1. |
I-Centralised Education Management Information System (CEMIS) liziko ledatha laseburhulumenteni lokubhalisa abafundi leSebe iWCED nelisetyenziselwa oku kulandelayo:
- Ukubhalisela uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke seBakala 12
- UVavanyo lukaZwelonke lwaqho ngoNyaka (Annual National Assessments (ANAs))
- IiMvavanyo zenkqubo yeMfundo yeSebe iWCED yamaBakala 3, 6 no-9 (Qaphela ukuba kwezi mvavanyo iinkcukacha zomfundi ngamnye, kubandakanywa ulwimi lokufunda nokufundisa (language of learning and teaching (LOLT)), ziprintwe kwiincwadi zeempendulo yaye abafundi mabangaze bazitshintshe ezi nkcukacha.)
- Ulwabiwo lwemali ngokwemiMiselo nemiGangatho (Norms and Standards)
- Ukubalwa kwenani lootitshala nabasebenzi abaqeshwe esikolweni
- Ukuqulunqwa kweSNAP neSaveyi yaqho ngoNyaka (SNAP and Annual Survey)
- Ukubalwa kweencwadi zomsebenzi ne-LTSM
- Ukungqinisiswa kwezithuthi zabafundi
- Ukuqokelelwa kweengxelo zokuhamba isikolo kwabafundi kwizikolo eziqhelekileyo nakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa (special schools)
- Ukuzaliswa kwamaxwebhu abalulekileyo okucwangcisela nokunika ingxelo ngezemfundo
- Ukubonelelwa kobungqina bophicotho-zincwadi kuMtshutshisi-Jikelele
- Ukulandelela ukupasa kwabafundi kunye nokungena nokuphuma kwabo kwinkqubo yemfundo yesikolo iphela
|
2. |
Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba zingqinisise ukuchaneka kwedatha yazo njengoko iseyiviwe (saved) kwi-CEMIS ukuqinisekisa ukuchaneka xa isetyenziswa ekucwangciseni nasekwenzeni imisebenzi edweliswe apha ngasentla. |
3. |
Ingxelo yokuNgqinisiswa kweLOLT kwi-CEMIS mayisetyenziselwe ukungqinisisa i-LOLT kwiklasi nganye nomfundi ngamnye. Ingxelo ingafumaneka ngokubeka ikhesa ku-ASSESSMENTS kwimenyu ye-CEMIS nokuklikha ku-LOLT Verification. Inani labafundi beklasi nganye namanani e-LOLT abhaliweyo aya kukuvumela ukuba ubone naziphi na iimpazamo kwi-LOLT. La manani anxityelelanisiwe namanye amacandelo (hyperlinked) kwaye, xa eklikhiwe, aya kukuthatha akuse kwisarini apho UNOKULUNGISA (CORRECT) khona i-LOLT yabafundi. Izilungiso ezinjalo mazenziwe phambi kowe-29 Julayi 2011. |
4. |
IiMvavanyo zeNkqubo yeMfundo zeSebe iWCED zicwangciselwe i-12 - 25 Oktobha 2011, kufuneka iinkcukacha zabafundi bamaBakala 3, 6 no-9 zingqinisiswe ungadlulanga owe-29 Julayi 2011 kuba izikripthi zeemvavanyo ziya kuprintwa emva kwalo mhla, kusetyenziswa ingcaciso ekwi-CEMIS. Idatha ye-CEMIS iya kufakwa iibhakhowudi kwiincwadi zeemvavanyo nezeempendulo nganye nganye, yaye ke ngoko kufuneka zichaneke 100% ukuqinisekisa ukubhalwa kweemvavanyo okungenamagingxi-gingxi. |
5. |
Xa kungqinisiswa idatha, kucelwa uqinisekisa ukuba:
- umfundi ngamnye ukwibakala neklasi echanekileyo
- i-LOLT yomfundi ngamnye ichanekile; kwaye
- iskrini se-CEMIS sokusayina sizaliswa yinqunununu yesikolo ungadlulanga owe-29 Julayi 2011 ukuqinisekisa inkqubo yokungqinisisa i-LOLT.
|
6. |
Njengoko inqununu ijongene nokuchaneka kwedatha yesikolo, ulawulo lokucocwa kwedatha ye-CEMIS okwenziwa yinqununu yesikolo kubaluleke kakhulu.
|
7. |
Ukufumana uncedo, ungabiza ngokulula igosa leCEMIS lokunika inkxaso lesithili. Inombolo yamahala ye-CEMIS ngu-0800 204 800.
|
ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA:2011:06:21
|
|