1. I-PGWC iza kufudukela kwinethiwekhi yayo i-virtual private network (VPN) ngo-Agasti 2011 ukwenzela ukuba kungabikho mfuneko yokukhuphisana ngezibonelelo kuzwelonke namanye amasebe karhulumente.
2. Enye inzuzo ngale VPN, esele kugqitywe isigaba sokuqala sayo, kukuba onke amaziko ewebhu ePGWC aya kuba nendawo yawo odwa (dedicated space), oko ke kuya kunceda kakhulu ekufikeleleni kwiwebhu ngokukhawuleza.
3. Nakuba kunjalo, idomeyini (domain) iya kutshintshwa igama elingu-wcape ibe ngu-pgwc. Umzekelo: u-cemis.wcape.gov.za uya kutshintsha abe ngu-cemis.pgwc.gov.za aze u-lms.wcape.gov.za abe ngu-lms.pgwc.gov.za
4. Kucetyiswa ukuba utshintshe zonke ii-ayikhoni ii-favourites nee-desktop icons ngokungqinelana noku. I-wcape domain isasebenza (still active), kodwa iya kuyeka ukusebenza emva kwe-31 Julayi 2011.
5. Iziko lewebhu i-wced online alizi kuchatshazelwa okwethutyana (provisionally exempt) koku kuza kwenziwa njengoko i-DotP (Ce-I) isaphethe inkqubo yokujongisisa iziphumo zotshintsho. Ukutshintshwa kweli ziko lewebhu libe yidomeyini entsha kucwangciselwe ukwenziwa ebudeni bezi nyanga zintandathu zizayo.
6. Umyalezo uya kufakwa kwisikrini i-front screen kwi-key system nganye njengo-CEMIS ukwazisa bonke abasebenzisi ngezi nguqulelo zilapha ngentla.
7. Ukuba unemibuzo, qhagamshelana nomntu ogama linikwe kwiletahedi apha ngentla.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI -JIKELELE WECANDELO LOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2011:07:13