti yeminyaka emibini "yokutshintshwa kwayo" yaye ukuba unazo naziphi na iingxaki malunga nokusebenza kwayo, okanye ufuna isixhotyana sokusetyenziswa nayo kunye neenkonzo zewaranti, kucelwa uyibhekise imibuzo yakho kwinombolo yoncedo yomthengisi elungiselelwe oku, eyile: 087 8130 304. (Makuqatshelwe ukuba le asiyo Ce-I Helpdesk.) Ukuba ufuna uncedo olungaphezulu unokuqhagamshelana no-School Net SA kule nombolo: 011 403 5777.
8. Kuza kubonelelwa ngoqeqesho lweenqununu ekusetyenzisweni kwe-PC tablet. Kusaza kwenziwa izigqibo ngemihla yoqeqesho kwakuba kubhungiswene nabalawuli bezithili zemfundo ukwenzela ukuba kwaziswe iinqununu kwangexesha. Uqeqesho luya kubandakanya ukwaziswa kwee-features ze-PC tablet nemiyalelo yokusetyenziswa kwayo ukucwangcisela nokurekhoda iintlanganiso, ukunxibelelana, ukufunda, ukubhala, ukufunda ngezemfundo nokwenza iinkcazo-ntetho (professional learning and delivering presentations).
9. Ukuba ufuna uncedo olongezelelweyo emva koqeqesho, unokuqhagamshelana negosa elichaphazelekayo leWCED kule theyibhile ilapha ngezantsi:

  Igosa leWCED ICandelo Isikhundla Inombolo yefoni Idilesi ye-imeyili
1 Deon Louw Head Office IMG 021 467 2653 Deon.Louw@westerncape.gov.za
2 Wayne Blauw Chief Directorate: Districts CD: Districts 021 467 2557 Wayne.Blauw@westerncape.gov.za
3 Saaid Agherdien Head Office e-Learning 021 467 2855 sagherd@pgwc.gov.za
4 Ismail Dout Head Office e-Learning 021 467 2270 idout@pgwc.gov.za
5 Richard Vander Horst Metro Central District e-Learning 021 659 4305 Rvdhorst@westerncape.gov.za
6 Nazeem Sheik Metro Central District IMG 021 514 6927 Nsismail@westerncape.gov.za
7 Rodney Nissen Metro East District e-Learning 021 900 7250 Rnissen@novell.pgwc.gov.za
9 Moederick Jacobs Metro North District e-Learning 021 938 3142 Mojacobs@westerncape.gov.za
10 L Rutgers Metro North District IMG 021 938 3000 Lerutger@westerncape.gov.za
11 Deon Khan Metro South District e-Learning 021 370 2040 Dkhan@westerncape.gov.za
12 Annette Fella Metro South District Strat. & Comm. 021 782 6102 Afella@westerncape.gov.za
13 Harriet Lackey Cape Winelands District e-Learning 023 348 4611 hlakey@westerncape.gov.za
14 Bertram Jacobs Cape Winelands District IMG 023 347 0820 Bdjacobs@westerncape.gov.za
15 Sammy Bouwers Eden & Central Karoo District e-Learning 044 803 8385 Samuel.Bouwers@westerncape.gov.za
16 Simonette Du Plessis Overberg District e-Learning 028 287 7614 Siduples@westerncape.gov.za
17 Horatio Hart West Coast District e-Learning 021 860 1200 Hwhart@westerncape.gov.za
18 Avril Daniels West Coast district IMG 022 719 1809 Avdaniel@westerncape.gov.za
10. ISebe iWCED liziva linengqiniseko yokuba ii-PC tablets ziya kunika iinqununu amathuba aphuculweyo okunxibelelana nokusebenzisana nezinye iinqununu ezingoogxa bazo, namagosa ezithili zemfundo noNdlunkulu weSebe iWCED.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2012:11:22

"Government Gazette No. 29179"  (ubukhulu: 891 KB)