1. Ngo-Apreli 2010, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) laphumeza i-e-Mobility data cards ne-virtual private network connection (VPNC) njengeendlela ezinoqoqosho nezilawulekayo zoqhagamshelwano onokuhamba-hamba nalo (mobile connectivity).

2. INgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loLwazi 0002/2010 eyayimalunga ne-Introduction of e-Mobility Data Cards to the WCED, ye-2010-05-28, yathunyelwa kumagosa eSebe iWCED ukucacisa ngeenkqubo ze-e-Mobility (Funda ISIHLOMELO A).

3. Okuye kwalandela emva kokusetyenziswa kwe-e-Mobility, yaba yintlaninge yeenkqubo zokuphucula ne-upgrades ezongezwayo kwisistim ye-e-Mobility ukuphucula ukusebenza kwayo zaza iinguqu zanikwa inkxaso yiProvincial e-Mobility Forum.

4. Ifasilithi yeVPNC imalunga nokusetyenziswa kwe-e-Mobility data card ukungena kwiisistim ezikhuselweyo zemisebenzi yeSebe eyenziwa ngekhompyutha nakumaziko ewebhu (anjenge-EduInfoSearch) angafikelelekiyo kuluntu.

5. Abasebenzisi beesistm (users) beSebe iWCED abanqwenela ukwenza isicelo se-e-Mobility data cards nokufikelela kwiVPNC mabalandele inkqubo yeKomiti i-Departmental Information Technology Committee (DITCOM), yaye bazalise kwakhona ezinye iifom ezichaphazelekayo ezinikwe kule ngcaciso imfutshane ikhankanywe apha ngasentla.

6. Ukungena kwi-e-Mobility neVPNC kwenzelwe amagosa aye athi, ubukhulu bexesha lomsebenzi wawo, ibe ngumsebenzi awenza engekho se-ofisini nalapho ukungena kwiisistim zeSebe iWCED nakwi-imeyili kubaluleke kakhulu kwimisebenzi yawo yemihla ngemihla.

7. Malunga nokufakwa okokuqala ngqa okanye ukulungiselelwa ii-data cards, kucelwa ufunde i-MTN e-Mobility Setup Guidelines (ANNEXURE B) wazi okulapho kuzo.

8. Uya kufumana i-invoyisi qho ngenyanga nentlawulo esisigxina ye-R95 yesixhobo se-e-Mobility. Kucelwa uqinisekise ukuba i-invoyisi ibonisa inombolo yeselula echanekileyo uze ke wenze intlawulo efunekayo zingadlulanga iintsuku eziyi-30 zokufika kwe-invoyisi nganye. Iindleko zedatha ziya kuhlawulwa liSebe leNkulumbuso, iCandelo i-Centre for e-Innovation.

9. Ukufumana inkxaso yezobugcisa engaphezulu malunga ne-e-Mobility neVPNC kucelwa usebenzise le foni yamahala ejongene kuphela ne-e-Mobility 0800 106 443 ukulogisha ifoni oyenzileyo (logging a call) (Funda ISIHLOMELO C). Xa ulogisha ifoni oyenzileyo, i-ophareyitha ekwi-ofisi yokunceda abasebenzisi iya kucela ukuba uyinike i-MSISDN o.k.t. inombolo yeselula u-083 enxulumene nedatha yekhadi lakho (ISIHLOMELO D).

10. Kucelwa ukhumbule ukuba mayisoloko ilungile inombolo yeMSISDN xa uza kulogisha zonke iifoni ze-e-Mobility nezeVPNC ozenzileyo. Ukuba akuyifumani inombolo yakho yeMSISDN, kucelwa uqhagamshelane neli gosa lesebe elijongene ne-e-Mobility, Ernest Modibane, kule nombolo yefoni 021 467 9322 okanye kule dilesi ye-imeyili emodiban@pgwc.gov.za

