1. I-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) iya kuba iqhuba iikhosi, iinkomfa neesemina eziqhotyoshelweyo apha kwiziHlomelo A, B, C, D no-E zeenqununu, zamasekela eenqununu, zeentloko zamasebe ezifundo nezootitshala, ngethuba leekota zesikolo okanye ngeeholide zesikolo ngo-2013.

2. Amagosa ee-ofisi zezithili zemfundo makatyumbe ootitshala amabeze kwezi khosi zoqeqesho ze-CTLI aze yena umlawuli we-ofisi yesithili semfundo asayine amagama abatyunjiweyo phambi kokuba angeniswe kwi-CTLI. Ootitshala abanomdla wokuza kwezi khosi bacetyiswa kakhulu ukuba babhalise, ngokudlula kuqala kumagosa ee-ofisi zezithili zemfundo zabo. (Jonga isiHlomelo F ukufumana iinkcukacha zoqhagamshelwano zamagosa ee-ofisi zezithili zemfundo).

3. Ukubhalisela iinkomfa neesemina makwenziwe ngqo neCTLI.

4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuqesha ootitshala ababambeleyo endaweni yootitshala abaya kwiikhosi zeCTLI ngethuba leekota zesikolo, ngokuxhomekeke ekubeni

  • akukho titshala ungaphezu kwemfuneko (no teacher is in excess) kwisikolo eso;
  • utitshala obambeleyo akangotitshala ohlawulwa libhunga lolawulo; yaye
  • utitshala obambeleyo akasele ebambele omnye utitshala.
5. Luxanduva lwesikolo ukufumana nokutyumba utitshala oza kubambela utitshala oye ekhosini.

6. Iikhosi ziyaphinda-phindwa amaxesha amaninzi apha enyakeni ukwenzela ukuba ootitshala bakhethe iikhosi ezifundiswa ngamaxesha abanako ngawo ukuya ekhosini ngokupheleleyo (attend a full course).

7. Kuphela ngootitshala abayi-50 abanokubhaliselwa ikhosi nganye. Aba titshala baya kuthathwa kuzo zosibhozo ii-ofisi zezithili zemfundo. Oku kuthetha ukuba kuphela lelo nani liqingqiweyo lootitshala abanokuya ekhosini ngalo naliphi na ixesha.

8. Amagama abatyunjiweyo avela kwii-ofisi zezithili zemfundo, abo baza kuya kwiikhosi eziya kuqhutywa apha enyakeni, makafike kwiCTLI ungadlulanga owe-16 Novemba 2012. Kucelwa i-ofisi yesithili semfundo nganye ukuba ityunbe ubuncinane amagama ootitshala abasi-8 ngekhosi nganye.

9. Kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nala magosa aseCTLI alandelayo, ukufumana ingcaciso engaphezulu:

André Lamprecht, ifoni 021 900 5020 OKANYE alamprec@westerncape.gov.za ngazo zonke iikhosi zeSMT.
Magdalena Benn, ifoni 021 900 5016 OKANYE mabenn@westerncape.gov.za ngazo zonke iikhosi zeFP
Keith Scheepers, ifoni 021 900 5018 OKANYE kscheepe@westerncape.gov.za ngazo zonke iikhosi zeIP neSP

10. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:10:11

isiHlomelo A: IIKHOSI ZEPROGRAM YESIGABA SESISEKO 2013  (ubukhulu: 16 KB)
isiHlomelo B: IIKHOSI ZEPROGRAM YESIGABA ESIPHAKATHI 2013  (ubukhulu: 14 KB)
isiHlomelo C: IIKHOSI ZEEPROGRAM ZESIGABA SABADALA 2013  (ubukhulu: 13 KB)
isiHlomelo D: IIKHOSI ZEEPROGRAM ZOLAWULO LWESIKOLO 2013  (ubukhulu: 17 KB)
isiHlomelo E: IINKOMFA NEESEMINA 2013  (ubukhulu: 13 KB)
isiHlomelo F: ABaququzeleli be-CTLI kwii-ofisi zezithili zemfundo  (ubukhulu: 22 KB)