1. Imimiselo ephathelele kolu xwebhu Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate inika ithuba abaviwa ababhale iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)), nokuba ngaba bangabaviwa abasisigxina okanye abangesosigxina, nabangakhange bazifezekise iimfuno ezingowona mlinganiselo mncinane wokufumana i-NSC, lokuba baphinde uviwo (iimviwo) kwisifundo esinye okanye kwizifundo ezingaphezu koko.
2. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo 0002/2010, eyayicacisa imiqathango ekuthi phantsi kwayo abaviwa abaphindayo babe nokwenza izifundo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (iimviwo zeNSC) emva kokuba babebhale iimviwo zeNSC kwithuba langaphambili.
3. Le ngcaciso imfutshane ifakela izilungiso kumhlathi 5.1 weNgcaciso eMfutshane yeCandelo loVavanyo 0002/2010, eyayinika inani lezifundo eliqingqiweyo umviwa osele epase iimviwo zeNSC anokuzenza. Aba baviwa ngoku bangabhalisela neliphi na inani lezifundo abanqwenela ukulibhala kwiimviwo zeNSC. Nokuba kunjalo, aba baviwa basanyanzelekile ukuba bazalisekise zonke iimfuno ezimiselweyo zesifundo ngasinye, kubandakanywa uvavanyo oluqhubekela esikolweni oluchaphazelekayo kunye/okanye imisebenzi yepraktikhali yeBakala 12.
4. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba zincede zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:03:19