1. Le ngcaciso imfutshane isaqhubeka nokwakwaziswe kwiSetyhula 0015/2012 eyabhengeza umhla wokubhalwa kwemisebenzi yovavanyo ekumgangatho ofanayo yesifundo soLwazi ngezoBomi njengomhla we-7 Septemba 2012. Isetyhula leyo yacacisa ukuba izikolo ezinqwenela ukubhala uvavanyo nge-7 Septemba 2012 zinokuyisebenzisa le misebenzi ziyibandakanye njengenxalenye yovavanyo lwazo oluqhubekela esikolweni.

2. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa izikolo eziya kuba zibhala i-CAT malunga nenkqubo eza kulandelwa xa kubhalwa i-CAT kwisifundo soLwazi ngezoBomi.

3. Umhla wokubhalwa kwe-CAT uza kuhlala uyi-7 Septemba 2012, ukuqala ngo-09.00 kuye kutsho ngo-10.30 yaye kufuneka izikolo zibhale i-CAT kwisifundo soLwazi ngezoBomi kwaye ziyimakishe njengoko kumiselwe kule ngcaciso imfutshane.

4. Uvavanyo lwe-Life Orientation CAT luya kuba liphepha leyure enye enesiqingatha (1½ hour paper) nelinamanqaku angu-75 ewonke. Lungathatha indawo yoMsebenzi 4 (Task 4) weprogran yovavanyo lwesifundo soLwazi ngezoBomi kwiBakala 12 owawucwangciselwe ukuba ubhalwe kwiKota yesi-3, yaye luya kwenza i-20% yamanqaku ewonke esifundo soLwazi ngezoBomi.

5. Iphepha lemibuzo elingumzekelo kunye nesikhokelo sovavanyo esicacisa umhlaba oza kufikelelwa nobandakanywe kwi-CAT, sele zathunyelwe kuzo zonke izikolo ngoMeyi 2012.

6. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kukulawula ukuprintwa nokusiwa kwe-CAT kuzo zonke izikolo.

7. Ukubhalwa kwemisebenzi yovavanyo ekumgangatho ofanayo
7.1 Inqununu, njengomgadi wabaviwa oyintloko, mayithwale uxanduva olupheleleyo kwaye iqinisekise ukuba imithetho yeemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ilandelwa ngokuthe ngqo.
7.2 Iinqununu mazivule iimvulophu zamaphepha emibuzo kukho abafundi kwaye zibeke esweni ukuhanjiswa kwamaphepha emibuzo.
7.3 Iinqununu maziqinisekise ukuba abagadi babaviwa bathe qwa bagadile ngethuba lokubhalwa kwe-CAT.
7.4 Emva kokubhalwa kwe-CAT, iincwadi zeempendulo mazifakwe ezingxoweni ezibonelelweyo zitywinwe zize zibuyiselwe kwinqununu yesikolo ukuba izigcine ngokunqatyisiweyo.

8. Iingxoxo ngezikhokelo zokumakisha
8.1 Iingxoxo eziza kwenziwa kuzwelonke nakumaphondo malunga nezikhokelo zokumakisha ziya kuqala nge-9 kuye kutsho kwi-12 Septemba 2012.
8.2 Izikhokelo zokumakisha zokugqibela (final) ziya kuthunyelwa ezikolweni ungadlulanga owe-14 Septemba 2012.

9. Ukumakishwa kwemisebenzi yovavanyo ekumgangatho ofanayo
9.1 Ukumakishwa kwe-CAT kuya kwenzelwa ezikolweni phantsi kweliso lenqununu yesikolo, apho utitshala oneqhuzu (senior teacher) okanye intloko yecandelo lezifundo (head of department) iya kuba yimodareyithwa yangaphakathi.
9.2 Ukumakisha makuqalise nge-14 Septemba 2012 kuze kugqitywe nge-21 Septemba 2012.
9.3 Iincwadi zeempendulo mazikhutshwe kwigumbi elinqatyisiweyo yinqununu yesikolo kuphela ngosuku lokuqala kokumakisha
9.4 Apho kukho ngaphezu kotitshala omnye wesifundo soLwazi ngezoBomi esikolweni, kucelwa uqinisekise ukuba ootitshala abamakishi iincwadi zeempendulo zabafundi babo.

10. Ukumodareyithwa kweencwadi zeempendulo sisikolo nasisithili
10.1 I-CAT mayimodareyithwe kwinqanaba lesikolo.
10.2 Inqununu mayiqinisekise ukuba ubuncinane i-10% yeencwadi zeempendulo ezimakishiweyo zimodareyithwa ngutitshala oneqhuzu (senior teacher) okanye yintloko yecandelo lezifundo (HOD).
10.3 Emva kokuba iincwadi zeempendulo zimodareyithiwe, amanqaku makarekhodwe kwimakhishithi (mark sheet) enikwe isikolo.
10.4 Umcebisi wesifundo soLwazi ngezoBomi kwisithili semfundo angamodareyitha isampula yeencwadi zeempendulo kwizikolo ezikhethiweyo. Kucetyiswa ukuba kumodareyithwe isampula eyi-10% yeencwadi zeempendulo ngeklasi nganye.

11. Ukufakwa ekhompyutheni kwamanqaku emisebenzi yovavanyo ekumgangatho ofanayo
11.1 Izikolo ziya kunikwa imakhishithi eyodwa yokufaka amanqaku e-CAT.
11.2 Ezi makhishithi mazithunyelwe kwiSebe iWCED kunye namanye amanqaku e-SBA.

12. Ziyacelwa iinqununu ukuba zenze amalungiselelo ayimfuneko okubhalwa kolu vavanyo.

13. Izikolo ezinqwenela ukubhala i-CAT kwisifundo soLwazi ngezoBomi mazincede zizalise iphetshana lempendulo (reply slip) eliqhotyoshelwe apha zize zilithumele ngefeksi kuMnu A Jantjies apha 021 467 9370 ungadlulanga umhla we-20 Agasti 2012.

14. Kucelwa wazise le ngcaciso kubo bonke ootitshala nabafundi besifundo soLwazi ngezoBomi ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:08:10

"Common Assessment Task (CAT) for Life Orientation - Response form"  (ubukhulu: 51 KB)