1. Ukulungiselela iiMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke (Annual National Assessments (ANAs)) eziya kubhalwa ukususela nge-18 ukuya kwi-21 Septemba 2012, iSebe leMfundo esiSiseko (DBE) livelise imibuzo eyimizekelo kuLwimi nakwiMathematika kwiBakala 4 ukuya ku-6 emayisetyenziswe ngootitshala kuzo zonke izikolo.
2. I-CD, enemibuzo eyimizekelo yovavanyo lweMathematika (Mathematics test exemplars) yeSigaba esiPhakathi kumsebenzi omelwe ukwenziwa ugqitywe kwiikota zesikolo ezintathu zokuqala zonyaka, kunye nemibuzo eyimizekelo yoLwimi yeSigaba esiPhakathi kumsebenzi omelwe ukwenziwa ugqitywe kwikota yokuqala yesikolo yonyaka, ithunyelwe kubaququzeleli bovavanyo kwizithili zemfundo. Ziyacelwa izikolo ukuba ziye kuthatha ii-CD ezo kubaququzeleli bovavavanyo kwizithili zemfundo.
3. Imibuzo eyimizekelo yeSigaba seSiseko neBakala 9, kwakunye nemibuzo eseleyo yeSigaba esiPhakathi, iya kuthunyelwa ezikolweni yakuba ifunyenwe kwiSebe iDBE.
4. Kulindeleke ukuba iingcali zekharityhulam nabacebisi bezifundo kwinqanaba lephondo nelesithili semfundo, zincedise ootitshala ekusebenziseni le mibuzo iyimizekelo ukwenzela ukuba bakhulise ukuzithemba kwabafundi babo xa bephendula iintlobo ezahlukeneyo zemibuzo esetwe kwi-ANAs.
5. Ayacelwa amagosa ezithili zemfundo neenqununu ukuba zikuqaphele okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:05:08