1. Intshayelelo
1.1 Le ngcaciso imfutshane ithatha indawo yeNgcaciso eMfutshane yoLawulo loVavanyo 0016/2010, yaye yenzelwe ukucacisa uMgaqo-nkqubo i-National Policy Pertaining to the Programme and Promotion Requirements of the National Curriculum Statement Grades R – 12 ocacisa gca ngolawulo lotshintsho lwezifundo kumaBakala 10, 11 no-12 ukususela ngo-2013 kubheke phambili.
1.2 Inkqubo yalo lonke utshintsho lwezifundo ukusuka kwiBakala 10 ukuya kwele-12 mayibandakanywe kumgaqo-nkqubo wovavanyo wesikolo. Maluphetshwe naluphi na utshintsho lwezifundo kwiBakala 12 ngaphandle kokuba oko kuyimfuneko enkulu kwaye kulungiselela umfundi ochaphazelekayo ngeyona ndlela ibhetele.
1.3 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lizibophelele ekuqinisekiseni ukuthotyelwa ngokupheleleyo komgaqo-nkqubo wotshintsho lwezifundo nasekugqibeni ukubhalisela iimviwo zeNSC ngaphambi kwe-15 Matshi kunyaka ngamnye.
1.4 Ziyabongozwa iinqununu ukuba ziqinisekise kwasekuqaleni konyaka ngamnye ukuba bonke abafundi bamaBakala 10, 11 no-12 babhaliswe ngokuchanekileyo kwiCentral Education Management Information System (CEMIS).

2. Izicelo zokutshintsha izifundo zeBakala 12
2.1 Kwiimeko ezizodwa (exceptional cases), umfundi unokutshinstha isifundo esinye kwiBakala 12, ngokuxhomekeka ekubeni oko kwenziwa phambi kwe-31 Januwari kunyaka ngamnye.
2.2 Isicelo sotshintsho lwesifundo kwiBakala 12 masenziwe ngekhompyutha kwi-CEMIS yaye la maxwebhu alandelayo makathunyelwe, ngokuthi adlule kuqala kumququzeleli wovavanyo kwi-ofisi yesithili semfundo, kwiCandalo loLawulo loVavanyo (Directorate: Assessment Management), ebhalwe "For attention: A Jantjies, Room 5-30":
2.2.1 Ileta exhasayo enezizathu ezivokothekileyo evela kumzali okanye kumgcini womfundi
2.2.2 Ileta evela kwinqununu, exhasa olo tshintsho okanye enika izizathu zokungaluxhasi utshintsho olo
2.2.3 Ileta evela kutitshala wesifundo, ecacisa iprogram eza kulandelwa ukunceda umfundi afikelele kuloo miba yekharityhulam yebakala langaphambili ebelingagqitywanga.
2.3 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) nalo likwaxhalabile ngenxa yenani lezicelo zotshintsho lwezifundo, ngakumbi ukutshintshwa kweMathematika kwenziwe isifundo soLwazi lweMathematika (Mathematical Literacy) kwiBakala 12 kunyaka ngamnye. Kwiimeko ezininzi, ezi zicelo zisisiphumo sokungahlaziywa kotshintsho lwezifundo kwiCEMIS ngethuba leminyaka abafundi bekumaBakala 10 no-11.

3. Izicelo zokutshintsha izifundo zamaBakala 10 no-11
3.1 Ukususela ngo-2013 kubheke phambili, umhla wokuvala kokwenziwa kotshintsho lwezifundo kwiBakala 10 yi-31 Julayi kunyaka ngamnye. Zizifundo ezibini ezona zininzi ekuvumelekileyo ukuba zitshintshwe.
3.2 Ukususela ngo-2013 kubheke phambili, umhla wokuvala kokwenziwa kotshintsho lwezifundo kwiBakala 11 uya kuba ngowe-28 Februwari kunyaka ngamnye. Zizifundo ezibini ezona zininzi ekuvumelekileyo ukuba zitshintshwe.
3.3 Ukutshintshwa kwesifundo kumaBakala 10 no-11 kuxhomekeke ekuvunyweni yinqununu yesikolo apho umfundi abhaliswe khona. Izikolo mazenze utshintsho lwezifundo lwazo CEMIS kwakubanje kufumaneke imvume yenqununu. Izikolo mazifumane onke amaxwebhu abubungqina kwisicelo ngasinye njengoko kucacisiwe ku-2.2 ngasentla, malunga notshintsho kwiBakala 11 makunikezelwe ngamaxwebhu abubungqina kumququzeleli wovavanyo kwi-ofisi yesithili semfundo.
3.4 Iinqununu mazisayine iishedyuli zobhaliso (registration schedules) zamaBakala 10 no-11 kwiCEMIS ungadlulanga owe-31 Agasti kunyaka ngamnye. Ikopi yeeshedyuli zobhaliso zeCEMIS zamabaala 10 no-11 mazingeniswe kumphathi weze-IMG ngaphambi kokuphela kwekota yesithathu.
3.5 Xa abaphathi beze-IMG betyelela izikolo kwikota yesine ngenjongo ye-progression and promotion, mabaqinisekise ukuba iishedyuli ze-promotion zamaBakala 10 no-11 kwisikolo ngasinye zingqinelana nobhaliso lweCEMIS lwesikolo. Iinqununu ke ngoko mazibuye zinike abaphathi beze-IMG ngethuba lotyelelo lwabo ilisti yobhaliso lweCEMIS yamaBakala 10 no-11.

4. Izicelo zotshintsho lwezifundo neemfuno ezingummiselo zovavanyo oluqhubekela ezikolweni:
4.1 Iinqununu zezikolo maziqaphele ukuba abafundi bamabakala 10 ukuya kwele-12 baka-2013 kufuneka bazifezekise ngokupheleleyo iimfuno ezingummsielo zeSBA zesifundo esitsha.
4.2 Kubalulekile ukuba iinqununu zinike isikhokelo esisiso abaviwa nabazali malunga notshintsho lwezifundo.

5. Umfundi okwiBakala 10, 11 okanye 12 ofumana iingxaki ekufundeni ngenxa yokutshintsha isifundo akanakubeka tyala iSebe iWCED ngenxa yokutshintsha isifundo.

6. Ziyacelwa iinqununu namagosa ezithili zemfundo ukuba zazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane ootitshala, abazali nabafundi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:11:12