1. IiMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke (Annual National Assessments (ANA)) ziya kubhalwa ukususela nge-18 – 21 Septemba 2012. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuprinta lize lise ii-ANA kuzo zonke izikolo zikarhulumente nakuzo zonke izikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente. Ukuqinisekisa ukuba umfundi ngamnye ufumana iimvavanyo kwibakala elichanekileyo nangolwimi lokufunda nokufundisa (language of learning and teaching (LoLT)) oluchanekileyo, kubalulekile ukuba ubhaliso lwabafundi kumaBakala 1 - 6 no-9 lwenziwe ngokuchanekileyo kwi-CEMIS nakwiiSAMS.

2. Iinqununu zezikolo zabanako ukufumana iifom zobhaliso lwabafundi ze-ANA ezazisele zifakwe ingcaciso ukususela nge-29 Februwari 2012, kwaye zaye zacelwa ukuba zingqinisise zize zisayinele ingcaciso yobhaliso lwabafundi ye-ANA ungadlulanga owe-23 Matshi 2012.

3. ISebe iWCED liqaphele ukuba asingawo onke amaxwebhu obhaliso lwabafundi e-ANA abonisa ingcaciso echanekileyo, yaye ke ngoko kucelwa ingcaciso ehlaziyiweyo yakutshanje. Ngokumalunga neemvavanyo zeelwimi, kubalulekile ukuba kuqatshelwe le ngcaciso ilandelayo:
3.1 I-ANA iya kubhalwa nge-LOLT yomfundi. Amanqanaba eelwimi ezi mvavanyo acaciswe ku-3.1.1. naku-3.1.2:
3.1.1 Amanqanaba eelwimi eemvavanyo kwiSigaba seSiseko (kumaBakala 1 - 3):

ULwimi lweeNkobe Ulwimi lokufunda nokufundisa Inqanaba lolwimi lwe-ANA
isiXhosa isiXhosa IsiXhosa uLwimi lweeNkobe
Isi-Afrikansi Isi-Afrikansi Isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe
IsiNgesi IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lweeNkobe

KwiSigaba seSiseko, uvavanyo luya kuba kwinqanaba loLwimi lweeNkobe.

3.1.2 Inqanaba lolwimi lovavanyo kumaBakala 4 – 6 no-9

Abafundi abakumaBakala 4 – 6 no-9 baya kuvavanywa ngesiNgesi okanye ngesi-Afrikansi (nokuba ngaba kukwinqanaba loLwimi lweeNkobe okanye kukwinqanaba loLwimi lokuQala oLongezelelweyo) njengoko kuchaziwe apha ngasezantsi:

ULwimi lweeNkobe ULwimi lokuQala oLongezelelweyo I-LOLT (Ulwimi lokufunda nokufundisa) Inqanaba lolwimi lwe-ANA
IsiNgesi isiXhosa IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lweeNkobe
Isi-Afrikansi IsiNgesi Isi-Afrikansi Isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe
isiXhosa IsiNgesi IsiNgesi IsiNgesi FAL
IsiNgesi Isi-Afrikansi IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lweeNkobe
isiXhosa Isi-Afrikansi Isi-Afrikansi Isi-Afrikansi FAL
3.2 Ingxelo yesibini iya kufumaneka kwi-CEMIS phantsi kwe-Assessment / ANA tab yaye iya kubonisa i-LOLT yeklasi nganye. Kwizikolo ezisebenzisa i-iSAMS, kumele inkqubo yokungqinisisa i-ANA yenziwe ngokulandela ilinki kwi-front screen ye-iSAMS. Le ngxelo yesibini mayingqinisiswe ngutitshala oyintloko yebakala (grade head), ize isayinelwe yinqununu ungadlulanga umhla we-10 Meyi 2012.
3.3 Inkqubo yokungqinisisa ibaluleke gqitha njengoko ingcaciso iya kuthunyelwa kwiSebe leMfundo esiSiseko yaye iphinde isetyenziselwe iinjongo zokuprinta nokusa ii-ANA ezikolweni.

4. Ii-ANA ziya kubhalwa ngabafundi abalandela iNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke. Iinqununu ezinabafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa ababhala ii-ANA, mabangqinisise ukhubazeko oluphambili (primary disability) lomfundi ngamnye kwaba bafundi kwi-Learner Update sheet. Kubafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa ezintsha okanye ezingafakwanga kumaxwebhu obhaliso lwabafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa, inqununu mayingenise isicelo kuMcebisi wezeMfundo eneeMfuno eziZodwa (Special Needs Education Adviser) wesithili semfundo, noya kuqwalasela ezi zicelo ungadlulanga umhla we-14 Meyi 2012.

5. UMcebisi wezoPhuhliso loLawulo (Administration Development Advisor) kwisithili semfundo uya kubeka esweni aze athetha-thethane nazo zonke iinqununu ngokumalunga nenkqubela kubhaliso lwabafundi bebhalisela ii-ANA.

6. Ukungqinisiswa okokugqibela kwabafundi kuya kwenziwa ziinqununu ungadlulanga owe-10 Meyi 2012. Kuya kulandela emva koko ukufakwa okokugqibela kwengcaciso yobhaliso lwabafundi lwe-ANA kwinkqubo kazwelonke. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziprinte uxwebhu lobhaliso lwabafundi zilusayine zize zilungenise kumququzeleli wovavanyo okwisithili semfundo ungadlulanga umhla we-14 Meyi 2012.

7. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali liSebe iWCED ukuba zizalise iphetshana leempendulo eliqhotyoshelweyo zize zilithumele ngefeksi kuNksk S Gqotso apha 021 467 9370 ungadlulanga umhla we-14 Meyi 2012.

8. Kucelwa amagosa ezithili zemfundo neenqununu ukuba bancede bathathele ingqalelo okukule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:05:03

IPHETSHANA LEEMPENDULO LEZIKOLO EZIZIMELEYO  (ubukhulu: 62 KB)