1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) libulela zonke izikolo ezithathe inxaxheba kwiiMvavanyo zikaZwelonke ezenziwa qho ngoNyaka ii-Annual National Assessments (ANA) zango-2011.
2. Ii-ANAs zango-2012 ziya kubhalwa ngekota yesithathu, ukususela nge-18 ukuya kwi-21 Septemba 2012.
3. Onke amaqela angoontanga abafundi bamaBakala 1 ukuya ku-6 neBakala 9 kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo kunye nakwizikolo ezizizmeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente kuya kufuneka zibhale ezi mvavanyo ngo-2012. Ithayimthebile iya kuba nokufumaneka yakuba nje ifikile ukuvela kwiSebe leMfundo esiSiseko.
4. ISebe iWCED liya kuphinda kwakhona lithembele kwinkxaso yenu ukuqinisekisa ulawulo nokubhalwa ngempumelelo kwezi mvavanyo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:02:15