1. |
Zazazisiwe izikolo ngeNgcaciso eMfutshane yoLawulo loVavanyo 0005/2012, ngemizekelo yeemvavanyo (test exemplars) kuLwimi nakwiMathematika ukulungiselela iiMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke (Annual National Assessments (ANAs)) eyakhutshwa liSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)) yeSigaba esiPhakathi. |
2. |
ISebe iDBE likhuphe iseti yesibini neyesithathu yemizekelo yeemvavanyo kuLwiminakwiMathematika yamaBakala 1 – 6 no-9. Ezi mvavanyo zinokufunyanwa ngokuklikha kule linki ilandelayo: http://wced.school.za/home/home.html. Emva koko
- klikha ku-"Teaching/Curriculum Support"
- uklikhe ku-"Assessment Management",
- uklikhe ku-"GET Assessment" naku
- "Annual National Assessments and Annual National Assessments 2012"
|
3. |
ISebe iDBE lenze ucazululo lomgangatho (a qualitative analysis) weempendulo zabafundi kwii-ANAs zango-2011 ukuqaphela ezo nkalo basasilela kuzo (areas of weakness). Olu cazululo lunika ubungqina obuluncedo kumaphulo ongenelelo ngoncedo okufundisa nokufunda afanelekileyo kwakunye nolawulo lwekharityhulam ezikolweni ziikomiti zolawulo zezikolo. Le ngxelo yocazululo i-Qualitative Analysis of Learners' Responses Report, inokufunyanwa kweli ziko lewebhu likhankanywe apha ngentla.
|
4. |
Ziyacelwa iinqununu namagosa ezithili zemfundo ukuba zikuqaphele okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:08:02
|
|