1. Ngo-2010, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lenze ngempumelelo iphulo elilingwayo leemvavanyo zenkqubo yemfundo kubafundi beBakala 9. Ukususela ngo-2011 iBakala 9 liya kufakwa ngokupheleleyo kuVavanyo lweNkqubo yeMfundo yeSebe iWCED (WCED Systemic Testing Programme). Zonke izikolo ezinabafundi abangaphezulu kwabahlanu beBakala 9 mazithathe inxaxheba kule nkqubo.
2. Njengoko kwakwazisiwe kwixesha elidlulileyo, ezi mvavanyo zenkqubo yemfundo zicwangciselwe ukuqala nge-12 kuye kwi-25 Oktobha 2011, yaye zithatha usuku olunye kwisikolo ngasinye. Zonke izikolo ziya kwaziswa ngemihla ethile yokubhalwa kweemvavanyo zazo, ngokuthi kuthunyelwe imbalelwano nge-imeyili nangeCEMIS.
3. Ucwangciso nolawulo lwezi mvavanyo zeBakala 9 lusekelwe kwiinkcukacha ezisekhompyutheni kwiCEMIS zomfundi ngamnye. Ngoko ke kubaluleke gqitha ukuba kuqinisekiswe ukuchaneka kwazo zonke iinkcukacha zabafundi.
4. Iimvavanyo zenkqubo yemfundo zibhalwa phantsi kwemiqathango engqongqo yoviwo kwaye luxanduva lwesikolo ngasinye ukuqinisekisa ukuba loo miqathango iyenziwa.
5. Izikolo ezinamanani aphezulu okungahanjwa kwesikolo ngosuku lovavanyo zinokuvavanywa kwakhona ngokwesigqibo sabaphathi abakhulu beSebe iWCED.
6. Ukugcina ukuthembakala kweziphumo, ezi mvavanyo zenkqubo yemfundo zenziwa ngababoneleli-nkonzo bangaphandle abazimeleyo.
7. Isikolo ngasinye siya kufumana ingxelo ngenkqubo yaso. Injongo kukunika ootitshala nabasebenzi abanika inkxaso ulwazi ngendlela abafundi abaqhuba ngayo kwiilwimi nemathematika, kunye nokunika inkxaso efanelekileyo.
8. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2011:07:18