Umhla: 1 ne-2 Oktobha 2012
Indawo: Cape Teaching and Leadership Institute,
Nooiensfontein Road, Kuils River
Amaxesha: 1 Oktobha: 08:00 – 16:00
2 Oktobha: 08:00 – 13:00
Ngoobani abamele ukuya kuyo: Ootitshala beMathematika bamaBakala R – 9

1. I-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) imema ootitshala beMathematika bamaBakala
R – 9 ukuba bathathe inxaxheba kwiNkomfa yeziSombululo zeMathematika nokuba ngaba baza kwenza iinkcazo-ntetho okanye babe ngabathathi-nxaxheba.

2. Injongo

Injongo yale nkomfa yemathematika kukunika imizekelo yeendlela ekunokufundiswa ngazo imathematika ngempumelelo.


3. Ingcaciso enikwa abo baza kwenza iinkcazo-ntetho (presenters)
3.1 Ootitshala abanomdla ekwenzeni isifundo semathematika, ekufundeni iphepha elingokufundiswa kwemathematika okanye ekwenzeni lo masifundisane "a best practice" ("eyona ndlela ibhetele yokufundisa") oza kuqhutywa kule nkomfa kufuneka bakhokelwe zezi zinto zilandelayo:

  • Isifundo okanye iphepha okanye umasifundisane othi "How I teach" ("Indlela endifundisa ngayo") makasekelwe kwiNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yamaBakala R – 9 aze ayanyaniswe neNkcazo yeKharityhulam noVavanyo kaZwelonke.
  • Isifundo sifanele ukufundisa umba othile wesilabhasi yeMathematika kwibakala elithile.
  • Abathathi-nxaxheba kufuneka bathathe inxaxheba kwisifundo okanye kumasifundisane.
  • Ubude bexesha: Imizuzu engama-60. Nika imizuzu emi-5 – 10 yengxoxo yamaqela okanye yemibuzo.
  • Iindawo zendibano ziya kuba neetafile nezitulo eziphathekayo, i-datha projektha kunye nebhodi emhlophe.
  • Zonke iiwekhishithi (worksheets) zenkomfa ziya kuqokelelwa ziprintwe zenziwe incwadana. Oku kuthetha ukuba akukho mfuneko yokuba abenzi nkcazo-ntetho beze nezinye iikopi eziprintiweyo, ngaphandle kokuba abathathi-nxaxheba bacelwa ukuba basike okanye basonge amaphepha eewekhishithi.
  • Zonke izinto zokufunda ezingamaphepha kufuneka zitayitshwe zize ziprintwe kwiprinta yeleyiza (laser), ukuba unako. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuzidyuplikheyitha izinto zokufunda.
3.2 Ukuba unomdla wokwenza okuthile kule nkomfa, kucelwa uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo uze usibuyisele kuMnu K Scheepers kule nombolo yefeksi 021 900 5175/5027/5162 okanye kule dilesi ye-imeyili kscheepe@pgwc.gov.za ungadlulanga owe-17 Agasti 2012.

4. Ingcaciso enikwa abathathi-nxaxheba
4.1 Kucelwa ootitshala abangathanda ukuya kwinkomfa njengabathathi-nxaxheba ukuba bazalise iinkcukacha zabo kuluhlu lwesikolo kwisiHlomelo B.
4.2 Makuthunyelwe isiHlomelo B esizalisiweyo kuMnu K Scheepers kule dilesi ye-imeyili kscheepe@pgwc.gov.za okanye kuGaynor Matthews kule dilesi ye-imeyili gmatthew@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 900 5175/5027/5162 ungadlulanga uLwesihlanu, we-31 Agasti 2012.
4.3 Ubhaliso luya kuvalwa kwakuba kubhaliswe abathathi-nxaxheba bokuqala abayi-350.
4.4 Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iseshoni yeengxoxo zephaneli yamaqela (plenary panel discussion) neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye kwiindawo ezahlukeneyo (parallel sessions) ezenziwa ngabathathi-nxaxheba. Izikolo ezibhalisele le nkomfa ziya kufumana iinkcukacha zeprogram yenkomfa nge-imeyili ungadlulanga owa-21 Septemba 2012.

5. Amalungiselelo enkomfa
5.1 Abathathi-nxaxheba okanye abenza iinkcazo-ntetho abasuka kwii-ofisi zezithili zemfundo ezisemaphandleni abahamba umgama ongaphezu kwe-120 km ngohambo lokuya nokubuya bangalala kwihostele yaseCape Teaching and Leadership Institute ngobusuku bangeCawa, we-30 Septemba 2012 nangoMvulo, we-1 Oktobha 2012.
5.2 Indawo yokulala ehostele yaseCTLI iya kuhlawulwa liSebe iWCED.
5.3 Iindleko zohambo aziyi kuhlawulwa liSebe iWCED.

6. ISebe iWCED linethemba lokuba le nkomfa iya kuba ngamava abaya kuzuza lukhulu kuwo bonke ootitshala beMathematika abaya kubakho.

7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYULAM NOLAWULO LWEMVAVANYO
UMHLA: 2012:07:31

isiHlomelo A: "Presenter’s form"  (ubukhulu: 24 KB)
isiHlomelo B: "List of Participants"  (ubukhulu: 22 KB)