1. Ngo-Oktobha 2010, iSebe leMfundo leNtshona Koloni laqhuba uphando olulingwayo olupheleleyo ukujonga amanqanaba olwazi kwiMathematika nakuLwimi. Eso neso isikolo siya kufumana iziphumo zaso kodwa iziphumo zeqela elihlanganisiweyo (consolidated cohort) aziyi kukhutshwa njengoko uvavanyo lweBakala 9 beluluphando olulingwayo.

2. Igqityiwe ngoku inkqubo yokuhlela iziphumo ngokwezikolo yaye ezi ziphumo ziya kufumaneka kwi-CEMIS ukususela nge-4 Matshi 2011. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zizijonge iziphumo zazo ngokukhawuleza ukwenzela ukuba zizibandakanye kwizicwangciso zazo zokuphucula isikolo. Iingxelo zezikolo ziya kubonisa iireyithi zokupasa eziquka konke (overall pass rates), amanqaku omndilili (mean scores) neyokupasa yeklasi nganye kwiinkalo ezivavanyiweyo.

3. Iziphumo zesikolo sakho zinokufumaneka kwiCEMIS ngokusebenzisa esi sikhokelo silandelayo:

  • Khetha i-ayithem yemenyu "Assessment". Kwi-drop-down menu, khetha u-"Grade 9 LitNum Results 2010 Pilot". Iziphumo zifanele ukuvela kwiskrini.
  • Ukuba iziphumo aziveli, yiya kwi-menu bar phezulu ukhethe u-"Tools". Emva koko khetha u-"Pop-up Blocker" uze ukhethe u-"Turn-off Pop-up Blocker" uklikhe.
  • Ucinyiwe ke ngoku u-"Pop-up Blocker" kwaye oku kwenza i-CEMIS iqale ekuqaleni.
  • Kwakugqitywa oku, khetha u-"Grade 9" ukubona iziphumo.
4. Nayiphi na imibuzo malunga nokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane mayibhekiswe ku-Dr RS Cornelissen kule nombolo yefoni. 021 467 2286 okanye kule dilesi ye-imeyili rcornelissen@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2011:03:03