1. |
ISebe leMfundo esiSiseko likhuphe iSetyhula E18 ka-2012 yoncwadi olumiselweyo lweemvi wo zolwimi zeMatriki (INgxelo 550) zika-2013 no-2014. ISetyhula E18 ka-2012 ithatha indawo yeSetyhula E13 ka-2012. |
2. |
ISetyhula E18 icacisa ukuba abaviwa abaya kubhala iimviwo zeMatriki (INgxelo 550) zika-2013 no-2014 baya kubhala uncwadi olumiselwe iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. |
3. |
Okuthunyelelwayo nokuqhotyoshelwe apha yilisti yoncwadi olumiselweyo nengcaciso ngefomathi yephepha loNcwadi ngalinye njengesiHlomelo A no-B ngokulandelelanayo. |
4. |
Inani leencwadi ezimiselwe ukufundwa lilungiswe ngolu hlobo lulandelayo: |
4.1 |
ULwimi lokuQala kuHlelo oluPhakamileyo nakuHlelo oluPhakathi (First Language Higher Grade and Standard Grade) (makufundwe zo-3 iintlobo zoncwadi):
- 4 Imibongo
- 2 Imidlalo (Khetha ube mnye)
- 2 Iinoveli (Khetha ibe nye)
|
4.2 |
ULwimi lweSibini kuHlelo oluPhakamileyo nakuHlelo oluPhakathi (Second Language Higher Grade and Standard Grade) (makufundwe naziphi na eziyi-2 kweziyi-4 iintlobo zoncwadi):
- 4 Imibongo
- 2 Imidlalo (Khetha ube mnye)
- 2 Iinoveli (Khetha ibe nye)
- 4 Amabalana amafutshane
|
5. |
Ukususela ngo-2013, onke amaphepha emibuzo yoNcwadi (iPhepha 2) aya kusetwa liSebe leMfundo esiSiseko. |
6. |
Uviwo lweMatriki luka-2013 no-2014 luya kusekelwa kwilisti yeencwadi ezimiselweyo ekwisiHlomelo A. |
7. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beelwimi abanoxanduva lokulungiselela abaviwa iimviwo zeMatriki (INgxelo 550). |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2012:10:18
|
|