1. I-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) imema zonke iinqununu ukuba zibhalisele le nkomfa nokuba ngaba ziza kwenza iinkcazo-ntetho okanye njengabathathi-nxaxheba.

2. Injongo

Injongo yale nkomfa kukwabelana ngeembono, ngezona ndlela zibhetele nangamava malunga nolawulo nobunkokeli kwisikolo esiqhuba kakuhle.


3. Umhla, ixesha nendawo eya kuqhubekela kuyo inkomfa

Le nkomfa iya kuqhubeka ngoLwesine, we-4 Oktobha 2012, ukusuka ngo-08:00 – 16:00, nangoLwesihlanu, we-5 Oktobha 2012, ukusuka ngo-08:00 – 14:00, e-Cape Teaching and Leadership Institute, eNooiensfontein Road, eKuils River.


4. Ingcaciso enikwa abo baza kwenza iinkcazo-ntetho (presenters)
4.1 Abantu abanomdla wokufunda intetho ebhaliweyo okanye wokuqhuba umasifundisane malunga "nezona ndlela zibhetele zolawulo" kule nkomfa mabakhokelwe koku kulandelayo:
4.1.1 Abathathi-nxaxheba kwinkomfa mabathathe inxaxheba kumasifundisane.
4.1.2 Ithuba lenkcazo-ntetho: 60 imizuzu. Iingxoxo zamaqela okanye imibuzo mayinikwe imizuzu emi-5 ukuya kweli-10.
4.1.3 Kule nkomfa kuya kubakho iitafile nezitulo eziphatheka ngokulula, idatha-projektha, i-ovahedi-projektha, i-whiteboard ne-flipchart stand enephepha.
4.1.4 Zonke izinto ezibhaliweyo mazitayitshwe zize ziprintwe kwi-laser printer, ukuba kunokwenzeka. ISebe iWCED liya kuzidyuplikheyitha izinto ezibhaliweyo.
4.1.5 Iseshoni yengcaciso yabo bonke abenza iinkcazo-ntetho abakhethelwe iprogram, iya kuqhubeka ngoLwesine, we-30 Agasti 2012.
4.2 Ukuba unomdla wokwenza okuthile kule nkomfa nge-4 nange-5 Oktobha 2012, kucelwa uzalise isiHlomelo A uze usibuyisele kuMnu A Lamprecht kule dilesi ye-imeyili alamprec@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 900 5175/5027/5162 engadlulanga uLwesihlanu, we-24 Agasti 2012.

5. Ingcaciso enikwa abathathi-nxaxheba
5.1 Ziyacelwa iinqununu ezinganqweneli kwabelana ngezona ndlela zibhetele zolawulo ezikolweni zazo kodwa zifuna ukubakho kule nkomfa, ukuba zizalise isiHlomelo B.
5.2 IsiHlomelo B esizaliswe ngokupheleleyo masithunyelwe kuMnu A Lamprecht kule dilesi ye-imeyili alamprec@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 900 5175/5027/5162 engadlulanga uLwesihlanu, we-7 Septemba 2012.
5.3 Ubhaliso luya kuvalwa kwakuba kubhaliswe abathathi-nxaxheba bokuqala abayi-300.
5.4 Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iseshoni yomntu wonke neseshoni yeengxoxo zamaqela ngamaqela (plenary and parallel sessions). Iinqununu ezibhalisele le nkomfa ziya kufumana iinkcukacha zeprogram yenkomfa nge-imeyili ungadlulanga uLwesihlanu, we-21 Septemba 2012.

6. Amalungiselelo enkqubo yenkomfa
6.1 Abathathi-nxaxheba abahamba ngaphezu kwe-120 km ngohambo lokuya nokubuya, bangalala ehostele yaseCTLI ngobusuku bangoLwesithathu,we-3 Oktobha nangoLwesine, we-4 Oktobha 2012.
6.2 Indawo yokulala ehostele yaseCTLI iya kuhlawulwa liSebe iWCED.
6.3 Iindleko zohambo azisayi kuhlawulwa liSebe iWCED.
6.4 ISebe iWCED linethemba lokuba le nkomfa iya kuba ngamava eziya kuzuza lukhulu kuwo zonke iinqununu eziya kubakho kwinkomfa.
6.5 Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2012:07:17

isiHlomelo A: "Presenters form"  (ubukhulu: xx KB)
isiHlomelo B: "Registration form"  (ubukhulu: xx KB)