1. IZiko i-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI), libambisene noWoolworths, licela zonke iinqununu ukuba zibhalisele le semina ingentla apha.

2. Izithethi neZihloko
2.1 Simon Susman: Chairman Woolworths Holdings Limited (Non-Executive) – Leadership
2.2 Sam Ngumeni: Chief Operating Officer, Woolworths – Educating for the workplace
2.3 Braam Malherbe: Isithethi seMbeko

3. Umhla, iXesha neNdawo

Le semina iya kubangoMgqibelo we-4 Agasti 2012, ukususela ngo-08:00 ukuya ku-14:00 e-Cape Teaching and Leadership Institute, Nooiensfontein Road, Kuils River.


4. Ingcaciso yabathathi-nxaxheba
4.1 Ziyacelwa iinqununu ezinqwenela ukubakho kule semina ukuba zizalise esi siHlomelo A siqhotyoshelweyo.
4.2 IsiHlomelo A esizaliswe ngokupheleleyo masibuyiselwe kuMnu A Lamprecht kule dilesi ye-imeyili alamprec@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 900 5175 / 5027 / 5162 engadlulanga uLwesihlanu we-15 Juni 2012.
4.3 Ubhaliso luya kuvalwa kwakuba kubhaliswe abathathi-nxaxheba abayi-200 bokuqala.
4.4 Iprogram yesemina iya kuthunyelwa nge-imeyili kubo bonke abathathi-nxaxheba ababhalisileyo ngoLwesihlanu we-20 Julayi 2012.

5. Amalungiselelo ale semina
5.1 Abathathi-nxaxheba abahamba umgama ongaphezu kwe-120 km ngohambo lokuya nokubuya bangalala kwihostele yase-CTLI ngobusuku bangoLwesihlanu we-3 Agasti 2012.
5.2 Indawo yokulala kwihostele yase-CTLI iya kuhlawulelwa liSebe iWCED.
5.3 Iindleko zohambo aziyi kuhlawulwa liSebe iWCED.
5.4 ISebe iWCED lilindele ukuba kule semina kuzuzwe amava aya kuphuhlisa akhulise ulwazi lwazo zonke iinqununu eziya kubakho. Ibrendi yakwaWoolworths inxulunyaniswa nomgangatho oxhomileyo, yaye le semina iyinxalenye yokuzibophelela kukaWoolworths kwezemfundo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI -JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:05:22

IsiHlomelo A: IFOM YOBHALISO  (ubukhulu: 14 KB)