1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye ne-National Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the General Education and Training Band (Government Gazette No. 29626 of 2007), ecacisa iimfuno ezingummiselo zokugqithela kwesinye isigaba kumaBakala R - 8 nokupasa kwiBakala 9.
2. Iimfuno ezingummiselo ezikhoyo ngoku zokugqithela kwesinye isigaba (progression) nokupasa uye kwelinye ibakala (promotion), njengoko zicacisiwe kwiGazethi kaRhulumente No. 29626, ziya kusetyenziswa kwiBakala 9 ngo-2012.
3. Izikolo eNtshona Koloni ziya kuqhubeka neeprogram zazo zovavanyo lwangaphakathi olwenziwa sisikolo yaye zibhale iimviwo zangaphakathi zazo kuzo zonke izifundo kwiBakala 9.
4. Iimviwo zangaphakathi zeBakala 9 eziza kubhalwa kwiKota 4 mazenze i-25% yamanqaku okupasa kwisifundo ngasinye.
5. Zonke ezinye iimvavanyo ezimiselweyo (formal assessments) kwiBakala 9 ziya kwenza i-75% yamanqaku okupasa okugqibela kwisifundo ngasinye.
6. Ishedyuli yokupasa yeBakala 9 ka-2012 iyafumaneka ngoku kwi-Centralised Education Management Information System, phantsi kwesi sihloko "Reports".
7. Njengoko bekusoloko kusenziwa kwixesha elidlulileyo, izikolo mazingenise ikopi yekhompyutha (electronic copy) yeshedyuli yokupasa yeBakala 9 kwi-ofisi yesithili semfundo sazo, ungadlulanga owe-7 Disemba 2012. Ii-ofisi zesithili semfundo mazingenise iCD enazo zonke iishedyuli zamanqaku zezikolo zazo kwiCandelo loLawulo loVavanyo ungadlulanga owe-13 Disemba 2012.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabazali abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI –JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:03:14

"Government Gazette No. 29626 of 2007"  (ubukhulu: 894 KB)