11. I-'cap' kwi-e-Mobility ibonisa owona mlinganiselo ophezulu okanye obekiweyo wokusetyenziswa kwedatha ligosa elinelungelo loko ngenyanga. Kufuneka usebenzise kuphela umlinganiselo wexesha obekiweyo wokubrawuza i-Intanethi okanye umthamo owunikiweyo wokukopela amaxwebhu (download space) qho ngenyanga. Apha ngezantsi kunikwe umlinganiselo wenyanga omiselweyo weSebe iWCED njengoko uvunywe yi-Provincial e-Mobility Forum:

  1. MEC, SG NE-DDG = 1500MB (1.5 Gigabytes);
  2. ABalawuli abaziiNtloko naBalawuli = 1000MB (1.0 Gigabytes); yaye
  3. Abangengomalungu eSMS = 500MB (0.5 Gigabytes).
12. Kucelwa uqaphele ukuba nawuphi na umlinganiselo obekiweyo awugcinelwa ixesha elizayo xa ungasetyenziswanga (does not accumulate) (o.k.t. unelungelo lokusebenzisa kwalaa mlinganiselo wenyanga nganye, kwaye xa ungasetyenziswanga awudluliselwa kwixesha elizayo). Ukufakwa kwakhona kwe-e-Mobility kwenziwa ngosuku lokuqala lwenyanga nganye. Ukuba ufikelele ekupheleni komlinganiselo wokusebenzisa obekiweyo nanini na ebudeni benyanga awuyi kukwazi ukuqhagamshelana usebenzise ikhadi ledatha lakho kwaye uya kunyanzeleka ukuba ulindele ukufakelwa kwayo okulandelayo, ngaphandle kokuba unokunika izizathu ezithethelela ukongezelelwa komlinganiselo wakho.

13. Kucelwa usebenzise umlinganiselo wakho obekiweyo ngendlela eya kuthintela ukugqiba umlinganiselo wakho phambi komhla wokufakelwa kwakhona. Ezi ngcebiso zilandelayo zingakunceda ukunciphisa amathuba okukhawuleza ugqibe umlinganiselo wakho owusebenzisa ngenyanga:

  • Yicime okanye ukhethe u "Cancel" kwi-software updates okanye kwi-pop-ups) (ezinjengeWindows, Adobe neMTN updates).
  • Kuphephe ukukopela iifayili ezinkulu ezikwi-Intanethi.
  • Likhuphe ikhadi (disconnect the card) xa lingasetyenziswa.
  • Soloko usebenzisa ikhebhile yoqhagamshelwano eqhelekileyo xa usebenza use-ofisini.
14. Isixhobo sewebhu ekulula ukusisebenzisa senzelwe ukukunceda utshekishe icap status yakho nanini na. Ungafikelela kwesi sixhobo ngokulandela imiyalelo enikwe KWISIHLOMELO E.

15. Abasebenzisi abanqwenela ukuba i-cap yabo yandiswe mabalandele inkqubo yokwenza isicelo yeDITCOM baze bazalise nefom yeChange Control. Isicelo sakho siya kuqwalaselwa ngokunxulumene nomsebenzi wakho nezizathu ezikuthethelelayo ozinikileyo. Isigqibo sokugqibela sixhomekeke kwiDITCOM, isebenzisana nembali yakho yamaziko ewebhu atyelelweyo.

16. La maxwebhu alandelayo aqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane:

  • ANNEXURE A: Knowledge Management Minute - Access guidelines
  • ANNEXURE B: MTN e-Mobility setup guidelines
  • ANNEXURE C: e-Mobility and VPNC call logging procedure
  • ANNEXURE D: WCED MSISDN library spreadsheet
  • ANNEXURE E: Capping tool guide
17. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, kucelwa ufonele umntu obhalwe kule letahedi ingentla.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2011:03:17

isiHlomelo A: "Instructions on how to access Knowledge Management Minute - 0002/2010"  (ubukhulu: 284 KB)
isiHlomelo B: "Instructions for Setting Up an MTN eMobility Data Card"  (ubukhulu: 419 KB)
isiHlomelo C: "e-Mobility and VPNC call logging procedure"  (ubukhulu: 55 KB)
isiHlomelo D: "WCED MSISDN library"  (ubukhulu: 45 KB)
isiHlomelo E: "Capping Tool User Manual"  (ubukhulu: 74 KB)