Umxholo wenkomfa: Teach, Apply and Live Reading and Writing
Umhla: 26 ne-27 Matshi 2012
Indawo: Cape Teaching and Leadership Institute,
Nooiensfontein Road, Kuils River
Amaxesha: 26 Matshi: 08:00 - 16:00
27 Matshi: 08:00 - 14:30
Ngoobani amabeze: Ootitshala bamaBakala R - 9

1. Isimemo

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) limema

  • Iinqununu zezikolo, ootitshala abasenkonzweni nabadla umhlala-phantsi bamaBakala R - 9, abacebisi ngezekharityhulam kunye nabameli abasuka kwimibutho engekho phantsi korhulumente nakumaziko emfundo ephakamileyo (tertiary education) ukuba bafake igalelo ngokufunda intetho ebhaliweyo, ngokwenza iinkcazo-ntetho okanye imiboniso kule nkomfa ichazwe apha ngentla; kunye

  • nootitshala bamaBakala R - 9 ukuba bathathe inxaxheba kule nkomfa.
2. Iinjongo

Iinjongo zale nkomfa kukwabelana ngeembono, ngezona ndlela zokufundisa zingcono nangamava ngokumalunga nokudalwa kothando lokuthanda ukufunda nokubhala, iindlela ezahlukeneyo zokufundisa ukufunda nokubhala, izicwangciso zongenelelo ngoncedo kwabo bafundi banzinyelwa kukufunda nokubhala kunye nokulawula isikolo esithanda ukufunda.


3. Ingcaciso enikwa abo baza kwenza inkcazo-ntetho (presenters)
3.1 Kucelwa iintlobo ezahlukeneyo zezinto emazenziwe ngabo baza kwenza inkcazo-ntetho:

  • Iseshoni yeDVD
  • Iphepha
  • Isifundo esibonisa okuthile
  • Imiboniso
  • Umasifundisane oneeseshoni zokufunda okanye zokubhala (izinto ezinako ukwenzeka)
3.2 Abantu abanomdla wokufunda iphepha, wokwenza umboniso wesifundo okanye umasifundiane kule nkomfa kucelwa ukuba baqaphele oku kulandelayo:

  • Siya kufuna le ngcaciso ilandelayo kuwe:
    • Isihloko senkcazo-ntetho yakho
    • Inkcazo emfutshane yokuqulethwe yiyo (eyona inde ibe liphepha elinye)
    • Imo yenkcazo-ntetho yakho (jonga kumhlathi 3.1)
  • Abathathi-nxaxheba kwinkomfa mabathathe inxaxheba kwinkcazo-ntetho.
  • Ithuba lenkcazo-ntetho: 60 imizuzu. Iingxoxo zamaqela okanye imibuzo mayinikwe imizuzu emi-5 ukuya kweli-10.
  • Kule nkomfa kuya kubakho iitafile nezitulo eziphatheka ngokulula, idatha-projektha, i-ovahedi-projektha, i-whitebaord ne-flipchart stand enephepha.
3.3 Ukuba unomdla wokwenza okuthile kule nkomfa, kucelwa uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo uze usithumele nge-imeyili kuMagdalena Benn kule dilesi mabenn@pgwc.gov.za okanye kuGaynor Matthews apha gmatthew@pgwc.gov.za okanye usithumele ngefeksi kule nombolo 021 900 5175 /5027 /5162 ungadlulanga owe-10 Februwari 2012.

4. Ingcacico enikwa abathathi-nxaxheba (participants)
4.1 Kucelwa ukuba ootitshala abangathanda ukuya kwinkomfa njengabathathi-nxaxheba bazalise iinkcukacha zabo kuluhlu lwesikolo kwisiHlomelo B.
4.2 IsiHlomelo B esizalisiweyo masibuyiselwe kuGaynor Matthews kule dilesi ye-imeyili gmatthew@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 900 5175 /50027 /5162.
4.3 Ubhaliso luya kuvalwa kwakuba kubhaliswe abathathi-nxaxheba bokuqala abayi-600. Kuya kubhaliswa ngokuthi kuthathwe ofike kuqala kunabanye. Ngako oko ke, qinisekisa ukuba ubhalisa ngokukhawuleza.
4.4 Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iseshoni yeengxoxo zamaqela (plenary panel discussion) neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye kwiindawo ezahlukeneyo ezenziwa ngabathathi-nxaxheba. Izikolo ezibhalisele le nkomfa ziya kwaziswa ngefoni ukuba luvunyiwe ubhaliso ungadlulanga owe-16 Matshi 2012.

5. Amalungiselelo enkqubo yenkomfa

Abathathi-nxaxheba okanye abenza iinkcazo-ntetho abasuka kwizithili zemfundo ezisemaphandleni abahamba ngaphezu kwe-120 km ngohambo lokuya nokubuya, bangalala ehostele ye-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) ngobusuku bangeCawe, ye-25 Matshi nangoMvulo we-26 Matshi 2012. Indawo yokulala iya kuhlawulwa liSebe iWCED. Abathathi-nxaxheba baya kuzihlawulela ngokwabo iindleko zohambo.


6. Kuya kwenziwa iseshoni yengcaciso eyenzelwa bonke abaza kwenza iinkcazo-ntetho abakhethiweyo kwiprogram, eCTLI, Nooiensfontein Road, Kuils River nge-15 Matshi 2012 ngo-14:00.

7. I-WCED inethemba lokuba le nkomfa iya kuba ngamava abaya kuzuza lukhulu kuwo bonke ootitshala abafundisa ukufunda nokubhala abaya kuya kuyo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI -JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2012:02:01

isiHlomelo A: Ifom yeSicelo saLowo uza kWenza inTetho  (ubukhulu: 14 KB)
isiHlomelo B: Uluhlu Lwesikolo Lwabo Baza Kuthatha Inxanxeba  (ubukhulu: 9 KB)